Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UNqulo Lwentsapho—Ngaba Unokulwenza Lube Mnandi Ngakumbi?

UNqulo Lwentsapho—Ngaba Unokulwenza Lube Mnandi Ngakumbi?

Omnye umzalwana waseBrazil onabantwana uthi: “UNqulo Lwentsapho yethu luye lubangel’ umdla kangangokuba sikhe sihlale de kube sebusuku.” Enye intloko-ntsapho yaseJapan ithi unyana wayo oneminyaka elishumi uye afune ukuqhubeka, angaqapheli naxa ixesha sele limkile. Ngoba? Uyise uthi: “Uba nomdla, ibe loo nto imenza onwabe.”

Kakade ke, asingabo bonke abantwana abanomdla, kangangokuba abanye basenokude bangaluthandi unqulo lwentsapho. Kutheni kunjalo nje? Omnye umzalwana waseTogo wayibeka ngolu hlobo, “Ukunqula uYehova akumele kube yinto ekruqulayo.” Ukuba kuyakruqula, akungebi mhlawumbi yindlela eniluqhuba ngayo unqulo lwentsapho? Iintsapho ezininzi ziye zafumanisa ukuba unqulo lwentsapho lunokuba “luyolo olugqibeleleyo,” kanye njengeSabatha awathetha ngayo uIsaya.—Isa. 58:13, 14.

Iintloko-ntsapho ezingamaKristu ziyaqonda ukuba ukuze unqulo lwentsapho lube mnandi, wonke umntu umele azive ekhululekile. URalf, oneentombi ezintathu nonyana, uthi, kunokuba unqulo lwentsapho lube sisifundo, balwenza lube buncoko; wonke umntu uba nenxaxheba. Ewe kona, akululanga ukugcina wonke umntu enomdla kumbandela enincokola ngawo. Omnye udade uthi: “Ngamany’ amaxesha ndiye ndingabi nawo amandla okwenza unqulo lwentsapho ludlamke ngale ndlela ndiyifunayo.” Ngaba unokulwenza lube mnandi ngakumbi unqulo lwentsapho?

UKUBA BHETYEBHETYE NOKUTSHINTSHATSHINTSHA

Omnye umzalwana waseJamani onabantwana ababini uthi: “Kufuneka sibe bhetyebhetye.” UNatalia, ongunina kubantwana ababini yena uthi: “Eyona nto ibalulekileyo kweyethu intsapho kukungasoloko silwenza ngendlela enye unqulo lwentsapho.” Iintsapho ezininzi ziyalwahlula unqulo lwentsapho yazo lube  ziinxalenye eziliqela. UCleiton waseBrazil, uyise kubantwana ababini abakwishumi elivisayo uthi: “Loo nto yenza unqulo lwentsapho lubangele umdla nangakumbi aze wonke umntu abe nenxaxheba.” Xa belahlula-hlula ixesha lonqulo lwentsapho, abazali banokutsho bahoye umntwana ngamnye, ngakumbi xa abantwana beshiyana kakhulu ngeminyaka. Banokukwazi nokusebenzisa iimpapasho ezahlukeneyo baze balwenze ngendlela eza kulungela loo mntwana.

Yintoni eyenziwa zezinye iintsapho ukuze unqulo lwentsapho luhlale lubangela umdla? Ezinye zidla ngokuqalisa unqulo lwentsapho ngokucula iingoma zoBukumkani. UJuan waseMexico uthi: “Loo nto yenza wonke umntu akhululeke ize isincede silungise iintliziyo zethu.” Intsapho yakhe iye ikhethe iingoma ezinomxholo osondeleyo kumbandela abaza kuncokola ngawo ngaloo ngokuhlwa.

ESri Lanka

Ezinye iintsapho zifunda inxalenye yeBhayibhile kunye. Ukuze oku kubangele umdla, mntu ngamnye entsatsheni udla ngokufunda indawo yomntu othile kwezo Zibhalo zifundwayo. Omnye umzalwana waseJapan uyavuma ukuba “ekuqaleni kwakungaqheleki ukufunda ngale ndlela.” Kodwa oonyana bakhe ababini babevuya xa bebona ukuba nabazali bonwabile. Ezinye iintsapho zide zenze idrama ngamabali eBhayibhile. URoger waseMzantsi Afrika, onoonyana ababini, uthi abantwana “badla ngokubona izinto ezisisithelayo thina bazali.”

