Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Oko Sinokukwenza Ukuze Sihlale Silungele Ukuzincama

Oko Sinokukwenza Ukuze Sihlale Silungele Ukuzincama

“Ukuba nabani na ufuna ukundilandela, makazincame.”—MAT. 16:24.

1. UYesu wawumisela njani umzekelo omhle wokuzincama?

XA UYESU wayelapha emhlabeni, wamisela umzekelo omhle wokuzincama. Eyona nto yayiphambili kuye kukwenza ukuthanda kukaThixo ngaphezu kweminqweno yakhe. (Yoh. 5:30) Ngokuhlala ethembekile de abulawe kwisibonda sentuthumbo, wangqina ukuba ayikho into awayengenakuyincama ngenxa yabantu.—Fil. 2:8.

2. Kutheth’ ukuthini ukulungela ukuzincama, ibe kutheni simele senjenjalo?

2 Ekubeni singabalandeli bakaYesu, nathi simele sikulungele ukuzincama. Kuthetha ukuthini ukulungela ukuzincama? Kuthetha ukulungela kukabani ukuncama izinto ezithandwa nguye ukuze ancede abanye. Ngamanye amazwi, umntu ozincamayo akacingeli isiqu sakhe. (Funda uMateyu 16:24.) Ukungacingeli iziqu zethu kunokusinceda sikwazi ukucingela abanye. (Fil. 2:3, 4) Enyanisweni, uYesu wafundisa ukuba, ukuze sikwazi ukukhonza uThixo, kubaluleke gqitha ukuba singazicingeli. Njani? Enye yezinto ezisenza sizincame, luthando lobuKristu olulolona phawu babonakala ngalo abafundi bokwenene bakaYesu. (Yoh. 13:34, 35) Cinga nje ngeentsikelelo esizifumanayo ngokuba yinxalenye yabazalwana abasehlabathini lonke abasoloko bezincama!

3. Yintoni enokuba ngumqobo ekubeni sizincame?

 3 Noko ke, kukho utshaba olungaqondakaliyo olusithintelayo ekubeni sizincame. Olo tshaba lutyekelo esinalo lokuzingca. Khumbula indlela okwabonakala ngayo ukuzingca kuAdam noEva. Ngokuzingca, uEva wafuna ukufana noThixo. Nayo ke indoda yakhe yawela kuloo mgibe ifuna ukukholisa umfazi wayo. (Gen. 3:5, 6) Emva kokwenza uAdam noEva bashiye unqulo lwenyaniso, uMtyholi waqhubeka ehenda abantu ukuba bazingce. Wada wazama nokulinga uYesu. (Mat. 4:1-9) Namhlanje, uSathana uye waphumelela ekulahlekiseni inkoliso yabantu, ngokubenza bazingce kwiinkalo eziliqela. Simele siyilumkele le meko kuba nathi singazibona sele sizingca.—Efe. 2:2.

4. (a) Ngaba singakwazi ukuluphepha ngoku utyekelo lokuzingca? Cacisa. (b) Yiyiphi imibuzo eza kuphendulwa?

4 Ukuzingca kunokufaniswa nomhlwa oqalisa ukuvela entsimbini. Xa intsimbi ihleli phandle kwindawo emanzi, inokuqalisa ukuba nomhlwa. Eyona nto iyingozi kukungawuhoyi loo mhlwa, de ubangele umonakalo. Ngokufanayo, nakuba okwangoku singenakukuphepha ukungafezeki notyekelo esinalo lokuzingca, simele siphaphele iingozi esinokungena kuzo size silwe nolo tyekelo. (1 Kor. 9:26, 27) Singabona njani xa siqalisa ukuzingca? Yintoni esinokuyenza ukuze sikwazi ngandlela zonke ukuzincama?

SEBENZISA IBHAYIBHILE UKUZE UBONE ENOBA AKUZINGCI NA

5. (a) IBhayibhile ifana njani nesipili? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Yintoni esimele siyiphephe xa sihlolisisa ukuzingca esisenokuba sinako?

5 Kanye njengokuba sinokusebenzisa isipili ukuze sibone inkangeleko yethu, singakwazi ukusebenzisa iBhayibhile ukuze sibone eyona nto siyiyo ngaphakathi size silungise nayiphi na ingxaki esiyifumanayo. (Funda uYakobi 1:22-25.) Noko ke, isipili siya kusinceda kuphela xa sisisebenzisa kakuhle. Ngokomzekelo, ukuba sisithi krwaqu nje sidlule, sisenokungakwazi ukubona iziphako esinazo. Ukuba sisijonga simi ecaleni kungekhona phambi kwaso, into esiya kuyibona ngumfanekiso womnye umntu. Ngokufanayo, xa sisebenzisa iBhayibhile ukuze sibone ukuzingca esinako, asimele siyifunde ngokungakhathali okanye siyifunde ngenjongo yokubona iziphako zabanye.

