Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bahloneleni Abalupheleyo

Bahloneleni Abalupheleyo

‘Yihlonele indoda enkulu.’—LEV. 19:32.

1. Yiyiphi imeko elusizi abajamelene nayo abantu?

ZANGE ibe yinjongo kaYehova ukuba abantu bathwaxwe yimiphumo yokwaluphala. Kunoko, wayefuna ukuba abantu banandiphe impilo egqibeleleyo eParadesi. Kodwa kungokunje “yonke indalo iyagcuma kwaye isentlungwini.” (Roma 8:22) Ucinga ukuba uvakalelwa njani uThixo xa ebona imiphumo yokudlakazwa kwabantu sisono? Ukongezelela, abantu abaninzi abalupheleyo abahoywa ngexesha apho balufuna ngamandla uncedo.—INdu. 39:5; 2 Tim. 3:3.

2. Kutheni amaKristu enombulelo ngokuba nabantu abakhulileyo emabandleni abo?

2 Abantu bakaYehova banombulelo gqitha ngokuba nabantu abakhulileyo emabandleni abo. Siyangenelwa kumava abo ibe sifuna ukuxelisa ukholo lwabo. Abaninzi kuthi bayazalana naba bazalwana bakhulileyo nabathandekayo. Nakuba kunjalo, enoba siyazalana nabo okanye akunjalo sinomdla kwimpilo-ntle yabo. (Gal. 6:10; 1 Pet. 1:22) Sonke siya kungenelwa kukuhlolisisa indlela uThixo abajonga ngayo abantu abalupheleyo. Siza kuhlolisisa neembopheleleko anazo amalungu entsapho kwakunye nebandla ekubanyamekeleni.

“MUSA UKUNDILAHLA”

3, 4. (a) Sisiphi isibongozo esinyanisekileyo umbhali weNdumiso 71 awasenza kuYehova? (b) Amalungu ebandla alupheleyo anokucela ntoni kuThixo?

3 Umbhali weNdumiso 71:9 wabongoza uThixo wathi:  “Musa ukundilahla ngexesha lobudala; xa amandla am ephela.” Kubonakala ukuba le ndumiso igqibezela oko kuthethwa kwiNdumiso 70 eyabhalwa nguDavide. Ngoko kumel’ ukuba nguDavide owenza esi sibongozo sikwiNdumiso 71:9. Wakhonza uThixo ubomi bakhe bonke, ibe uYehova wamsebenzisa ngeendlela ezinkulu. (1 Sam. 17:33-37, 50; 1 Kum. 2:1-3, 10) Nakuba kunjalo, uDavide wakubona kufanelekile ukubongoza uYehova ukuba aqhubeke emxhasa.—Funda iNdumiso 71:17, 18.

4 Abaninzi namhlanje bafana nqwa noDavide. Nakuba sele bekhulile ngeminyaka, ‘befikelwe nayimihla yentlekele,’ basaqhubeka bedumisa uThixo kangangoko banako. (INtshu. 12:1-7) Abaninzi kubo abasakwazi kuzenza izinto ngendlela ababezenza ngayo ngaphambili, kuquka ukuya entsimini. Kodwa ke banokumcela uYehova ukuba aqhubeke ebasikelela aze abanyamekele. La maKristu athembekileyo nalupheleyo anokuqiniseka ukuba uThixo uya kuyiphendula imithandazo yabo. Oku sikwazi kuba uYehova waphefumlela uDavide ukuba athandazele iingxaki ezifanayo.

5. UYehova ubajonga njani abakhonzi bakhe abathembekileyo abalupheleyo?

5 IZibhalo zenza kucace ukuba uYehova ubaxabisa kakhulu abantu abalupheleyo ibe ulindele ukuba abakhonzi bakhe babahlonele. (INdu. 22:24-26; IMize. 16:31; 20:29) ILevitikus 19:32 ithi: “Uze usukume phambi kwengwevu, uyihlonele indoda enkulu, umoyike uThixo wakho. NdinguYehova.” Ukuhlonela abakhulileyo ebandleni kwakuyimbopheleleko enkulu ngexesha lokubhalwa kwala mazwi, ibe kusenjalo nanamhlanje. Noko ke, kuthekani ngokubanyamekela? Yimbopheleleko kabani leyo?

