Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA SIYAMDINGA UTHIXO?

Isizathu Sokuba Abantu Babuze Lo Mbuzo

Isizathu Sokuba Abantu Babuze Lo Mbuzo

“Ngaba ungomnye wabantu abathi abakholelwa kuThixo? Izigidi zabantu azikholelwa kuye.” La ngamazwi awayekwibhodi enkulu yezentengiso eyayibhatalelwe ngabantu abangakholelwayo kubukho bukaThixo. Bacinga ukuba bangaphila ngaphandle koThixo.

Kwelinye icala, abanye abaninzi abakholelwayo kuThixo bazenzela izigqibo ngokungathi akakho. Omnye ubhishophu omkhulu wamaKatolika, uSalvatore Fisichella, wathi ngamarhamente akhe: “Akukho nto ibonisa ukuba singamaKristu kubantu abasijongileyo kuba indlela esiphila ngayo iyafana neyabantu abaziphilela nje ubomi babo.”

Abanye abafuni nokuzixakekisa ngoThixo. Bathi akananto yakwenza nobomi babo kuba ukude kakhulu. Elona xesha bacinga ngalo ngaye kuxa besengxakini okanye kukho into abayifunayo, ngokungathi ungumntu nje wokubenzela izinto abazifunayo.

Abanye ababoni sizathu sokwenza izinto abazifundiswa ecaweni kuba besithi azibalulekanga ebomini babo. Ngokomzekelo, amaKatolika aseJamani ayi-76 pesenti akholelwa ukuba indoda nebhinqa bangahlalisana bengatshatanga—nto leyo engamkelwayo yicawa yawo nayiBhayibhile. (1 Korinte 6:18; Hebhere 13:4) AyingomaKatolika kuphela ke angayenziyo into efundiswa ecaweni. Abefundisi beecawa ezininzi bakhalazela ukuba amarhamente abo aphila ngokungathi “akakholelwa kuThixo.”

Le mizekelo ibangela ukuba sizibuze lo mbuzo: Ngaba siyamdinga uThixo? Awuqali ukubakho umbuzo onje. Wavela kwizahluko zokuqala zeBhayibhile. Ukuze sifumane impendulo yalo mbuzo, makhe siqwalasele oko kuthethwa yincwadi yeBhayibhile yeGenesis.