6. Yiyiphi indlela ‘esizingisa’ ngayo kumthetho ogqibeleleyo?

6 Ngokomzekelo, ingenzeka into yokuba silifunde rhoqo iLizwi likaThixo, nkqu yonk’ imihla, kodwa singaziboni xa siqalisa ukuzingca. Njani? Cinga ngoku: Kumzekelo womntu nesipili ochazwa nguYakobi, ingxaki asikokungazijongi kakuhle. UYakobi wathi lo mntu “uyazikhangela.” UYakobi wasebenzisa igama lesiGrike elichaza ukuzihlolisisa ngenyameko. Yintoni ke ingxaki yalo mntu asichazela ngaye? UYakobi uqhubeka esithi: ‘Uyemka aze alibale ngoko nangoko ukuba unjani na.’ Ewe, uyemka kwisipili aze angayilungisi loo ngxaki ayibonileyo. Ngokwahlukileyo koko, umntu ophumelelayo akaneli nje ‘ukuqondela kumthetho ogqibeleleyo’ kodwa ‘uyazingisa kuwo.’ Kunokuba ashiye ngasemva umthetho ogqibeleleyo weLizwi likaThixo, uyazingisa ekulandeleni iimfundiso zawo. UYesu wathetha kwainto efanayo xa wathi: “Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam, ngokwenene ningabafundi bam.”—Yoh. 8:31.

7. Singayisebenzisa njani iBhayibhile ukuze silwe nokuzingca?

7 Ukuze uphumelele ekulweni nokuzingca, umele ufundisise iLizwi likaThixo ngenyameko. Ukwenjenjalo kunokukunceda ubone iinkalo omele uphucule kuzo. Kodwa kufuneka okungakumbi kunoko.  Kufuneka uchithe ixesha uphanda. Emva kokuba ithe thaa loo nto ubuyifunda, zibuze imibuzo enjengale: ‘Ndandiya kuthini ukuba yayindim? Ngaba ndandiya kwenza ngobulumko?’ Eyona nto ibalulekileyo kukuba, emva kokucamngca ngoko ukufundileyo, umele uzame ukukwenza. (Mat. 7:24, 25) Makhe sijonge indlela esinokuyisebenzisa ngayo ingxelo kaKumkani uSawule neyompostile uPetros ukuze sihlale silungele ukuzincama.

FUNDA KUMZEKELO OSISILUMKISO KAKUMKANI USAWULE

8. USawule wayengumntu onjani ukuqalisa kwakhe ukulawula, ibe kwabonakala njani oko?

8 UKumkani uSawule wakwaSirayeli ungumzekelo osisilumkiso kuthi obonisa indlela ukuzingca okunokusenza ngayo singakulungeli ukuzincama. USawule wayethozamile yaye ethobekile xa wayeqalisa ukuba ngukumkani. (1 Sam. 9:21) Zange avume ukohlwaya amaSirayeli awakugxekayo ukuba ngukumkani kwakhe, nakuba wayenokuthetheleleka ngokukhusela isikhundla asinikwe nguThixo. (1 Sam. 10:27) UKumkani uSawule wavuma ukwalathiswa nguThixo njengoko wayekhokela uSirayeli ekoyiseni ama-Amoni. Emva koko, ngokuthobeka wazukisa uYehova ngolo loyiso.—1 Sam. 11:6, 11-13.

9. Kwakhula njani ukuzingca kuSawule?

9 Kamva uSawule wavumela ukuzingca nekratshi kwakhula kuye, kanye njengomhlwa entsimbini. Xa woyisa ama-Amaleki, into eyaba phambili kuye yiminqweno yakhe kunokuthobela uYehova. Ngokubawa uSawule wazithabathela impahla kunokuthobela umyalelo kaThixo wokuba ayitshabalalise. Ngekratshi uSawule wazimisela ilitye lesikhumbuzo. (1 Sam. 15:3, 9, 12) Xa umprofeti uSamuweli wamxelela ukuba uYehova akakholiswa yinto ayenzileyo, uSawule wazithethelela ebalaselisa inxalenye awayeyithobele kuloo myalelo kaThixo ngoxa elosulela kwabanye ityala lakhe. (1 Sam. 15:16-21) Ukongezelela koko, ngenxa yekratshi eyona nto wayixhalabelayo sisidima sakhe ebantwini ngaphezu kokukholisa uThixo. (1 Sam. 15:30) Sinokuyisebenzisa njani le ngxelo kaSawule ukuze sihlale sikulungele ukuzincama?

