Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Zukisani UKristu—UKumkani Ozukileyo!

Zukisani UKristu—UKumkani Ozukileyo!

“Ngobungangamsha bakho singa empumelelweni.”INDU. 45:4.

1, 2. Kutheni simele sibe nomdla kwiNdumiso 45?

UKUMKANI ozukileyo ukhwele ihashe esilwela inyaniso nobulungisa aze oyise iintshaba zakhe. Emva koloyiso lokugqibela, utshata nomtshakazi wakhe othandekayo. Lo kumkani uyakhunjulwa aze adunyiswe zizizukulwana ngezizukulwana ezilandelayo. Yiloo nto ke, echazwa yiNdumiso 45.

2 Noko ke, iNdumiso 45 ayipheleli nje ekusichazeleni ngesiphelo esimnandi sebali elibangela imincili. Iziganeko ezichazwa kuyo zinentsingiselo kuthi. Zichaphazela ubomi bethu ngoku kuquka ikamva. Ngoko ke, makhe sihlolisise ngenyameko oko kuqulethwe yile ndumiso.

“INTLIZIYO YAM IVUSELELEKILE NGUMBANDELA OLUNGILEYO”

3, 4. (a) Nguwuphi ‘umbandela olungileyo’ awabhala ngawo umdumisi, ibe uzichaphazela njani iintliziyo zethu? (b) Kutshiwo njani ukuba ‘imisebenzi yethu iphathelele ukumkani,’ nokuba ulwimi lwethu luba ngathi lusiba?

3 Funda iNdumiso 45:1. ‘Umbandela olungileyo’ ochukumisa intliziyo yomdumisi uze uyenze ‘ivuseleleke’ unokuthanani nokumkani. Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ivuselelekile,” ntlandlolo lalithetha “ukubila ngaphakathi” okanye “ukuhlaziyeka.” Lo mbandela wabangela ukuba intliziyo yomdumisi ibe ngathi iyabila ludlamko lwaza nolwimi lwakhe lwaba ngathi “lusiba lomkhupheli olichule.”

 4 Kuthekani ngathi? Iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaMesiya ziyinto elungileyo echukumisa iintliziyo zethu. Isigidimi soBukumkani saba yinto ‘elunge’ ngakumbi ngo-1914. Ukususela ngoko, esi sigidimi besingenakuthanani noKumkani wexesha elizayo kodwa besinokuthanani norhulumente wokwenene osele ulawula ezulwini. Ezi ‘ziindaba ezilungileyo zoBukumkani’ esizishumayela “kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mat. 24:14) Ngaba iintliziyo zethu ‘ziyavuseleleka’ sisigidimi soBukumkani? Ngaba sizishumayela ngenzondelelo iindaba ezilungileyo zoBukumkani? Njengomdumisi, neyethu ‘imisebenzi iphathelele ukumkani’—uKumkani wethu, uYesu Kristu. Sivakalisa ukuba nguye uKumkani olawula ezulwini kuBukumkani bukaMesiya. Ukongezelela, sibongoza bonke abantu—abalawuli nabalawulwa—ukuba bazithobe kulawulo lwakhe. (INdu. 2:1, 2, 4-12) Ulwimi lwethu luba ngathi “lusiba lomkhupheli olichule” kuba sisebenzisa ngamandla iBhayibhile xa sishumayela.

Sivakalisa iindaba ezilungileyo eziphathelele uKumkani wethu, uYesu Kristu

EMILEBENI KAKUMKANI KUPHUMA UMTSALANE

5. (a) Ziziphi iindlela ‘awayeyinzwana’ ngazo uYesu? (b) Kutshiwo njani ukuba emilebeni yakhe kwakuphuma umtsalane, ibe sinokuwuxelisa njani umzekelo wakhe?