EMzantsi Afrika

Enye into enokwenziwa ziintsapho kukwakha kunye into enjengomkhombe kaNowa omncinane okanye itempile kaSolomon. Ukuphanda ngezo zinto kunokubangela umdla. Ngokomzekelo, eAsia kukho intwazana eneminyaka emihlanu ehlala nabazali bayo noninakhulu. Baye benza umdlalo osekelwe kuhambo lukaPawulos lobuvangeli. Ezinye iintsapho ziye zenza imidlalo esekelwe kumabali akwiEksodus. UDonald waseTogo, oneminyaka eyi-19, uthi ukungenzi into enye kunqulo lwentsapho “kulwenze lwamnandi unqulo lwentsapho yethu kwaza kwaphucula nobomi bethu.” Ngaba zikho izinto onokuzenza ukuze unqulo lwentsapho yakho lube mnandi ngakumbi?

EUnited States

UKULUNGISELELA KUBALULEKILE

Nakuba ukuba bhetyebhetye nokutshintshatshintsha kusenza unqulo lwentsapho lubangele umdla, ukuze unqulo lwentsapho lube luncedo, mntu ngamnye umele alungiselele. Abantwana bayadinwa ngamany’ amaxesha, ngoko iintloko-ntsapho zimele zicingisise ngemibandela ekuza kuncokolwa ngayo zize zilungiselele kakuhle. Omnye umzalwana onabantwana uthi: “Xa ndilungiselele kakuhle, wonke umntu uyangenelwa.” Omnye umzalwana waseJamani uchazela intsapho yakhe kusengaphambili ngezinto abaza kuncokola ngazo kwiiveki ezizayo. Xa ecebe ukuba kwintsapho yakhe babukele iDVD esekelwe eBhayibhileni, omnye umzalwana waseBenin onabantwana abathandathu udla ngokubanika imibuzo kusengaphambili. Yinyaniso engenakuphikwa ukuba ukulungiselela kubalulekile.

Xa intsapho izazi kuselithuba izinto ekuza kuthethwa ngazo, inokuman’ incokola ngazo ebudeni beveki, nto leyo enokwenza wonke umntu akhangele phambili kunqulo lwentsapho. Ukuba mntu ngamnye unendima aza kuyidlala, uya kuziva eyinxalenye yonqulo lwentsapho.

ZAMANI UKULWENZA RHOQO

Phantse kuzo zonke iintsapho kunzima ukulwenza rhoqo unqulo lwentsapho.

Amadoda amaninzi achitha ixesha elininzi emsebenzini ukuze agxothe ikati eziko. Ngokomzekelo, enye indoda yaseMexico imka endlwini yayo ngo-6 ekuseni iye kubuya ngo-8 ebusuku. Ngaphezu koko, abakho amaxesha apho kuye kufuneke kutshintshwe ixesha loNqulo Lwentsapho ngenxa yeentlanganiso ezithile, njengotyelelo lomveleli wesiphaluka okanye indibano yesithili.

Sekunjalo, simele sizimisele ukulwenza rhoqo unqulo lwentsapho. Xa ethetha ngendlela intsapho yakowabo ezimisele ngayo ukulwenza rhoqo unqulo lwentsapho, uLoïs waseTogo oneminyaka elishumi elinanye, uthi: “Ngamanye amaxesha sikhe siluqalise ebusuku ngenxa yezinto eziye zaphamisa, kodwa siyaqinisekisa ukuba sisoloko silwenza.” Siyavakala nesizathu sokuba ezinye iintsapho zikhetha usuku olusekuqaleni kweveki. Kaloku ukuba kukho into eye yaphazamisa, zinokuphinda zikhethe olunye usuku kwalapha evekini.

Njengokuba ibinzana elithi “unqulo lwentsapho” libonisa, le yindlela yokunqula uYehova. Mntu ngamnye entsatsheni makanikele kuYehova “amathole eenkomo aziinkunzi, amazwi emilebe” veki nganye. (Hos. 14:2) Ngamana unqulo lwentsapho lungaba sisihlandlo esimnandi kumntu ngamnye, “kuba uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.”—Neh. 8:9, 10.