10, 11. (a) Izinto ezenzekayo kuSawule zisifundisa ntoni ngokuhlala silungele ukuzincama? (b) Singakuphepha njani ukuzibona sele sifana noSawule?

10 Okokuqala, izinto ezenzekayo kuSawule zibonisa ukuba asimele siyekelele umxakatho singakhathali, sigqibe ekubeni xa sikulungele ukuzincama siya kuhlala sinjalo. (1 Tim. 4:10) Khumbula ukuba uSawule waqala wamkholisa uThixo kangangexesha elithile, kodwa konakala esakuyeka ukulwa notyekelo lokuzingca. Ekugqibeleni uYehova wamgatya ngenxa yokungathobeki.

11 Okwesibini, simele sikulumkele ukujonga kuphela ezo nkalo siqhuba kakuhle kuzo, ngoxa sityeshela ezo simele siphucule kuzo. Oko bekuya kufana nokuzijonga esipilini size sivuyiswe kukubona impahla entsha esiyinxibileyo ngoxa singaboni ukuba ubuso bumdaka. Kwanokuba aside sifane noSawule ngokuzingca, simele sizame ngamandla ukuphepha naluphi na utyekelo esinokuba nalo size sigqibele ngokufana naye. Xa silulekwa simele singazami ukuzithethelela, siyenze engenamsebenzi loo ngxaki, okanye sizame ukulosulela kwabanye ityala. Kunokuxelisa uSawule, kubhetele sivume xa silulekwa.—Funda iNdumiso 141:5.

12. Ukulungela kwethu ukuzincama kunokusinceda njani xa siye sawela kwisono esinzulu?

12 Yintoni esinokuyenza xa siye senza isono esinzulu? USawule wayefuna ukulondoloza isidima sakhe, ibe oko kwenza akaphinda abe nolwalamano oluhle noThixo. Ngokwahlukileyo koko,  ukulungela ukuzincama kunokusinceda silwe nokoyika ukuhlazeka size sifumane uncedo. (IMize. 28:13; Yak. 5:14-16) Ngokomzekelo, omnye umzalwana waqalisa ukubukela iphonografi eseneminyaka eyi-12 kwaza kwadlula iminyaka engaphaya kweshumi eyibukela emfihlekweni. Uthi: “Kwakunzima gqitha ukuyivuma kumkam nakubadala into endandiyenza. Kodwa emva kokuba ndivumile kwathi xibilili ngathi ndothulwe umthwalo onzima. Bambi kubahlobo bam badana gqitha ndisakuyekiswa ukuba sisicaka solungiselelo, besithi ndibaphoxile. Noko ke, ndiyazi ukuba uYehova uyakholiswa yinkonzo yam ngoku ekubeni ndiyekile ukubukela iphonografi, ibe yindlela andijonga ngayo ebalulekileyo.”

UPETROS WAKOYISA UKUZINGCA

13, 14. Lwabonakala njani utyekelo lokuzingca kuPetros?

13 Umpostile uPetros wayekulungele ukuzincama ngoxa wayeqeqeshwa nguYesu. (Luka 5:3-11) Noko ke, kwakusafuneka alwe notyekelo lokuzingca. Ngokomzekelo, wacaphuka gqitha xa umpostile uYakobi noYohane babefuna izikhundla eziphezulu zokuhlala ecaleni kukaYesu eBukumkanini bukaThixo. Mhlawumbi uPetros wayecinga ukuba esinye isikhundla sasimele sibe sesakhe, kuba uYesu wayesele emxelele ukuba uza kuba nendima ebalulekileyo. (Mat. 16:18, 19) Enoba sasiyintoni isizathu sikaPetros, uYesu walumkisa uYakobi noYohane kuquka uPetros nabanye abapostile ukuba ‘bangabi ziinkosi phezu’ kwabazalwana babo ngenxa yokuzingca.—Marko 10:35-45.

14 Kwanasemva kokuba uYesu ezame ukulungisa indlela yokucinga kaPetros, kwakusafuneka uPetros alwe ngakumbi notyekelo lokuzingca. Xa uYesu waxelela abapostile ukuba baza kumshiya, uPetros waziphakamisa ngaphezu kwabanye esithi yena uza kunyaniseka. (Mat. 26:31-33) Noko ke, wafana wazithemba nje kuba kwangobo busuku woyiswa kukuzincama. Ezama ukuzikhusela, uPetros wada wamkhanyela kathathu uYesu.—Mat. 26:69-75.

