Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO KUTHENI KUKHO IINTLUNGU EZINGAKA? ZIYA KUPHELA NINI?

Kufa Abantu Abaninzi Abamsulwa!

Kufa Abantu Abaninzi Abamsulwa!

Intombazanana enguNoelle yayibathanda abantu, ithanda nokuzoba. Ngenye injikalanga yemini eyayishushu xa yayidlala emva kwendlu kowayo yatshona edamini. Yarhaxwa kwiiveki nje ezimbini ngaphambi kokuba igqibe iminyaka emine.

UCharlotte, uDaniel, uOlivia noJosephine . . . Aba ngabanye babantwana abayi-20 abaneminyaka emithandathu nesixhenxe kumaxhoba ayi-26 awadutyulwa ngoDisemba 14, 2012 kwisikolo saseConnecticut eUnited States. Kwinkonzo yomngcwabo, uMongameli uObama wawabiza onke amagama aloo maxhoba, waza wathi kubantu ababelapho: “Zimele ziphele iintlekele ezinje.”

UBano owayeneminyaka eyi-18, wemka nentsapho yakhe eIraq ngo-1996 bayokuhlala eNorway. Okulusizi kukuba, ngoJulayi 22, 2011, uBano waba ngomnye wamaxhoba ayi-77 awabulawa ngumntu owazingomb’ isifuba esithi: “Ndiyaxolisa . . . ndibulele abambalwa kakhulu.”

Zininzi iingxelo ezihlasimlis’ umzimba ngolo hlobo ehlabathini jikelele. Khawucinge ngeentlungu ezibangelwe ziingozi, ulwaphulo-mthetho, iimfazwe, ubugrogrisi, iintlekele zemvelo kunye nezinye izinto ezibuhlungu onokucinga ngazo. Abantu abaninzi bangcungcuthekile baza bafa ngaphandle kwesizathu.

Abantu abaninzi basola uThixo besithi uMdali wethu akakhathali. Abanye bathi uThixo uyazibona ezi zinto zibuhlungu kodwa akenzi nto ngazo. Ukanti abanye bathi ezi ntlungu zamiselwa kwangaphambili. Kubonakala ngathi abantu banezimvo ezininzi. Sinokuzifumana phi ezona mpendulo? Kumanqaku alandelayo siza kuyekela iLizwi likaThixo iBhayibhile lisiphendule ukuba kutheni kukho iintlekele ezingaka nendlela eziza kupheliswa ngayo.