Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yenza Izigqibo Zobulumko

Yenza Izigqibo Zobulumko

“Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda.”IMIZE. 3:5.

1, 2. Ngaba uyakuthanda ukwenza izigqibo, yaye uvakalelwa njani ngezigqibo osele uzenzile?

IZIGQIBO! Kufuneka sizenze yonke imihla. Uvakalelwa njani ngokwenza izigqibo? Bambi basoloko befuna ukuzenzela izigqibo kuyo yonke into. Bakholelwa ukuba banelungelo lokuzenzela izigqibo yaye abafuni nokumbona umntu obaxelela into amabayenze. Noko ke, kukho abo bakoyikayo ukwenza izigqibo ezibalulekileyo. Abanye babhenela kwiincwadi nabacebisi, de bahlawule imali eninzi ukuze bafumane amacebiso.

2 Abaninzi kuthi bayaqonda ukuba zikho izinto ezingaphaya kwamandla ethu; sekunjalo, siyazi nokuba kwiinkalo zobomi ezininzi, sinenkululeko yokuzikhethela into esifuna ukuyenza. (Gal. 6:5) Noko ke, asisoloko sisenza izigqibo zobulumko neziyingenelo.

3. Luluphi ulwalathiso esinalo ngokuphathelele ukwenza izigqibo, ibe luluphi ucelomngeni esihlangabezana nalo?

3 Njengabakhonzi bakaYehova siyavuyiswa yinto yokuba eye wasinika ulwalathiso olucacileyo kwiinkalo ezininzi zobomi bethu. Siyazi ukuba, xa sithobela imiyalelo yakhe, siya kwenza izigqibo eziya kuba yingenelo kuthi nezimkholisayo. Kodwa ke, kusenokuvela iimeko ezingachazwanga ngokungqalileyo eBhayibhileni. Xa kunjalo singayazi njani into esimele siyenze? Ngokomzekelo, siyazi ukuba ubusela abufuneki. (Efe. 4:28) Kodwa yintoni egqibayo ukuba umntu uyeba? Ngaba bubungakanani baloo nto ayithathileyo, isizathu sokuyithatha okanye kukho enye into? Sinokugqiba njani kwimibandela ekubonakala kungekho mthetho ucacileyo kuyo? Yintoni enokusinceda?

UKWENZA IZIGQIBO NGENGQONDO EPHILILEYO

4. Liliphi icebiso esikhe silifumane xa kufuneka senze isigqibo?

4 Xa sixelela omnye umKristu ukuba kukho isigqibo  esibalulekileyo ekufuneka sisenzile, usenokusicebisa ukuba sisenze ngengqondo ephilileyo. Licebiso elihle kakhulu elo. Xa isilumkisa ngokungxama ekwenzeni isigqibo, iBhayibhile ithi: “Wonk’ ubani ongxamayo ngokuqinisekileyo usingisa ekusweleni.” (IMize. 21:5) Kodwa kuthetha ntoni ukwenza izigqibo ngengqondo ephilileyo? Ngaba oku kuthetha ukuba ekuphela kwento efunekayo kukuzinika nje ixesha elaneleyo lokucinga, sicingisise kakuhle ngaloo mbandela size sisebenzise ingqiqo? Zonke ezi zinto zibalulekile, kodwa kufuneka okungakumbi ukuze senze izigqibo ngengqondo ephilileyo.Roma 12:3; 1 Pet. 4:7.

5. Kutheni singazalwa sinengqondo ephilileyo?

5 Simele sivume ukuba akakho kuthi ozalwa enengqondo ephilileyo. Ngoba? Kaloku, sonke sinesono yaye asifezekanga, yiyo loo nto kunzima ngathi ukuba nengqondo ephilileyo. (INdu. 51:5; Roma 3:23) Ukongezelela, abaninzi kuthi babephakathi kwabo ‘babemfanyekiswe’ iingqondo nguSathana; sasingamazi uYehova nemilinganiselo yakhe yobulungisa. (2 Kor. 4:4; Tito 3:3) Ngoko, ukuba besinokwenza izigqibo ngokusekelwe koko sivakalelwa kukuba kulungile yaye kusengqiqweni, besiya kuba siyazikhohlisa enoba sicingisise kangakanani ngaso.IMize. 14:12.

