Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukumanyana Kweecawa—Ngaba Yindlela Leyo UThixo Afuna Ngayo?

Ukumanyana Kweecawa—Ngaba Yindlela Leyo UThixo Afuna Ngayo?

“Ngaba iicawa ziyasimanya okanye ziyasahlukanisa?” Lo mbuzo wavela kwiphephandaba iThe Sydney Morning Herald. I-89 pesenti yabo baphendulayo yathi ivakalelwa kukuba iicawa ziyasahlukanisa.

KODWA ke abo baxhasa ukumanyana kweecawa ababoni ngaloo ndlela. UEboo Patel, ongumseki wombutho i-Interfaith Youth Core wathi: “Ayikho icawa engakukhuthaziyo ukuba nobubele . . . , ukunyanyekelwa kwendalo . . . , nokubuk’ iindwendwe.”

AmaBhuda, amaKatolika, amaProtestanti, amaHindu, amaSilamsi, nezinye iicawa ezininzi zikhe zamanyana ukuze zilwe nobuhlwempu, zilwele amalungelo abantu, ukupheliswa kweziqhushumbisi, okanye ukukhuselwa kwendalo. Iicawa ngeecawa ziye zamanyana ukuze zisebenzisane zize zikhuthazane. Zibhiyozela iimvelaphi zazo ezahlukeneyo ngokukhanyisa amakhandlela, ngemiculo, imithandazo, njalo njalo.

Ngaba ukudibana kweecawa ezahlukeneyo yindlela eyiyo yokuphelisa ukungavisisani kwazo? Ngaba ukumanyana kweenkonzo yindlela kaThixo yokuzisa ihlabathi elibhetele?

UKUMANYANA KWEECAWA—KUFEZE NTONI?

Enye yezona ntlangano zinkulu zonqulo izingomb’ isifuba ngokumanyanisa kwayo iicawa ezingaphezu kwe-200 kumazwe ayi-76. Ithi injongo yayo kukuba “iicawa zinyamezelane yaye zisebenzisane yonke imihla.” Noko ke, oko akubanga lula njengokuba isitsho. Ngokomzekelo, ngokutsho kwabaseki bale ntlangano, kwaye kwafuneka akhethwe kakuhle amagama abhalwe kwisivumelwano ukuze angakhubekisi nayiphi na icawa etyobela eso sivumelwano. Ngoba? Esinye isizathu sikukuba kwakungavunyelwana ngelokuba lalifanele liqukwe kusini na igama likaThixo kweso sivumelwano. Ngoko, ayizange iqukwe nantoni na eyayinento yokwenza noThixo.

Ziicawa ezinjani ezo, ezingalisebenzisiyo igama likaThixo? Khona, zahluke njani kwimibutho yehlabathi enceda abantu? Kungenxa yoko le nto intlangano yonqulo ekhankanywe ngasentla ingazibizi ngokuba iyintlangano yonqulo, kodwa izibiza “njengentlangano edala umanyano.”

NGABA UKUKHUTHAZA IIMPAWU EZINTLE KWANELE?

UDalai Lama, umfundisi omkhulu wobuBhuda, oxhasa ukumanyana kweecawa, uthi: “Phantse zonke iicawa zikhuthaza into enye: uthando, ububele nokuxolela.” Wongezelela athi: “Eyona nto ibalulekileyo kukuba ezi mpawu sizibonakalise imihla ngemihla.”

Kakade ke, iimpawu ezinjengothando, ububele nokuxolela zibalulekile. UMthetho Omkhulu  owachazwa nguYesu uthi: “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.” (Mateyu 7:12) Kodwa ngaba unqulo lokwenyaniso lumele luphelele nje ekukhuthazeni iimpawu ezintle?

