Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ubuvulindlela Bomeleza Ulwalamano Lwethu NoThixo

Ubuvulindlela Bomeleza Ulwalamano Lwethu NoThixo

“Kulungile ukuculela uThixo wethu uncuthu lwengoma.”INDU. 147:1.

1, 2. (a) Yintoni edla ngokwenzeka xa sicinga size sithethe ngomntu esimthandayo? (Bona umfanekiso osekuqaleni) (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyiqwalasela?

UKUCINGA nokuncokola ngomntu esimthandayo kuyalomeleza ulwalamano lwethu naye. Kunjalo ke nangolwalamano esinalo noYehova uThixo. Esengumalusi, uDavide wayedla ngokuchitha ubusuku ejonge esibhakabhakeni aze abone indlela emangalisa ngayo imisebenzi yoMdali. Wathi: “Xa ndibona amazulu akho, imisebenzi yeminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozilungiseleleyo, uyintoni na umntu ofayo le nto umkhumbulayo, nonyana womntu wasemhlabeni le nto umnyamekelayo?” (INdu. 8:3, 4) Emva kokucingisisa ngendlela ezaliseka ngayo injongo kaYehova ngokuphathelele amaKristu athanjisiweyo, naye umpostile uPawulos wathi: “Hayi ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobolwazi lukaThixo!”Roma 11:17-26, 33.

2 Xa sishumayela ebantwini, sicinga size sithethe ngoYehova. Oko kuyalomeleza ulwalamano lwethu naye. Oovulindlela abaninzi bafumanisa ukuba baya bemthanda uThixo njengoko bechitha ixesha elingakumbi entsimini. Enoba sele unguvulindlela okanye usacinga ngokuba nguye, nantsi into omele uyicinge: Ukuba nguvulindlela kunokulomeleza njani ulwalamano lwakho noYehova? Ukuba unguvulindlela, zibuze oku, ‘Yintoni eza kundinceda ndihlale kule nkonzo izisa iintsikelelo ezingaka?’ Ukuba akukabi nguvulindlela, zibuze, ‘Luluphi uhlengahlengiso endimele ndilwenze ukuze ndibe nguye?’ Makhe siqwalasele iinkalo obuya kusinceda kuzo ubuvulindlela someleze ulwalamano lwethu noThixo.

 UBUVULINDLELA NOLWALAMANO LWETHU NOTHIXO

3. Ukuncokola nabanye ngeentsikelelo eziza kuziswa buBukumkani kusinceda njani?

3 Ukuncokola nabanye ngeentsikelelo eziza kuziswa buBukumkani kusisondeza kuYehova. Sisiphi isibhalo odla ngokusifunda xa ushumayela kwindlu ngendlu? Ngaba yiNdumiso 37:10, 11; uDaniyeli 2:44; uYohane 5:28, 29; okanye siSityhilelo 21:3, 4? Sihlandlo ngasinye sincokola nabanye ngezo zithembiso, sitsho sikhumbule ukuba uThixo wethu ngumphi wokwenene waso “sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo.” Oku kusisondeza ngakumbi kuye.Yak. 1:17.

4. Kutheni sikuxabisa ngakumbi ukulunga kukaThixo xa sibona ubugxwayiba abakubo abantu esishumayela kubo?

4 Ukubona ubugxwayiba abakubo abo sishumayela kubo kusinceda siyixabise ngakumbi inyaniso. Abantu abasehlabathini abanalo ulwalathiso oluthembekileyo oluya kubanceda baphumelele baze bonwabe. Inkoliso yabo ixhalatyiswa likamva ibe ayinathemba. Ifuna ukwazi intsingiselo yobomi. Nenkoliso yabo bahamba icawa ayinalwazi lungako ngeZibhalo. Ifana nqwa nabantu beNineve yamandulo. (Funda uYona 4:11.) Xa sichitha ixesha elingakumbi entsimini, size sibone ubugxwayiba abakubo abantu esishumayela kubo, kuba kokukhona siyiqonda kakuhle inyhweba esinayo yokuba uYehova uyasinyamekela. (Isa. 65:13) Sitsho sikhumbule ukuba uYehova ulungile kuba akapheleli nje ekunyamekeleni iintswelo zabakhonzi bakhe bodwa. Uvulela wonk’ ubani ithuba lokufumana intuthuzelo nethemba lokwenene.ISityhi. 22:17.