6. Yintoni enokusinceda sibe nengqondo ephilileyo?

6 Nakuba thina singafezekanga, uBawo wethu uYehova ufezeke kwiinkalo zonke. (Dut. 32:4) Uye wasinika oko sikudingayo ukuze sitshintshe indlela esicinga ngayo size sifunde ukuba nengqondo ephilileyo. (Funda eyesi-2 kuTimoti 1:7.) NjengamaKristu kufuneka siqale sicinge size sisebenzise ingqiqo sandule ke ukwenza. Ngoko simele sifunde ukulawula iingcinga neemvakalelo zethu size sixelise indlela uYehova acinga, avakalelwa nenza ngayo izinto.

7, 8. Ngawaphi amava abonisa ukuba singenza isigqibo esifanelekileyo naxa sixinezelekile?

7 Khawucinge ngalo mzekelo. Kuqhelekile ukuba abantu abafudukele kwelinye ilizwe bathumele iintsana zabo emva ekhaya ebazalini ukuze bona baqhubeke nempangelo kwelo lizwe. * Omnye umfazi ohlala kwilizwe lasemzini wazala inkwenkwe. Kanye ngelo xesha, waqalisa ukufunda iBhayibhile waza wenza inkqubela ebonakalayo. Ekunye nomyeni wakhe baphekwa besophulwa ngabahlobo nezalamane zabo ukuba baluthumele ebazalini olo sana. Noko ke ngenxa yoko wayekufunda, lo mfazi wayiqonda into yokuba yimbopheleleko yakhe ayinikwe nguThixo ukukhulisa umntwana wakhe. (INdu. 127:3; Efe. 6:4) Ngaba naye wayeza kulandela umndilili amthumele, okanye wayeza kuthobela iBhayibhile ngaloo ndlela ezibeka esichengeni sokuphulukana nomvuzo kuquka ukugculelwa ngabanye? Wawuya kuthini ukuba yayinguwe?

8 Exinezelekile ngenxa yale meko, lo mfazi waphalaza imbilini yakhe kuYehova, ecela uncedo. Emva kokuchazela ibhinqa elalimfundela iBhayibhile nabanye ebandleni ngale ngxaki, lo mfazi watsho wayiqonda kakuhle indlela avakalelwa ngayo uYehova. Wacingisisa nangentlungu ababa kuyo abantwana abakhula ngaphandle kwabazali babo. Emva kokucingisisa ngoko kuthethwa yiBhayibhile, wagqiba kwelokuba  angamthumeli ekhaya umntwana wakhe. Umyeni wakhe wabona indlela amalungu ebandla akhawuleza ngayo ukubanceda nendlela umntwana awayonwabe nawayondleke ngayo. Wavuma ukufundelwa iBhayibhile waza waya kwiintlanganiso nomfazi wakhe.

9, 10. Kuthetha ukuthini ukwenza izigqibo ngengqondo ephilileyo, ibe sinokukwenza njani oko?

9 Lo ngumzekelo nje omnye, kodwa ubonisa kakuhle ukuba ukwenza izigqibo ngengqondo ephilileyo akuthethi nje ukwenza oko thina nabanye sicinga ukuba kufanelekile. Iingqondo neentliziyo zethu ezingafezekanga zinokufana newotshi emane ibaleka iphinde icothe kakhulu. Ukuxhomekeka kuyo bekuya kusifaka kweyona yakha yankulu ingxaki. (Yer. 17:9) Ukuze siphephe ukungena engxakini, simele siqinisekise ukuba iingcinga neemvakalelo zethu zilawulwa yimilinganiselo kaThixo.—Funda uIsaya. 55:8, 9.

10 IBhayibhile isibongoza isithi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” (IMize. 3:5, 6) Qaphela eli binzana lithi “ungayami ngokwakho ukuqonda.” Lilandelwa lelithi “uze umgqale [uYehova].” Nguye onengqondo ephile ngokupheleleyo. Ngoko ngaphambi kokwenza isigqibo, simele sikhangele imbono kaThixo eBhayibhileni sandule ke senze isigqibo. Xa sisenjenjalo sixelisa ingqondo kaYehova.

QEQESHA AMANDLA AKHO OKUQONDA

11. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze senze izigqibo zobulumko?

