Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | UBUXOKI OBUBANGELA UKUBA UTHIXO ANGATHANDWA

Ubuxoki Obabangela Ukuba Abantu Bathi UThixo Ukhohlakele

Ubuxoki Obabangela Ukuba Abantu Bathi UThixo Ukhohlakele

OKO KUKHOLELWA NGABANTU ABANINZI

“Imiphefumlo yaboni iya esihogweni bakufa, apho igwetyelwa ‘ukutsha ngonaphakade.’ ” (ICatechism of the Catholic Church) Ezinye iinkokeli zonqulo zithi abo basesihogweni bohlukaniswe ngokupheleleyo noThixo.

INYANISO ESEBHAYIBHILENI

“Umphefumlo owonayo—kuya kufa wona.” (Hezekile 18:4) Abafileyo “abazi nto konke konke.” (INtshumayeli 9:5) Ukuba umphefumlo uyafa yaye awazi nto konke konke, kwenzeka njani ukuba ‘utshe ngonaphakade’ okanye ube sentlungwini yokwahlukaniswa noThixo?

EBhayibhileni, amagama esiHebhere nesiGrike aguqulelwe ngokuthi “isihogo,” abhekisela kwingcwaba eliqhelekileyo. Ngokomzekelo, xa uYobhi wayegula kakhulu, wathandaza wathi: “Akwaba ubunokundifihla engcwabeni [“esihogweni,” ngokweDouay-Rheims Version].” (Yobhi 14:13, iHoly ­Bible—Easy-to-Read Version) UYobhi wayefuna ukuphumla, kungekhona kwindawo yokuthuthunjiswa okanye apho ahlukaniswe khona noThixo, kunoko engcwabeni.

KUTHENI UMELE UBE NOMDLA?

Ukukhohlakala akusenzi sifune ukumthanda uThixo; kunoko kuyasibhebhetha kuye. URocío ohlala eMexico uthi: “Ndafundiswa ngesihogo ndiselusana. Ndandingcangcazela luloyiko kangangokuba ndandingacingi ukuba uThixo anganeempawu ezintle. Ndandicinga ukuba unomsindo yaye akaxoleli.”

Oko kuthethwa yiBhayibhile ngemigwebo kaThixo nemeko yabafi yamenza uRocío wayitshintsha indlela amjonga ngayo uThixo. Uthi: “Ndaziva ndikhululekile—kwaba ngathi kususwe umthwalo onzima ebendinawo. Ndaqiniseka ukuba uThixo ufuna sonwabe, uyasithanda, nam ndinokumthanda. Ufana notata obabamba ngesandla abantwana bakhe nofuna bonwabe.”Isaya 41:13.

Abantu abaninzi baye bazimisela ukukhonza kuba nje besoyika isihogo, kodwa uThixo akafuni umkhonze kuba umoyika. Kunoko, uYesu wathi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho.” (Marko 12:29, 30) Ngaphezu koko, ukuba siyaqonda ukuba uThixo usebenzisa okusesikweni, sinokumthemba ukuba uya kugweba ngokusesikweni nakwixesha elizayo. Njengomhlobo kaYobhi uElihu, ngelunda sinokuthi: “Makube lee kuThixo oyinyaniso ukwenza ngobungendawo, nakuSomandla ukwenza ngokungekho sikweni.”Yobhi 34:10.