5. Ukufundisa abanye inyaniso kusinceda njani kwezethu iingxaki?

5 Xa sifundisa abanye inyaniso, sitsho sifunde ukungazixhalabisi ngokugqithiseleyo ngezethu iingxaki. Kwenzeka kanye loo nto kuTrisha, uvulindlela othe ngxi, xa abazali bakhe baqhawula umtshato. Uthi: “Elo yaba lelona xesha lakha lanzima kubomi bam.” Ngenye imini wayeziva engafuni kuya ndawo ngenxa yentlungu akuyo, sekunjalo waya kuqhuba isifundo seBhayibhile nabantwana abathathu ababesentlungwini engathethekiyo. Babeshiywe nguyise baza baphathwa kakubi gqitha ngubhuti wabo. Uthi: “Ndafumanisa ukuba incinane gqitha intlungu endikuyo xa ithelekiswa neyabo. Njengokuba sasifunda, lwaya lubhalwa ebusweni babo uvuyo nemihlali. Abo bantwana baba sisipho esivela kuYehova, ngakumbi loo mini.”

6, 7. (a) Ukholo lwethu lomelezwa njani kukufundisa abanye inyaniso yeBhayibhile? (b) Luba njani uxabiso esiba nalo ngobulumko bukaThixo xa sibona izifundo zeBhayibhile zisenza utshintsho ngenxa yokusebenzisa imigaqo yeZibhalo?

6 Ukufundisa abanye inyaniso kuyalomeleza ukholo lwethu. Ebhala ngamaYuda athile exesha lakhe awayengakwenzi oko akufundisayo, umpostile uPawulos wathi: “Ngaba, . . . wena ufundisa uthile ongomnye, akuzifundisi na wena?” (Roma 2:21) Noko ke, oovulindlela esinabo namhlanje abakho njalo! Banexesha elininzi lokufundisa abanye inyaniso nokuqhuba izifundo zeBhayibhile. Ukuze bakwazi ukwenza oku, kufuneka balungiselele isifundo ngasinye de benze nophando ukuze baphendule imibuzo ethile. Omnye uvulindlela ogama linguJaneen uthi: “Sihlandlo ngasinye ndifundisa abanye inyaniso, ndifumanisa ukuba iya ibetheleleka ngakumbi nakum. Ngenxa yoko, ukholo lwam alumanga ndawonye, luya lukhula.”

7 Ukubona izifundo zeBhayibhile zisenza utshintsho ngenxa yokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kusinceda sibuxabise ngakumbi ubulumko bukaThixo. (Isa. 48:17, 18) Oku kukhuthaza nathi ukuba siqhubeke sisebenzisa le migaqo kubomi bethu. Omnye uvulindlela, uAdrianna uthi: “Abantu bangena kwiingxaki ezingathethekiyo xa bethembela  kubulumko babo. Kodwa bathi besakuthembela kobo bukaYehova, bancedakale ngoko nangoko.” Ephinda la mazwi, uPhil uthi: “Nkqu nabo bebesele bencamile kwiinzame zabo, xa bebhenela kuYehova uye abancede.”

8. Ukushumayela nabazalwana bethu entsimini kusinceda njani?

8 Ukushumayela nabazalwana bethu entsimini kuyasakha. (IMize. 13:20) Inkoliso yoovulindlela ichitha ixesha elininzi ishumayela nabazalwana noodade. Oku kubanika ithuba elininzi ‘lokukhuthazana.’ (Roma 1:12; funda iMizekeliso 27:17.) ULisa onguvulindlela uthi: “Emsebenzini abantu basoloko bekhuphisana yaye bemonelana. Mihla le bahlala behleba yaye bekhupha into ebolileyo ngomlomo. Eyona nto ibalulekileyo kubo kukuba phambili, kungakhathaliseki ukuba unyathela bani na. Maxa wambi, basuka bakugculele okanye bahlekise ngawe kuba nje ungumKristu. Kodwa, kona ukushumayela nabazalwana bam kuyandikhuthaza. Ndibuya ndihlaziyekile, nakuba ndidiniwe.”

9. Ukuba nguvulindlela kunye neqabane lomtshato kuba naliphi igalelo kwiqhina lomtshato?

9 Ukuba ngoovulindlela namaqabane ethu omtshato komeleza iqhina lomtshato. (INtshu. 4:12) UMadeline, onguvulindlela kunye nomyeni wakhe uthi: “Sinomyeni wam siye sichithe ixesha sincokola ngentsimi okanye into esiyifunde eBhayibhileni enokusinceda entsimini. Nyaka ngamnye sisiba ngoovulindlela kunye, siya sisondelelana ngakumbi.” NoTrisha uthi: “Sobabini sisebenzela ukungabi namatyala, ngoko asikhe sixabane ngemali. Sinocwangciso lwentsimi olufanayo, ngoko siyancedisana ekubuyeleni ebantwini nasekuqhubeni izifundo zeBhayibhile, nto  leyo esimanyanisa ngakumbi nesisondeza kuYehova.”