15. Kutheni uPetros engumzekelo omhle nje kuthi?

15 Nakuba uPetros wayesiwa evuka,  ungumzekelo omhle gqitha kuthi. Ngenxa yemigudu yakhe nokuncedwa ngumoya oyingcwele kaThixo, uPetros waloyisa olo tyekelo lokuzingca waza ngothando wazincama. (Gal. 5:22, 23) Wanyamezela iimvavanyo ezazibonakala ziqatha kunezo wayenikezele kuzo ngaphambili. Indlela awasabela ngayo xa walulekwa phambi kwabantu ngumpostile uPawulos yabonisa ukuba uthobekile. (Gal. 2:11-14) Emva kokululekwa kwakhe, uPetros akazange amzonde, avakalelwe kukuba uPawulos uye wasirhuqa eludakeni isidima sakhe. UPetros waqhubeka emthanda uPawulos. (2 Pet. 3:15) Umzekelo kaPetros unokusinceda sizame ukuhlala sikulungele ukuzincama.

Wasabela njani uPetros xa wayelulekwa? Ngaba thina besiya kusabela ngendlela efanayo? (Funda isiqendu 15)

16. Yintoni enokusinceda silungele ukuzincama xa sijamelene neemeko ezinzima?

16 Cinga nje ngendlela osabela ngayo kwiimeko ezinzima. Xa uPetros nabanye abapostile babeseluvalelweni baza bakatswa ngenxa yokushumayela, baba nemihlali “ngenxa yokuba babebalelwe ekuthini bafanelwe kukuhlaziswa ngenxa yegama [likaYesu].” (IZe. 5:41) Nawe unokujonga intshutshiso njengethuba lokuxelisa uPetros uze ulandele emanyathelweni kaYesu ngokuzincama. (Funda eyoku-1 kaPetros 2:20, 21.) Ukuzijonga ngolo hlobo izinto kungakunceda naxa usohlwaywa ngabadala. Umele uxelise uPetros kunokuba ukhathazeke.—INtshu. 7:9.

17, 18. (a) Yintoni esinokuzibuza yona ngosukelo esinalo lokunqula uThixo? (b) Yintoni esinokuyenza ukuba sibona ngathi kukhula ukuzingca okuthile entliziyweni?

17 Umzekelo kaPetros ungakunceda naxa ucinga ngezinto ofuna ukuzenza ukuze unqule uThixo. Ukulungela ukuzincama kunokukunceda njengoko uzama ukufezekisa olo sukelo. Noko ke, umele ulumke, kungathi kanti injongo yakho kukufumana uzuko. Zibuze, ‘Ngaba umnqweno endinawo wokuphucula okanye ukwandisa inkonzo endiyenzela uYehova uqhutywa kukunqwenela uzuko okanye igunya, njengokuba kubonakala ukuba kwakunjalo kwisicelo esenziwa nguYakobi noYohane kuYesu?’

18 Ukuba ubona ngathi kukhula ukuzingca okuthile entliziyweni yakho, cela uYehova akuncede ulungise indlela ocinga ngayo; emva koko uzame ukunikela ingqalelo ekuzukiseni yena kunesiqu sakho. (INdu. 86:11) Usenokuzama ukwenza izinto ezingazi kukutsalela amehlo. Ngokomzekelo, unokuzama ukuphucula kwinkalo ethile yesiqhamo somoya oyifumanisa inzima. Ukuba uzilungiselela kakuhle iinxalenye zeentlanganiso kodwa awunamdla kangako ekucoceni iHolo yoBukumkani, usenokuzama ukuthobela icebiso elikumaRoma 12:16.—Yifunde.

19. Yintoni esinokuyenza ukuze singadinyazwa ziziphako esizibona kuthi xa sizijonge kwisipili esiliLizwi likaThixo?

19 Xa sizijonga ngenyameko kwisipili esiliLizwi likaThixo size sibone iziphako, nokuba zizinto ezibhenca ukuba siqalisa ukuzingca, oku kusenokusidimaza. Xa oko kunokwenzeka kuwe, umele ucinge ngempumelelo yomntu ekuthethwa ngaye kumzekeliso kaYakobi. UYakobi akazange agxininise kwindlela akhawuleza ngayo ukulungisa iingxaki azifumanisayo loo mntu okanye enoba wakwazi kusini na ukuzilungisa zonke; kunoko uthi le ndoda ‘yazingisa kumthetho ogqibeleleyo.’ (Yak. 1:25) Loo mntu wasikhumbula isiphako asibone esipilini waza waqhubeka ezama ukusisusa. Ngoko ke, yeka ukuzigxeka ngokungeyomfuneko uze uyamkele into yokuba akufezekanga. (Funda iNtshumayeli 7:20.) Zingisa ekuhlolisiseni umthetho ogqibeleleyo, uze ulwele ukuhlala ulungele ukuzincama. UYehova ukulungele ukukunceda, njengokuba eye wanceda intlaninge yabazalwana bakho abasokoliswa kukungafezeki kwabo kodwa akholiswayo ngabo uThixo aze abasikelele.