Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Vumela Amagama Abonisa Ukuchasana Kwezibakala Akuncede

Vumela Amagama Abonisa Ukuchasana Kwezibakala Akuncede

Ngaba akuvumi ukuba uYesu ngoyena Mfundisi uphum’ izandla kwabakha baphila emhlabeni? Mhlawumbi ukhe wazama ukuxelisa indlela awayefundisa ngayo, njengokusebenzisa imibuzo nemizekeliso. Kodwa ngaba ubusazi ukuba maxa wambi wayethanda ukusebenzisa amagama abonisa ukuchasana kwezibakala xa efundisa?

Baninzi abantu abasebenzisa le ndlela xa bethetha. Unokuyenza le nto ungacinganga nokucinga. Mhlawumbi unokuthi, “Bathe zonke ezi ziqhamo zivuthiwe; noko ke, esi sona sisaqinile.” Okanye, “Wayekade engumntwana oneentloni, kodwa ngoku liqhakraqhakra lentombi.”

Kwiimeko ezinjengezi, uqala ngokuvelisa isibakala, emva koko uthethe into echaseneyo naso ngokusebenzisa amagama anjengathi kodwa, noko ke, kunoko, okanye elithi kwelinye icala. Okanye unokubonisa ukuchasana kwezibakala ngokongeza inkcazelo okanye ngokuphuhlisa ingongoma. Xa uthetha ngolo hlobo, ivakala lula kwabanye into ozama ukuyithetha.

Nakuba le ndlela yokuthetha ingasetyenziswa kangako kwezinye iilwimi, simele siyixabise indlela ebaluleke ngayo. Ngoba? Kaloku isetyenziswa kakhulu kwiLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. UYesu wayethanda ukusebenzisa amagama abonisa ukuchasana kwezibakala. Wayedla ngokuthi: “Abantu balumeka isibane baze basibeke, kungekhona phantsi kwengobozi yokulinganisa, kodwa phezu kwesiphatho sezibane.” ‘Andizanga kutshabalalisa [uMthetho], kodwa ndize kuwuzalisekisa.’ “Nivile ukuba kwathiwa, ‘Uze ungakrexezi.’ Kodwa mna ndithi kuni wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi . . . . ” “Nivile ukuba kwathiwa, ‘Iliso ngeliso nezinyo ngezinyo.’ Ke mna, ndithi kuni: Musani ukumchasa lowo ungendawo; kodwa othe wakumpakaza esidleleni sakho sasekunene, mphethulele nesinye.”Mat. 5:15, 17, 27, 28, 38, 39.

Ikhona imizekelo elolu hlobo nakwezinye iincwadi zeBhayibhile. Inokukunceda uqonde ingongoma ethile okanye ugxininise indlela ebhetele yokwenza into ethile. Ukuba ungumzali, cinga ngalo mzekelo: “Nani, boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efe. 6:4) Ukuba uPawulos wayesuke nje wathi uyise (okanye unina) umele aqeqeshe umntwana wakhe ngendlela kaThixo, wayeya kuba unyanisile yaye uthetha ngobulumko. Sekunjalo, icaca ngakumbi ingongoma yakhe xa esithi ‘bangabacaphukisi kodwa babakhulisele ekweyiselweni kwengqondo kuYehova.’

Kamva kweso sahluko, uPawulos wathi: “Sizamazamana, kungekhona negazi nenyama, kodwa . . . kwanemikhosi yoomoya abangendawo  kwezasezulwini iindawo.” (Efe. 6:12) Lo mzekelo usinceda siqonde kakuhle ukuba sikumlo onzima. Asilwi nje nabantu; kunoko, silwa nemikhosi yoomoya abangendawo.

NGENELWA KUMAGAMA ABONISA UKUCHASANA KWEZIBAKALA

Kwakule ncwadi iya kwabase-Efese, uPawulos uphinda asebenzise le ndlela yokuthetha kwiivesi ezininzi. Ukucinga ngayo kunokusinceda siyiqonde lula ingongoma kaPawulos size sicacelwe yinto esimele siyenze.

Uya kukunandipha ukuhlolisisa isicangca esikweli nqaku esibonisa imizekelo ekule ncwadi iya kwabase-Efese isahluko 4 nese-5. Njengoko ufunda umzekelo ngamnye, cinga ngobakho ubomi. Zibuze: ‘Ndinjani mna kule nkalo? Ndenza ntoni mna xa ndikule meko okanye efana nayo? Abantu bangathi mna ndiwela kweliphi icala?’ Ukuba ufumanisa ukuba kukho inkalo ethile ekufuneka usebenzele kuyo, zama ukuyilungisa. Vumela amagama abonisa ukuchasana kwezibakala akuncede.

Okanye usenokusebenzisa esi sicangca kunqulo lwentsapho. Okokuqala, intsapho yonke isenokufunda ezo zibhalo zinamagama abonisa ukuchasana kwezibakala. Emva koko, omnye wenu usenokuchaza elinye icala, baze abanye bazame ukugqibezela eso sibhalo ngokuchaza inxalenye eseleyo yaso. Loo nto inokuninceda nincokole ngendlela eninokusisebenzisa ngayo isiluleko esikwinxalenye yokugqibela. Ukuhlolisisa le mizekelo kunokunceda abancinane nabadala baziphathe njengamaKristu ekhayeni nakwezinye iindawo.

Ngaba usayikhumbula inxalenye eseleyo yesibhalo?

Njengoko ufunda ngale mizekelo, uya kukhawuleza uyibone xa ivela eBhayibhileni, ibe inokude ikuncede kumsebenzi wokushumayela. Ngokomzekelo, unokuthi kumninimzi: “Abantu abaninzi bathi umphefumlo awufi, kodwa khawuve ukuba iLizwi likaThixo lithini apha.” Okanye xa uqhuba isifundo seBhayibhile, unokubuza: “Abantu abaninzi kule ngingqi bakholelwa ukuba uThixo noYesu bangumntu omnye; kodwa ke, sifunde ntoni eBhayibhileni? Wena ukholelwa ntoni?”

IZibhalo zinemizekelo emininzi yamagama abonisa ukuchasana kwezibakala, nto leyo enokusinceda senze izinto ngendlela kaThixo. Sinokuyisebenzisa le mizekelo naxa sinceda abanye bazi inyaniso yeBhayibhile.