Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 FUNDISA ABANTWANA BAKHO

UThixo Uyakhathazeka—Indlela Esinokumvuyisa Ngayo

UThixo Uyakhathazeka—Indlela Esinokumvuyisa Ngayo

Ngaba wakhe wakhathazeka kakhulu de walila? * Phantse sonke sakhe sakhathazeka ngaloo ndlela. Ngamanye amaxesha, sisenokulila kuba singonwabanga. Omnye umntu usenokuthetha ubuxoki ngathi. Loo nto inokusikhathaza, andithi?— Naye uThixo uyakhathazeka xa kuxokwa ngaye. Makhe sithethe ngoku size sibone indlela esinokumvuyisa ngayo uThixo kunokuba simkhathaze.

IBhayibhile ithi kwakukho abantu ababesithi bayamthanda uThixo, kodwa bamenza ‘waziva ebuhlungu.’ Akukho mntu unokwenza into ebuhlungu emzimbeni kaYehova uThixo, kuba unamandla amakhulu. Masibone ke ukuba kutheni uYehova ekhathazeka xa singayenzi into athi masiyenze.

Abantu bokuqala ababini abadalwa nguYehova emhlabeni bamenza wakhathazeka kakhulu. Aba bantu babekwa kwiParadesi esemhlabeni ekwakusithiwa ‘ngumyezo wase-Eden.’ Yayingoobani amagama abo?— Unyanisile, yayinguAdam, kwaza emva kwakhe kwadalwa uEva. Makhe sibone ukuba yintoni le bayenzayo yaza yakhathaza uYehova.

Emva kokuba uYehova ebabeke kuloo myezo, wathi mabawugcine kakuhle bawulungise. Wabachazela nokuba banokuba nabantwana baze bahlale kuloo myezo bangafi. Kodwa ngaphambi kokuba uAdam noEva babe nabantwana, kwenzeka into embi. Uyayazi kwenzeka ntoni?— Enye ingelosi yabangela ukuba uEva angammameli uYehova, waza noAdam akammamela. Makhe sibone ukuba kwenzeka njani oko.

 Le ngelosi yashukumisa umlomo wenyoka ukuze ibe ngathi iyathetha. Wayithanda uEva le nto yayithethwa yinyoka, kuba yathi wayeza kuba “njengoThixo.” Wenza kanye loo nto yayithethwa yinyoka. Uyayazi ukuba yintoni leyo?

UEva watya kulo mthi uYehova wayeyalele uAdam ukuba bangawutyi. Ngaphambi kokuba uThixo adale uEva, wathi kuAdam: “Kuyo yonke imithi yomyezo ungadla wanele. Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungadli kuwo, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.”

UEva wayewazi loo mthetho. Kodwa yena uEva waqhubeka ewujongile, “wabona ukuba umthi wawulungele ukudliwa kwanokuba wawulangazeleleka emehlweni . . . Ngoko wathabatha eziqhameni zawo waza wadla.” Emva kokuba etyile wanika uAdam ‘naye wadla.’ Ucinga ukuba kwakutheni ukuze uAdam atye naye?— Kungokuba uAdam wayethanda uEva ngaphezu kukaYehova. Wakhetha ukuvuyisa yena kunoThixo. Kodwa, ukumamela uYehova kubaluleke ngaphezu kokumamela nabani na!

Usayikhumbula inyoka eyathetha noEva? Kanye njengokuba umntu enokwenza unodoli abe ngathi uyathetha, kukho umntu owenza la nyoka yangathi iyathetha. Yayililizwi likabani elo?— Yayililizwi ‘lenyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi, noSathana.’

Thina singamvuyisa njani ke uYehova?— Unokumvuyisa xa uzama ukummamela ngalo lonke ixesha. USathana uthi unokwenza abantu benze le nto afuna bayenze. Yiyo ke loo nto uYehova esithi: “Yiba nobulumko, nyana wam [okanye ntombi yam], uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam, ukuze ndimphendule ondingcikivayo.” USathana uhlekisa ngoYehova. USathana uthi unokwenza bonke abantu bayeke ukukhonza uYehova. Wena ke, kufuneka umvuyise uYehova ngokummamela uze umkhonze! Uza kukwenza ke oko?

^ isiqe. 3 Ukuba ufunda nomntwana, isikhewu senzelwe ukuba umvumele aphendule.