Umpostile uPawulos wathi ngabaninzi ababesithi bakhonza uThixo ngexesha lakhe: “Ndinikela ubungqina bokuba banenzondelelo kuThixo; kodwa kungekhona ngokolwazi oluchanileyo.” Yayiyintoni ingxaki? UPawulos wathi, ‘Ngenxa yokungabazi ubulungisa bukaThixo babefuna ukuzimisela obabo.’ (Roma 10:2, 3) Kuba babengenalo ulwazi oluchanileyo loko kufunwa nguThixo, inzondelelo yabo nokholo lwabo lwalulilize.—Mateyu 7:21-23.

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE NGOKUMANYANA KWEECAWA

UYesu wathi: “Banoyolo abanoxolo.” (Mateyu 5:9) UYesu wayekwenza oko wayekufundisa kuba wayeshumayela isigidimi soxolo kubantu beecawa ezahlukahlukeneyo. (Mateyu 26:52) Abo babezamkela iimfundiso zakhe bamanyaniswa luthando. (Kolose 3:14) Kodwa ngaba uYesu wayezimisele nje ukumanyanisa abantu beecawa ezahlukahlukeneyo ukuze bahlalisane ngoxolo? Ngaba wazimanya nabantu bezinye iicawa?

Iinkokeli zonqulo zehlelo labaFarisi nelabaSadusi zamchasa uYesu—zada zafuna nokumbulala. Wenza ntoni? UYesu wayalela abafundi bakhe wathi: “Bayekeni benjalo. Bangabakhokeli abaziimfama.” (Mateyu 15:14) UYesu akazange azidibanise nezo nkokeli.

Emva kweminyaka kwasekwa ibandla lobuKristu eGrisi, kwisixeko salapho esiyiKorinte, esasidume ngokuba nezithethe neenkcubeko ezahlukahlukeneyo kunye neecawa ngeecawa. Ayeza kwenza njani amaKristu awayelapho? Umpostile uPawulos watsho phandle ukuba ayengafanele amanyane nezinye iinkonzo xa wabhala wathi: “Kuba bunabudlelane buni na ubulungisa nokuchas’ umthetho? Okanye kunakwabelana kuni na ukukhanya nobumnyama? Ngokubhekele phaya, unakuvumelana kuni na uKristu noBheliyali [okanye uSathana]?” Waza kamva wongeza wathi: “Ngoko ke phumani phakathi kwabo, nizahlule.”—2 Korinte 6:14, 15, 17.

Ngokucacileyo, iBhayibhile ayivumelani nokumanyana kweecawa. Kodwa usenokuzibuza, ‘Xa kunjalo, lunokubakho njani umanyano lokwenene?’

UMANYANO LOKWENENE

Kukho isiphekepheke esisemajukujukwini esijikeleza umhlaba. Sakhiwa ngabantu abavela kumazwe ayi-15. Ngaba babenokukwazi ukusakha ukuba babengazange bavumelane ngeplani enye?

Kuyafana ke nangokumanyana kweecawa namhlanje. Nangona zikhuthaza intsebenziswano nokuhlonelana, azivumelani ngendlela enye yokukhonza. Ngenxa yoko, indlela yazo yokuziphatha neemfundiso zazo zahlukahlukene.

IBhayibhile isichazela indlela yokukhonza uThixo, efana neplani. Ukuphila ngokuvumelana neemfundiso zeBhayibhile kuya kubuphucula ubomi bethu. Abo bakwenzileyo oko baye bamanyana ngokobuhlanga nangokonqulo baza bafunda ukuhlalisana ngoxolo. UThixo wakuxela kwangaphambili oku wathi: “Izizwana ndiya kuzinika ukuba zitshintshele kulwimi olusulungekileyo, ukuze zonke zibize egameni likaYehova, ukuze zimkhonze ngaxhatha linye.” Umanyano lubangelwa kukuthetha ‘ulwimi olusulungekileyo,’ oluyindlela afuna ukukhonzwa ngayo uThixo.—Zefaniya 3:9; Isaya 2:2-4.

AmaNgqina kaYehova akumema ngokufudumeleyo ukuba uye kwiHolo yawo yoBukumkani ekufutshane nawe, uze uzibonele uxolo nomanyano olungathethekiyo olukhoyo phakathi kwawo.—INdumiso 133:1.