IMBOPHELELEKO YENTSAPHO

6. UYesu wamisela wuphi umzekelo wokunyamekela umzali?

6 ILizwi likaThixo lithi: “Beka uyihlo nonyoko.” (Eks. 20:12; Efe. 6:2) UYesu wabonisa ukubaluleka kwalo mthetho xa wakhalimela abaFarisi nababhali ababengafuni ukunyamekela abazali babo. (Marko 7:5, 10-13) UYesu wamisela umzekelo omhle koku. Ngokomzekelo, xa wayeza kufa wayaleza unina, ekubonakala ukuba wayengumhlolokazi, komnye wabafundi bakhe, uYohane.—Yoh. 19:26, 27.

7. (a) Nguwuphi umgaqo owakhankanywa nguPawulos ophathelele ukunyamekela abazali? (b) Wawusithini umongo wamazwi kaPawulos?

7 Kwileta eya kuTimoti uPawulos wathi amaKristu afanele anyamekele iintsapho zawo. (Funda eyoku-1 kuTimoti 5:4, 8, 16.) Cinga ngomongo wale leta kaPawulos. Wayechaza uhlobo lwabantu ababenokufanelekela ukuxhaswa ngemali libandla. Wenza kwacaca ukuba ngokuyintloko ngabantwana, abazukulwana, nezalamane ezikholwayo abanembopheleleko yokunyamekela abahlolokazi abalupheleyo. Ngoko ke, ibandla lalingayi kuba naluxanduva ngokungeyomfuneko. Nanamhlanje, enye yeendlela amaKristu abonisa ngayo “uzinikelo lobuthixo” kukuxhasa izalamane zawo ezisweleyo.

8. Kutheni iBhayibhile inganikeli miyalelo ingqalileyo ngendlela yokunyamekela abazali abalupheleyo?

8 Abantwana abadala banembopheleleko yokunyamekela abazali babo. Nakuba uPawulos wayethetha ngokunceda izalamane ezikholwayo, loo nto ayithethi kuthi abazali abangakholwayo bamele batyeshelwe. Abantwana babanyamekela ngeendlela ezahlukahlukeneyo  abazali ibe neemeko zabantu azifani. Zahlukile iimfuno, ubuntu nempilo yabo. Abanye abazali banabantwana abaninzi, ukanti abanye banomntwana omnye nje kuphela. Bambi bafumana inkxaso karhulumente, abanye abayifumani. Abantu abafuna ukunyanyekelwa banokukhetha izinto ezingafaniyo. Ngenxa yoko, ayibobulumko okanye ukubonakalisa uthando ukugxeka izigqibo zabo benza konke okusemandleni ukunyamekela izalamane zabo. Kakade ke, uYehova unokusikelela nasiphi na isigqibo esisekelwe eZibhalweni aze asenze siphumelele kanye njengoko ebesoloko esenza ukususela kwimihla kaMoses.—Num. 11:23.

9-11. (a) Ziziphi izigqibo ezinzima bambi ekusenokufuneka bazenze? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Kutheni abantwana abadala bengafanele bakhawuleze bayincame inkonzo yexesha elizeleyo? Zekelisa.

9 Kusenokuba nzima ebantwaneni ukunyamekela abazali babo xa behlala kude nekhaya. Kodwa kusenokufuneka bagoduke ukuba uyise okanye unina unokuwa, aphuke ithambo, okanye agule yenye into. Emva koko, abazali basenokufuna uncedo kangangexesha elithile. *

10 Kusenokufuneka ukuba abo bakwinkonzo yexesha elizeleyo nabahlala kude namakhaya abo ngenxa yezabelo zabo zobuthixo benze izigqibo ezinzima. Abo bakhonza eBheteli, abathunywa bevangeli, nabaveleli abahambahambayo, basijonga njengentsikelelo exabisekileyo evela kuYehova isabelo sabo. Nakuba kunjalo, xa begulelwa ngabazali, into yokuqala ethi qatha engqondweni isenokuba kukuthi, ‘Kufuneka sisishiye isabelo sethu ukuze sinyamekele abazali.’ Noko ke, kuya kuba bubulumko ukuthandaza nokucinga ngeyona nto ifunwa ngabazali babo. Akukho mntu ufanele akhawuleze ancame isabelo asinikwe nguYehova, ibe akusoloko kuyimfuneko ukwenjenjalo. Akungebi mhlawumbi yinto yokomzuzwana, mhlawumbi omnye wabazalwana bebandla lakhe unokukuvuyela ukumnceda?—IMize. 21:5.

