Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 SONDELA KUTHIXO

“UYehova Wanixolela Ngesisa”

“UYehova Wanixolela Ngesisa”

“Lowo ungakwaziyo ukuxolela udiliza ibhulorho amele ahambe kuyo.” Loo mazwi ombhali-mbali waseBritani, uEdward Herbert owayephila kwiminyaka yee-1600, abalaselisa isizathu sokuba kufuneka sixolele: Nathi kusenokufuneka sigobe kwabanye sicele uxolo. (Mateyu 7:12) Noko ke, sinesizathu esibaluleke ngakumbi sokuxolela. Phawula amazwi ompostile uPawulos kwabaseKolose 3:13.—Wafunde.

Ngenxa yokuba sonke asifezekanga, ngamaxesha athile sisenokubacaphukisa abanye, nabo basenokusicaphukisa. (Roma 3:23) Sinokuhlalisana njani ngoxolo nabanye abantu abangafezekanga? Ephefumlelwe nguThixo, uPawulos wasicebisa ukuba sinyamezele size sixolele. Eso siluleko sisasebenza nanamhlanje kanye njengokuba sasinjalo kwiminyaka ephantse ibe ngamawaka amabini edluleyo. Makhe sijonge oko sikufunda kumazwi kaPawulos.

“Qhubekani ninyamezelana.” Amazwi athi “qhubekani ninyamezelana” ngesiGrike athetha ukuyekelela okanye ukuba nomonde. Enye incwadi ithi amaKristu abonisa olu phawu “ngokukulungela ukunyamezela abo bawacaphukisayo nabenza izinto angazithandiyo.” Kwakhona, ‘ukunyamezelana’ kuthetha ukuba wenza le nto nawe ufuna yenziwe kuwe. Ngamanye amazwi, xa sisazi ukuba izinto esizenzayo ziyabacaphukisa abanye, asinakuvumela ukuba izinto esingazithandiyo ezenziwa ngabanye ziphazamise uxolo esinalo. Kuthekani ke xa abanye besimosha?

“Qhubekani . . . nixolelana ngesisa.” Omnye umphengululi uthi, igama elithi “ukuxolela ngesisa” “lithetha okungakumbi kunokuxolela, kodwa likwabhekisela ekuboniseni ubabalo nemfesane.” Kanti omnye uthi, eli gama lisenokuthetha “ukwenzela omnye umntu ububele.” Sibonisa ukuba sinemfesane xa sixolela abanye “enoba sinesizathu sokukhalaza.” Noko ke, kutheni simele sikulungele ukuxolela? Kuba ngeny’ imini nathi sinokufuna lowo usicaphukisileyo akwazi ukusixolela.

“Kanye njengoko uYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani.” Esona sizathu sokuba sixolele kukuba: UYehova uThixo usixolela ngokulula. (Mika 7:18) Khawume kancinci uze ucinge ngobubele uYehova abenzela aboni abaguqukayo. Ngokungafaniyo nathi, yena uYehova akoni. Sekunjalo, uyabaxolela aboni nangona esazi ukuba akunakuze nanini na kufuneke simxolele. UYehova ngowona mzekelo womntu obaxolela nyhani aboni abaguqukayo!

UYehova ngowona mzekelo womntu obaxolela nyhani aboni abaguqukayo!

Inceba kaYehova isenza simthande size sifune ukumxelisa. (Efese 4:32–5:1) Kuhle ukuzibuza lo mbuzo, ‘Ekubeni uYehova endixolela, yintoni enokundenza ndingamxoleli omnye umntu ocela uxolo ngokwenene kum?’Luka 17:3, 4.