Ukuxakeka kwinkonzo yobuvulindlela kusenza siphile ubomi obanelisayo (Funda isiqendu 9)

10. Xa sibeka uBukumkani kwindawo yokuqala size sibone ukuba uYehova uyasixhasa, iba njani intembelo yethu kuye?

10 Xa sibona indlela uYehova asixhasa naphendula ngayo imithandazo yethu, sitsho sithembele kuye ngakumbi. Yinyaniso ukuba oku kuba njalo kubo bonke abakhonzi bakhe abathembekileyo. Kodwa abo bakule nkonzo bafumanisa ukuba ukuthembela kuYehova kubanceda baqhubeke bengoovulindlela. (Funda uMateyu 6:30-34.) UCurt, onguvulindlela aphinde abambele umveleli wesiphaluka wavuma ukutyelela ibandla elikude kumgama weeyure ezimbini. Ekuphela kwepetroli ababenayo nomfazi wakhe okwanguvulindlela yayanele nje ukuya kwelo bandla, bengenayo eyokubuya, kwabe kusasele iveki yonke ngaphambi kokuba barhole. UCurt uthi, “Sasingaqinisekanga enoba senze isigqibo esisiso kusini na.” Emva kokuthandaza, bagqiba ekubeni baye, beqinisekile ukuba uThixo uza kubanyamekela. Kwathi kanye xa beza kuhamba bafowunelwa ngomnye udade ebaxelela ukuba kukho isipho afuna ukubanika sona. Kwathi kanti yiloo mali babeyifuna kanye ukuze bakwazi ukubuya kwelo bandla. UCurt uthi, “Xa kusoloko kusenzeka izinto ezinje kuwe, kulula ukubona ukuba uxhaswa nguYehova.”

11. Ziziphi ezinye zeentsikelelo ezifunyanwa ngoovulindlela?

11 Oovulindlela basoloko befumanisa ukuba xa bezibhokoxa ekukhonzeni uYehova, bezabalazela ukuba nolwalamano oluhle naye, baye ‘bafikelwe’ ziintsikelelo ezingathethekiyo. (Dut. 28:2) Noko ke, ubuvulindlela buneengxaki zabo. Akakho umkhonzi kaThixo ogonyiweyo ekufumaneni iingxaki ezabangelwa yimvukelo ka-Adam. Nakuba kukho oovulindlela abakhe bathi xhaa, ezi ngxaki zinako ukoyiswa okanye ziphetshwe. Yintoni enokunceda oovulindlela bahlale belinandipha eli lungelo lenkonzo?

UKUHLALA UNGUVULINDLELA

12, 13. (a) Yintoni emele yenziwe nguvulindlela xa kunzima ukufikelela iiyure azisikelweyo? (b) Kutheni kubalulekile ukuzipha ixesha lokufunda iBhayibhile, ukufundisisa nokucamngca yonke imihla?

12 Inkoliso yoovulindlela inocwangciso oluxakekileyo. Ngumgudu ukwenza yonke into uyigqibe, ngoko kufuneka ukwazi kakuhle ukuzenzela ucwangciso. (1 Kor. 14:33, 40) Ukuba uvulindlela ukufumanisa kunzima ukuzalisa iiyure entsimini, kusenokufuneka ahlolisise indlela alisebenzisa ngayo ixesha lakhe. (Efe. 5:15, 16) Kusenokufuneka azibuze oku: ‘Lingakanani ixesha endilichitha ekuzonwabiseni nasekuzihlaziyeni? Ngaba kukho iinkalo ekufuneka ndibuyise kuzo ukuze ndiphucule? Ngaba kukho uhlengahlengiso endimele ndilwenze kumsebenzi wempangelo?’ Nawuphi na umKristu uya kuvuma ukuba kulula ukuzibona sele uxakeke zezinye izinto ongakhange uzicinge; ngoko oovulindlela kusenokufuneka bahlale behlolisisa iimeko zabo baze benze uhlengahlengiso xa kuyimfuneko.

13 Phakathi kwezinto ezikucwangciso lukavulindlela kukufunda iBhayibhile yonk’ imihla, ufundisiso lobuqu nokucamngca. Ngenxa yoku, kufuneka uvulindlela akwazi ukuzibamba ukuze izinto ezingabalulekanga zingaphazamisani nexesha alibekele ezo zinto zibalulekileyo. (Fil 1:10) Ngokomzekelo, masithi lo vulindlela uyagoduka emva kokusebenza nzima imini yonke entsimini. Ngaloo ngokuhlwa, uceba ukulungiselela iintlanganiso ezizayo. Kodwa uqala ngokufunda iileta azibhalelweyo. Emva koko, ufunda iiemail zakhe ekhompyutheni aze aziphendule. Ngoxa ekwi-intanethi, ungena kwiWebhsayithi ukuze ajonge ukuba ixabiso lenye into ebeyifuna alehlanga na. Uqabuka  sele kugqithe phantse iiyure ezimbini engekayiqali nokuyiqala le ebefuna ukuyenza. Kutheni kuyingxaki nje oko? Iimbaleki kufuneka zinyamekele imizimba yazo ukuze zingaphelelwa ngamandla. Ngendlela efanayo, kufuneka oovulindlela bafundisise rhoqo ukuze bangaphelelwa ngamandla kumsebenzi wabo wobuvulindlela.1 Tim. 4:16.