11 Akukho lula ukwenza izigqibo zobulumko size sizifezekise. Oku kusenokuba nzima ngakumbi kwabo basandul’ ukubhaptizwa. Noko ke, nabo banako ukwenza inkqubela. IBhayibhile ibabiza ngokuba ‘ziintsana’ kuba basaqingqa. Xa umntwana efunda ukuhamba uqala aqingqe, awe evuka de aqhele. Kunjalo ke nangabo bafuna ukwenza izigqibo zobulumko. UPawulos wathi abantu abaqolileyo ‘ngabo bathe ngokuwasebenzisa amandla abo okuqonda bawaqeqeshela  ukwahlula okulungileyo nokubi.’ Igama elithi “ngokuwasebenzisa” nelithi “bawaqeqeshela” abonisa ukuba kufuneka siqhubeke sisenza umgudu.Funda amaHebhere 5:13, 14.

Xa sisenza izigqibo ezifanelekileyo kwizinto ezincinane, siqeqesha amandla ethu okucinga (Funda isiqendu 11)

12. Yintoni enokusinceda senze izigqibo zobulumko?

12 Njengoko kuchaziwe ngaphambili, kufuneka senze izigqibo eziliqela yonk’ imihla, ezibalulekileyo nezingabalulekanga kangako. Olunye uphando lubonisa ukuba kangange-40 pesente yezinto esizenzayo asizicingisisi. Ngokomzekelo, ntsasa nganye kufuneka ugqibe ngento oza kuyinxiba. Usenokuyijonga njengento engenamsebenzi uze ungayicingisisi nakangako, ngakumbi ukuba ungxamile. Kodwa kubalulekile ukucingisisa enoba into oza kuyinxiba iyakufanela kusini na njengomkhonzi kaYehova. (2 Kor. 6:3, 4) Xa uthenga impahla, usenokucinga ngempahla ekwifashoni, kodwa kuthekani ngokundiliseka nexabiso layo? Ukwenza ukhetho olululo kwezi zinto kuya kusinceda siqeqeshe amandla ethu okucinga size sikwazi ukwenza izigqibo zobulumko nakwizinto ezibaluleke ngakumbi.Luka 16:10; 1 Kor. 10:31.

YIBA NOMNQWENO WOKWENZA OKULUNGILEYO

13. Yintoni enokusinceda sifezekise izigqibo zethu?

13 Sonke siyazi ukuba ukwenza izigqibo nokuzifezekisa, zizinto ezimbini ezahlukileyo. Ngokomzekelo, bambi abafuna ukuyeka ukutshaya bayoyisakala kuba kungekho nto ibakhuthazayo. Eyona nto ifunekayo kukuba bazimisele ekubambeleleni kweso sigqibo basenzileyo. Abanye bathi umnqweno wethu ufana nezigalo. Okukhona sizisebenzisa, kokukhona zisomelela. Ukuba asizisebenzisi qho, ziba buthathaka. Yintoni ke enokusinceda sizimisele ngakumbi ukufezekisa izigqibo zethu? Kufuneka sithembele kuncedo lukaYehova.Funda eyabaseFilipi 2:13.

14. UPawulos wawafumana phi amandla okwenza oko wayesazi ukuba kulungile?

14 UPawulos wayesazi kakuhle ukuba kunzima ukwenza okulungileyo. Wakha wathi: “Umnqweno ukho kum, kodwa amandla okwenza oko kuhle akakho.” Wayeyazi into amele ayenze, kodwa maxa wambi kwakukho into emthintelayo. Wavuma wathi: “Ngokwenene ndiyayoliswa ngumthetho kaThixo ngokomntu endinguye ngaphakathi kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa nomthetho wengqondo yam yaye undithimbela emthethweni wesono osemalungwini am.” Ngaba wayengenathemba? Akunjalo. Wandula ke wathi: “Ndiyambulela uThixo ngaye uYesu Kristu iNkosi yethu!” (Roma 7:18, 22-25) Waphinda wathi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.”Fil. 4:13.