11 Ngokomzekelo, esinye isibini saseJapan sasinoonyana ababini ababekhonza kude nekhaya. Omnye wayengumthunywa wevangeli eMzantsi Merika, ukanti omnye wayesebenza kwikomkhulu eliseBrooklyn, eNew York. Xa abazali babo bafuna uncedo, aba nyana nabafazi babo bagoduka ukuze babone indlela abanokubanceda ngayo. Esi sibini singabathunywa bevangeli sasicinga ngokushiya isabelo saso ukuze sinyamekele abazali. Kwathi kusenjalo, safowunelwa ngumnxibelelanisi wequmrhu labadala okwibandla labazali baso. Abadala babedibene ngalo mbandela baza bavumelana ukuba aba bathunywa bevangeli bamele baqhubeke nesabelo sabo kangangoko kunokwenzeka. Aba badala babeyixabisa inkonzo yesi sibini ibe babezimisele ukwenza konke okusemandleni abo ukunceda abazali baso. Le ntsapho imel’ ukuba yayixabisa gqitha inkathalo yaba bazalwana.

12. Yintoni efanele iqinisekise ngayo intsapho xa igqiba ngendlela yokunyamekela abazali?

12 Enoba intsapho engamaKristu igqiba ekubeni ibanyamekele njani abazali abalupheleyo, imele iqinisekise ukuba eso sigqibo sizukisa uThixo. Asifuni kufana neenkokeli zonqulo zemihla kaYesu. (Mat. 15:3-6) Sifuna ukwenza izigqibo ezizukisa uThixo nebandla.—2 Kor. 6:3.

 IMBOPHELELEKO YEBANDLA

13, 14. IBhayibhile ibonisa njani ukuba amabandla afanele ancede abalupheleyo?

13 Asinguye wonk’ umntu onokukwazi ukunceda abo bakwinkonzo yexesha elizeleyo ngale ndlela sisandul’ ukuthetha ngayo. Kodwa iBhayibhile ibonisa ukuba amabandla afanele enze konke anokukwenza ukunceda aba balupheleyo bathandekayo. Ngenkulungwane yokuqala, kwibandla laseYerusalem “kwakungekho namnye owayeswele.” Loo nto ayithethi kuthi babemi kakuhle bonke, kodwa “kwakusabelwa ngamnye, kanye ngokokuswela kwakhe.” (IZe. 4:34, 35) Kodwa ke kamva, kwabakho ingxaki enkulu kwelo bandla. Bambi abahlolokazi babengafumani “kulwabiwo lwamihla le” lokutya. Benza ntoni abapostile ngale meko? Bamisela amadoda athembekileyo ukuze aqinisekise ukuba abahlolokazi baphathwa kakuhle nokuba bafumana ukutya okwaneleyo. (IZe. 6:1-5) Yinyaniso ukuba olo lwabiwo lwamihla le lokutya yayililungiselelo nje lokwexeshana elalisenzelwa ukunyamekela abo baba ngamaKristu ngePentekoste ka-33, kwabe kufuneka bahlale eYerusalem ukuze bomeleze ukholo lwabo. Nakuba kunjalo, into abayenzayo abapostile ibonisa ukuba ibandla linako ukuwanceda amaKristu asweleyo.

14 Njengoko bekuchaziwe, uPawulos wanika uTimoti imiyalelo eyayichaza iimeko ezazinokwenza umhlolokazi ongumKristu afanelekele ukuncedwa libandla. (1 Tim. 5:3-16) Umbhali weBhayibhile uYakobi wayivuma into yokuba amaKristu anembopheleleko yokunyamekela iinkedama, abahlolokazi, kunye nabanye xa besezimbandezelweni. (Yak. 1:27; 2:15-17) Nompostile uYohane wathi: “Nabani na onezinto zokuxhasa ubomi zeli hlabathi aze abone umzalwana wakhe eswele, kodwa azivalele iimfesane zakhe kuye, lungathini na ukuhlala kuye uthando lukaThixo?” (1 Yoh. 3:17) Ukuba ke umKristu ngamnye unembopheleleko engaka yokunyamekela abasweleyo, akungebi ke namabandla anembopheleleko efanayo?