14, 15. (a) Kutheni oovulindlela bemele baphile ubomi obulula? (b) Ukuba uvulindlela uvelelwa ziingxaki, yintoni amele ayenze?

14 Oovulindlela abaphumelelayo bazama ukuphila ubomi obulula. UYesu wakhuthaza abafundi bakhe ukuba bagcine iliso labo lingenakumbi. (Mat. 6:22) Naye wayephila ubomi obulula ukuze angaphazamiseki kubulungiseleli bakhe. Wathi: “Iimpungutye zinemingxuma neentaka zezulu zineendlwana, kodwa yena uNyana womntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.” (Mat. 8:20) Ekubeni efuna ukuxelisa uYesu, uvulindlela umele akhumbule ukuba okukhona ezongezela ubunewunewu, kokukhona aza kuzixakekisa.

15 Oovulindlela bayaqonda ukuba ilungelo abanalo alithethi kuthi babhetele kunabanye. Kunoko, naliphi ilungelo lenkonzo esinalo silifumana ngenxa yobubele bukaThixo obungasifanelanga. Ngenxa yoku, ukuze uvulindlela akwazi ukuqhubeka enguvulindlela, umele ahlale ethembele kuYehova. (Fil. 4:13) Kusenokuvela iingxaki. (INdu. 34:19) Xa zivela, oovulindlela bamele bafune ulwalathiso lukaYehova ukuze abancede, kunokukhawuleza banikezele baze bayeke ukuba ngoovulindlela. (Funda iNdumiso 37:5.) Njengokuba uThixo onothando ebanceda, baya kusondela ngakumbi kuye njengoYise wasezulwini onenkathalo.Isa. 41:10.

NGABA NAWE UNOKUBA NGUVULINDLELA?

16. Ukuba unqwenela ukuba nguvulindlela, yintoni omele uyenze?

16 Ukuba unqwenela ukuxhamla kwiintsikelelo ezifunyanwa ngoovulindlela, chaza umnqweno wakho kuYehova. (1 Yoh. 5:14, 15) Ncokola nabanye oovulindlela. Zibekele usukelo oluza kukunceda ube nguvulindlela. Yiloo nto kanye eyenziwa nguKeith noErika. Bobabini babephangela, ibe njengezinye izibini ezilingana nabo, bathenga indlu nemoto bakugqiba nje ukutshata. Bathi: “Sasicinga ukuba ezo zinto ziza kusinika ulwaneliseko—kodwa loo nto ayizange yenzeke.” Wathi uKeith akuphelelwa ngumsebenzi, waba nguvulindlela ongumncedani. Uthi: “Ukuba nguvulindlela kwandikhumbuza indlela endonwaba ngayo xa ndisentsimini.” Baba ngabahlobo nesibini esingoovulindlela esabanceda bayibona indlela ekonwabisa ngayo ukuphila ubomi obulula nokuba ngoovulindlela. UKeith noErika benza ntoni? “Sabhala izinto esifuna ukuzenza ephepheni, salixhoma efrijini, saza samana ukukrwelela nganye kuzo xa siyigqibile.” Ethubeni, bakwazi ukuba ngoovulindlela.

17. Kutheni kunokukunceda ukucinga ngokuhlengahlengisa ubomi bakho ukuze ukwazi ukuba nguvulindlela?

17 Ngaba nawe unokuba nguvulindlela? Ukuba okwangoku akuyiboni loo nto isenzeka, zama ngamandla akho onke ukusondela ngakumbi kuYehova ngokushumayela kangangoko unako. Xa uzihlolisisa uze uthandaze, usenokufumanisa ukuba lukho uhlengahlengiso onokulwenza ukuze ube nguvulindlela. Ukuba unokuba nguvulindlela, ulonwabo onokulufumana luya kuzidlula lee naziphi na izinto ozincamileyo. Uya kwaneliseka ngakumbi ngenxa yokuba ubeke uBukumkani kuqala kunezinto ezifunwa nguwe. (Mat. 6:33) Uya kufumana ulonwabo olungakumbi ngenxa yokupha abanye. Ukongezelela koko, uya kufumana amathuba angakumbi okucinga nokuthetha ngoYehova, nto leyo eza kukwenza umthande kakhulu uze umkholise.