5 Funda iNdumiso 45:2. IZibhalo azithethi kangako ngenkangeleko yomzimba kaYesu. Ekubeni wayefezekile, akuthandabuzeki ukuba ‘wayeyinzwana.’ Noko ke, obona buhle bakhe bubalaseleyo bobo bokuthembeka kwakhe kuYehova ngokungagungqi kwingqibelelo yakhe. Ukongezelela koko, uYesu washumayela isigidimi soBukumkani ngendlela ‘enomtsalane.’ (Luka 4:22; Yoh. 7:46) Ngaba siyazimisela ukuxelisa umzekelo wakhe xa sishumayela ngokuzama ukusebenzisa amazwi aza kuchukumisa iintliziyo zabantu?—Kol. 4:6.

6. UThixo wamsikelela njani uYesu ngonaphakade?

6 Ngenxa yokuzinikela kukaYesu ngokupheleleyo, uYehova wamsikelela xa wayeshumayela apha emhlabeni waza wamvuza emva kokufa kwakhe okulidini. Umpostile uPawulos wathi: “Xa [uYesu] wayekwimo yomntu, wazithoba kwada kwasa ekufeni, ewe, ukufa kwisibonda sentuthumbo. Ngenxa kanye yesi sizathu uThixo wamphakamisela kwisigxina esongamileyo waza ngobubele wamnika igama elingaphezu kwawo onke amanye amagama, ukuze egameni likaYesu agobe onke amadolo abo basezulwini nawabo basemhlabeni nawabo baphantsi komhlaba, zize zonke iilwimi zivume ekuhleni ukuba uYesu Kristu uyiNkosi nto leyo eluzuko kuThixo uYise.” (Fil. 2:8-11) UYehova wamsikelela ‘ngonaphakade’ uYesu ngokumvusela kubomi bokungafi.—Roma 6:9.

UKUMKANI WENZIWA MKHULU ‘KUNAMAQABANE AKHE’

7. Kutshiwo njani ukuba uYesu wathanjiswa nguThixo ‘ngaphezu kwamaqabane akhe’?

7 Funda iNdumiso 45:6, 7Ngenxa yokuba uYesu engagungqi ekuthandeni ubulungisa yaye ethiye nantoni na enokuthoba isidima sikaYise, uYehova wamthambisa emenza uKumkani woBukumkani bukaMesiya. UYesu wathanjiswa “ngeoli yemigcobo ngaphezu kwamaqabane” akhe, abanye ookumkani bakwaYuda bomnombo kaDavide. Njani? UYesu wathanjiswa nguYehova ngokwakhe. Ukongezelela apho, uYehova wamthambisa ukuze abe nguKumkani kwangaxeshanye abe nguMbingeleli  Omkhulu. (INdu. 2:2; Heb. 5:5, 6) UYesu akazange athanjiswe ngeoli kodwa ngomoya oyingcwele, ibe ubukumkani bakhe asibobasemhlabeni kunoko bobasezulwini.

8. Kutshiwo njani ukuba ‘uThixo uyitrone kaYesu,’ ibe kutheni siqinisekile nje ukuba ulawula ngobulungisa?

8 UYehova wabeka uNyana wakhe emenza uKumkani onguMesiya emazulwini ngo-1914. ‘Intonga yobukhosi yobukumkani bakhe yintonga yobukhosi yokuthe tye,’ ukuqinisekisa ukuba ulawula ngobulungisa yaye akakhethi buso. Unegunya ngokusesikweni kuba ‘uThixo uyitrone yakhe.’ Oko kuthetha ukuba nguYehova isiseko solawulo lwakhe. Enye into, uYesu uza kulawula ngonaphakade. Ngaba akunalunda ngokukhonza uYehova phantsi kwalo Kumkani unamandla ammiseleyo?

UKUMKANI ‘UBHINQA IKRELE LAKHE’

9, 10. (a) UKristu walibhinqa nini ikrele lakhe, ibe ngubani awakhawuleza walwa naye? (b) Yiyiphi enye indlela uKristu aseza kulisebenzisa ngayo ikrele lakhe?