Ibandla linokunceda njani xa kwehle ingozi? (Funda isiqendu 15, 16)

15. Luxhomekeke kweziphi iimeko uncedo olunikwa abalupheleyo?

15 Kwamanye amazwe urhulumente ulungiselele iinkonzo zentlalo-ntle ezinjengenkam-nkam noonesi bokubanyamekela emakhayeni abo. (Roma 13:6) Noko ke, kwamanye azikho ezi nkonzo. Ngoko ke, uncedo olufanele lunikelwe zizalamane nebandla luxhomekeka  kwimeko leyo. Ukuba abantwana abakholwayo bahlala kude nabazali babo, loo nto inokuchaphazela indlela ababanceda ngayo. Aba bantwana bamele bathethe nabadala bebandla labazali babo ukuze baqinisekise ukuba bayayazi imeko yentsapho yabo. Ngokomzekelo, abadala banokubanceda abazali babo ngokubaxelela ngamalungiselelo karhulumente nendlela abanokungenelwa ngayo kuwo. Basenokujonga nezinto abacinga ukuba zifanele zaziwe ngabantwana, ezifana neeleta ezingekavulwa naxa abazali bengawatyi kakuhle amayeza. Xa benxibelelana ngokuphandle nangokucacileyo ngolo hlobo, banokukwazi ukufumana izicombululo. Kucacile ukuba, abantu abahlala kufutshane nabanokukwazi ukunceda nokunikela amacebiso, banokuba liliso labantwana nto leyo enokwenza intsapho ingaxhalabi kakhulu.

16. Yintoni eyenziwa ngamanye amaKristu ukunceda abalupheleyo ebandleni?

16 Ekubeni bebathanda aba balupheleyo, bambi ebandleni banikela ngexesha namandla abo ukuze babancede. Baba nomdla ongakumbi kwabo balupheleyo. Abanye bade babolekisane ngokubanyamekela. Nakuba beqonda ukuba iimeko zabo azibavumeli ukuba babe kwinkonzo yexesha elizeleyo, aba bazalwana noodade banokunceda abantwana baba balupheleyo bahlale kwisabelo sabo. Onjani wona umoya omhle abawubonisayo! Kakade ke, ububele bebandla abubakhululi abantwana kwimbopheleleko yabo yokunyamekela abazali.

HLONELA ABALUPHELEYO UZE UTHETHE AMAZWI OMELEZAYO

17, 18. Sisiphi isimo sengqondo esibalulekileyo xa kunyanyekelwa abantu abalupheleyo?

17 Xa bonke ababandakanyekileyo behlala benomoya omhle, banokuwenza ube lula lo msebenzi. Ukuba nawe unendima oyidlalayo koku, zama ukuba lukhuthazo. Maxa wambi, ukwaluphala kunokwenza umntu aphelelwe lithemba, de axinezeleke. Ngoko kusenokufuneka umgudu ongakumbi ukuze ubahlonele uze ubakhuthaze ngeencoko ezakhayo. Ufanele ubancome ngokuhlala kwabo bethembekile ixesha elide. UYehova akayilibalanga imisebenzi yabo, ibe namanye amaKristu akamele ayilibale.—Funda uMalaki 3:16; amaHebhere 6:10.

18 Ukongezelela koko, iingxaki ezinzima zamihla le zinokunyamezeleka xa abo balupheleyo nabo babanyamekelayo benoburharha. (INtshu. 3:1, 4) Abantu abaninzi abalupheleyo benza konke abanako ukuqinisekisa ukuba abatefi. Bayaqonda ukuba abantu baza kuba nomdla wokubatyelela xa benobubele. Kuqhelekile ukuva abantu besithi, “Bendiye kukhuthaza umhlobo wam osele ekhulile, kwasuka kwakhuthazeka mna.”—IMize. 15:13; 17:22.

19. Liliphi ithemba lekamva elinokunceda abaselula nabalupheleyo?

19 Sikhangele phambili kwimini ekuya kupheliswa ngayo ukwaluphala, iintlungu nokungafezeki. Okwangoku, abakhonzi bakaThixo bafanele banikel’ ingqalelo kwithemba labo lekamva. Siyazi ukuba eyona nto eya kusomeleza ngexesha lembandezelo lukholo kwizithembiso zikaThixo. Ngenxa yolo kholo, “asiyeki, kodwa kwanokuba umntu esinguye ngaphandle uya esonakala, ngokuqinisekileyo umntu esinguye ngaphakathi wenziwa mtsha kwakhona imihla ngemihla.” (2 Kor. 4:16-18; Heb. 6:18, 19) Yintoni enye enokunceda abo banembopheleleko yokunyamekela abalupheleyo? Kwinqaku elilandelayo siza kuthetha ngamanye amacebiso aluncedo.

^ isiqe. 9 Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngezinye iindlela zokunyamekela abantu abadala.