15. Kutheni simele sizimisele ukwenza oko kulungileyo?

15 Kucacile ukuba, ukuze sikholise uThixo simele sigqibe ngoko kulungileyo size sizimisele ukukwenza. Khumbula amazwi awathethwa nguEliya kubanquli bakaBhahali namaSirayeli awayewexukile kwiNtaba ye­Karmele: “Koda kube nini na nimbaxa? Ukuba uYehova nguThixo oyinyaniso, landelani yena; kodwa ukuba nguBhahali, landelani yena.” (1 Kum. 18:21) Oonyana bakaSirayeli babekwazi oko babemele bakwenze, kodwa ‘babembaxa.’ Ngokwahlukileyo, kwiminyaka ngaphambili, uYoshuwa wamisela umzekelo omhle xa wathi kumaSirayeli: “Ukuba kubi emehlweni enu ukukhonza uYehova, zikhetheleni namhlanje  ukuba ­ngubani na eniya kumkhonza . . . Ke mna nendlu yam, siya kukhonza uYehova.” (Yosh. 24:15) Ukuzimisela kwakhe kwaphumela entwenini? UYoshuwa nabo bamthelelayo basikelelwa ngokungeniswa kwiLizwe Lesithembiso, “ilizwe eliqukuqela ubisi nobusi.”Yosh. 5:6.

YENZA IZIGQIBO ZOBULUMKO UZE USIKELELWE

16, 17. Yenza umzekelo obonisa iingenelo esinokuzifumana xa sisenza ukuthanda kukaYehova.

16 Cinga ngenye imeko ekhe yenzeka. Umzalwana osandul’ ukubhaptizwa utshatile, ibe unabantwana abathathu. Ngeny’ imini, umntu asebenza naye wamcebisa ukuba batshintshele kwenye inkampani ehlawula bhetele. Umzalwana wethu wacingisisa nzulu ngalo mba waza wathandaza. Lo msebenzi akuwo nongahlawuli kangako wayewukhethe kuba efuna ukungaphangeli ngempela-veki, ukuze akwazi ukuya kwiintlanganiso nasentsimini nentsapho yakhe. Waqonda ukuba kuza kuthatha ixesha ngaphambi kokuba abe nenkululeko elolu hlobo ukuba uwuthathile lo msebenzi mtsha. Wawuza kuthini wena?

17 Emva kokucinga ngendlela olwaluya kuchaphazeleka ngayo ulwalamano lwakhe noYehova, wagqiba ekubeni angawuthathi loo msebenzi. Ngaba wazisola? Nakancinane. Wavakalelwa kukuba ukusondela kuYehova kwakuyeyona nto ibalulekileyo kuye nentsapho yakhe kunomvuzo othe kratya. Benomfazi wakhe bavuya kakhulu xa intombi yabo eneminyaka elishumi yabaxelela ukuba iyabathanda bona kunye nabazalwana noodade, ibe ithanda noYehova. Yathi ifuna ukuzahlulela kuYehova ize ibhaptizwe. Imel’ ukuba yancedwa ngumzekelo omhle kayise wokwenza uYehova abe ngoyena mntu ubalulekileyo kubomi bakhe.

Yenza izigqibo zobulumko uze ufumane uvuyo phakathi kwabantu bakaThixo (Funda isiqendu 18)

18. Kutheni kubalulekile ukwenza izigqibo zobulumko yonk’ imihla?

18 UYesu Kristu, uMoses omkhulu, ebesoloko ekhokela abanquli bokwenyaniso bakaYehova kangangamashumi eminyaka kweli hlabathi likaSathana liyintlango. NjengoYoshuwa Omkhulu, uYesu sele ekulungele ukuphelisa le nkqubo ingendawo aze akhokelele abalandeli bakhe kwilizwe elitsha lesithembiso elinobulungisa. (2 Pet. 3:13) Eli asiloxesha lokubuyela kwindlela esasikade sicinga ngayo, imikhwa, imilinganiselo namabhongo. Lixesha lokuba sikuqonde kakuhle ukuthanda kukaThixo. (Roma 12:2; 2 Kor. 13:5) Izigqibo nokhetho olwenza imihla ngemihla lumele lubonise ukuba uyakufanelekela ukusikelelwa nguThixo ngonaphakade.Funda amaHebhere 10:38, 39.

^ isiqe. 7 Esinye sezizathu zokuthunyelwa kwabazukulwana ekhaya kukuze kuqhayiswe ngabo kubahlobo nezalamane.