9 Funda iNdumiso 45:3. UYehova uyalela lo Kumkani ammiseleyo ukuba ‘abhinqe ikrele lakhe’ ecaleni kwithanga lakhe, ngaloo ndlela emnika igunya lokulwa imfazwe nxamnye nabo bonke abo bachasa ulongamo lukaThixo nokuze abagwebe. (INdu. 110:2) Ekubeni uKristu eliGorha loKumkani ongenakoyiswa, kubhekiselwa kuye ngokuthi “wena unamandla.” Wabhinqa ikrele lakhe ngo-1914 xa woyisa uSathana needemon zakhe, ebakhuphela ngaphandle kwamazulu ngokubaphosa emhlabeni.—ISityhi. 12:7-9.

10 Eso yaba sisiqalo nje soloyiso lwalo Kumkani ukhwele ihashe. Kaloku kusafuneka “akuphelelise ukoyisa kwakhe.” (ISityhi. 6:2) UYehova useza kugweba yonke into ekule nkqubo kaSathana emhlabeni, kuquka impembelelo kaSathana needemon zakhe. Uza kuqala ngeBhabhiloni Enkulu, ingqokelela yazo zonke iicawa zobuxoki. UYehova uza kusebenzisa iinkokeli zezopolitiko ukutshabalalisa eli “henyukazi” lingendawo. (ISityhi. 17:16, 17) Emva koko, eli Gorha loKumkani liza kuphumela koorhulumente beli hlabathi likaSathana, libatshayele nya. Uya kwandula ke uKristu, okwabizwa ngokuba ‘yingelosi yenzonzobila’ aphelelise uloyiso lwakhe ngokumphosa enzonzobileni uSathana needemon zakhe. (ISityhi. 9:1, 11; 20:1-3) Makhe sibone indlela eziza kuzaliseka ngayo ezi ziganeko zibangel’ umdla njengokuba zichazwa kwesi siprofeto sikwiNdumiso 45.

UKUMKANI UPHALISA “ENDLELENI YENYANISO”

11. Kutshiwo njani ukuba uKristu uphalisa “endleleni yenyaniso”?

11 Funda iNdumiso 45:4. Injongo yemfazwe yalo Kumkani asikokuthimba imihlaba nabemi bayo. Imfazwe yakhe yeyobulungisa ibe uneenjongo ezintle. ‘Uphalisa endleleni yenyaniso nentobeko nobulungisa.’ Eyona nyaniso imele ilwelwe yeyokuba uYehova ungumongami wendalo iphela. Xa uSathana wavukelayo, wayephikisa into yokuba uYehova ngoyena ufanelwe kukulawula. Ukususela ngoko, loo nyaniso ibisoloko iphikiswa ziidemon nangabantu. Ngoku lifikile ixesha lokuba lo Kumkani uthanjiswe nguYehova aphalise ihashe lakhe ukuze azinzise ngokupheleleyo imbambano yokuba nguYehova onguMongami wendalo.

12. Kutshiwo njani ukuba uKumkani uphalisa ‘endleleni yentobeko’?

12 Lo Kumkani uphinda aphalise ‘endleleni yentobeko.’ Ekubeni ekuphela koNyana ozelwe nguThixo, uye wamisela umzekelo obalaseleyo wokuzithoba nokunyaniseka kulongamo lukaYise. (Isa. 50:4, 5; Yoh. 5:19) Bonke abalawulwa balo Kumkani bamele bamxelise ngokuzithoba kulongamo lukaYehova kwiinkalo zonke zobomi babo. Ngabo bazithobayo  kuphela abaya kuvunyelwa ukuba baphile kwihlabathi elitsha likaThixo.—Zek. 14:16, 17.

13. Kutshiwo njani ukuba uKristu uphalisa ‘endleleni yobulungisa’?

13 UKristu ukwaphalisa ‘endleleni yobulungisa.’ Ubulungisa obulwelwa ngulo Kumkani ‘bubulungisa bukaThixo’—imilinganiselo kaYehova yokulungileyo nokuphosakeleyo. (Roma 3:21; Dut. 32:4) Eprofeta ngoKumkani uYesu Kristu, uIsaya wathi: “Ukumkani uya kulawula ngobulungisa.” (Isa. 32:1) Xa uYesu elawula uza kuzisa “amazulu amatsha nomhlaba omtsha, . . . apho kumi ubulungisa.” (2 Pet. 3:13) Wonke umntu ohlala kwelo hlabathi litsha kuza kufuneka athobele imilinganiselo kaYehova.—Isa. 11:1-5.

UKUMKANI UPHUMEZA “IZINTO EZOYIKEKAYO”

14. Isandla sokunene sikaKristu siza kuziphumeza njani “izinto ezoyikekayo”? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

14 Njengokuba ephalisa, uKumkani ubhinqe ikrele lakhe. (INdu. 45:3) Wandula ke alithi qhiwu ngesandla sasekunene alwe ngalo. Umdumisi uprofeta athi: “Isandla sakho sasekunene siya kukuyalela [okanye siphumeze] izinto ezoyikekayo.” (INdu. 45:4) Xa uYesu Kristu ephalisa ihashe ukuze aphumeze imigwebo kaYehova eArmagedon, uya kuphumeza “izinto ezoyikekayo” nxamnye neentshaba zakhe. Asiyazi eyona nto aza kuyisebenzisa ukutshabalalisa le nkqubo kaSathana. Into esiyaziyo kukuba xa eyitshabalalisa, baya kutyhwatyhwa luloyiko abemi bomhlaba abangasithobelanga isilumkiso sikaThixo sokuba bazithobe kulawulo lwalo Kumkani. (Funda iNdumiso 2:11, 12.) Kwisiprofeto sakhe esiphathelele ixesha lesiphelo, uYesu wathi abantu babeza ‘kufa isiqaqa ngenxa yoloyiko nolindelo lwezinto ezifikela umhlaba omiweyo; kuba amandla amazulu aya kugungqiswa.’ Wandula ke wathi: “Baya kwandula ke bambone uNyana womntu esiza ngelifu enamandla nobuqaqawuli obukhulu.”—Luka 21:26, 27.

15, 16. Ngoobani ababumba “imikhosi” eza kupheleka uKristu ukuya emfazweni?

15 Ibhengeza ukuza koKumkani “enamandla nobuqaqawuli obukhulu” ukuze agwebe, incwadi yeSityhilelo ithi: “Ndabona izulu livulekile, yaye khangela! nalo ihashe elimhlophe. Lowo wayehleli kulo ubizwa ngokuba nguThembekile, nguNyaniso, yaye ugweba aze enze imfazwe ngobulungisa. Wayelandelwa yimikhosi yasezulwini, ikhwele amahashe amhlophe, yambethe ilinen emhlophe, ecocekileyo necikizekileyo. Emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elide elibukhali, ukuze azixabele ngalo iintlanga, azaluse ngentonga yentsimbi. Uxovula nesixovulelo sewayini yomsindo wengqumbo kaThixo uSomandla.”—ISityhi. 19:11, 14, 15.

16 Ngoobani amanye amagorha ahamba noKristu ukuya emfazweni nabumba le ‘mikhosi yasezulwini’? Xa wayebhinqa ikrele lakhe okokuqala ukuze akhuphele ngaphandle kwamazulu uSathana needemon zakhe, uYesu wayephelekwa ‘ziingelosi zakhe.’ (ISityhi. 12:7-9) Ibonakala isengqiqweni into yokuba kwimfazwe yeArmagedon, imikhosi kaKristu iya kuquka iingelosi ezingcwele. Ngaba bakho abanye abaza kumpheleka kulo mkhosi? UYesu wabathembisa oku abazalwana bakhe abathanjisiweyo: “Lowo woyisayo nogcina izenzo zam kude kuse ekupheleni ndiya kumnika igunya phezu kweentlanga, yaye uya kubalusa abantu ngentonga yentsimbi, abaqhekeze njengezitya zodongwe, njengoko nam ndilifumene kuBawo elo gunya.” (ISityhi. 2:26, 27) Ngoko ke, le mikhosi kaKristu yasezulwini iza kuquka abazalwana bakhe abathanjisiweyo, abaya kuba sele bewufumene umvuzo wabo wokuphila ezulwini ngelo xesha. Aba bazalwana baza kulawula noKristu baya kube bemncedisa xa ephumeza “izinto ezoyikekayo” ngoxa etshabalalisa iintlanga.

 UKUMKANI UPHELELISA ULOYISO LWAKHE

17. (a) Yintoni emelwa lihashe elimhlophe akhwele kulo uKristu? (b) Limela ntoni ikrele nesaphetha?

17 Funda iNdumiso 45:5. UKumkani ukhwele ihashe elimhlophe, elimela imfazwe ecocekileyo neyobulungisa emehlweni kaYehova. (ISityhi. 6:2; 19:11) Esinye isixhobo asiphetheyo, sisaphetha. IBhayibhile ithi: “Khangela! ndabona nalo ihashe elimhlophe; lowo wayehleli phezu kwalo wayenesaphetha; yaye wanikwa isithsaba, waza waphuma esoyisa nokuze akuphelelise ukoyisa kwakhe.” Ikrele nesaphetha zimela izixhobo eziza kusetyenziswa nguKristu ukutshabalalisa iintshaba zakhe.

Iintaka ziya kubizwa ukuze zicoce umhlaba (Funda isiqendu 18)

18. “Iintolo” zikaKristu ziya kuba ‘bukhali’ njani?

18 Esebenzisa ulwimi lweembongi, umdumisi uyaprofeta echaza ukuba ‘iintolo zikaKumkani zibukhali, zihlaba iintliziyo zeentshaba zakhe’ kwanokuba ‘izizwana ziyaqhubeka zisiwa ngaphantsi kwakhe.’ Le ndyikityha yokubulawa kwazo iya kwenzeka emhlabeni wonke. UYeremiya waprofeta wathi: “Abo babuleweyo nguYehova ngaloo mini ngokuqinisekileyo baya kususela kwesinye isiphelo somhlaba base kwesinye isiphelo somhlaba.” (Yer. 25:33) Esinye isiprofeto esifanayo sithi: “Ndabona nengelosi imi elangeni, yaza yadanduluka ngelizwi elikhulu yathi kuzo zonke iintaka eziphaphazela esazulwini sezulu: ‘Yizani apha, nihlanganisane ndawonye kwisidlo sangokuhlwa esikhulu sikaThixo, ukuze nidle inyama yookumkani nenyama yabaphathi-mikhosi nenyama yabantu abomeleleyo nenyama yamahashe neyabakhweli bawo, nenyama yabo bonke, abakhululekileyo namakhoboka nabancinane nabakhulu.’”—ISityhi. 19:17, 18.

19. UKristu uza ‘kusinga empumelelweni’ njani ukuze aphelelise uloyiso lwakhe?

19 Emva kokuba etshabalalise le nkqubo kaSathana ingendawo emhlabeni, “ngobungangamsha” bakhe uKristu uya ‘kusinga empumelelweni.’ (INdu. 45:4) Uya kuphelelisa uloyiso lwakhe ngokuphosa uSathana needemon zakhe enzonzobileni, ngalo lonke ixesha loLawulo Lweminyaka Eliwaka. (ISityhi. 20:2, 3) Xa belapho enzonzobileni, uMtyholi neengelosi zakhe baya kufana nabafileyo kuba akukho nawuphi na umonakalo abaya kuwenza emhlabeni. Bonke abantu emhlabeni baya kunandipha ulawulo loKumkani bengaphazanyiswa yimpembelelo engendawo kaSathana needemon. Noko ke, ngaphambi kokuba umhlaba utshintshwe wonke ube yiparadesi, kukho enye into eya kubangela ukuba bavuyiswe nguKumkani kunye nabo aza kulawula kunye nabo ezulwini. Eso siganeko sivuyisayo kuza kuxutyushwa ngaso kwinqaku elilandelayo.