Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | UKHO NA UMNTU ONOKULAZI IKAMVA?

Bayanyanisa, Baphinde Babhideke

Bayanyanisa, Baphinde Babhideke

Ungathanda na ukwazi ikamva lakho? Ngokuqhelekileyo abantu banomdla wokwazi ikamva labo. Abaninzi bakuchaza kwangaphambili oko kuza kwenzeka. Makhe sijonge oku kulandelayo:

  • OOSOSAYENSI basebenzisa oomatshini abantsonkothileyo nemali eninzi ukuze bakwazi ukujonga iziganeko zexesha elizayo, njengomonakalo oza kubangelwa lungcoliseko lomoya emhlabeni kunye nokuchaza imozulu.

  • ABAHLALUTYI bachaza kwangaphambili oko kuza kwenzeka kushishino nakwiipolitiki. UWarren Buffett, esinye sezigwili zeli hlabathi, uye waphiwa igama lokuba uyimboni ngenxa yokunyanisa kuqikelelo lotyalo-mali lwakhe lwezoshishino. Omnye umhlalutyi, uNate Silver, udume ngokuchaza kwangaphambili iziphumo zopolitiko zaseUnited States nezabadlali baseHollywood abaza kujizekwa ngeembasa.

  • IZINTO ZAKUDALA ziye zachazwa njengeziprofeto. Kukho abantu abakholelwa ukuba ezinye izinto ezenzekayo namhlanje zazichazwe kwangaphambili kwimibhalo kaMichel de Notredame (Nostradamus) yeminyaka yee-1500. Abanye babekholelwa ukuba ikhalenda yamaMaya eye yaphelelwa ngoDisemba 21, 2012, yayichaza intlekele ezayo.

  • IINKOKELI ZONQULO ziye ziqikelele iintlekele eziza kwenzeka ukuze zilumkise abantu nokuze zibe nabalandeli abangakumbi. Umprofeti uHarold Camping nabalandeli bakhe baye babhengeza ukuba umhlaba uza kutshatyalaliswa ngonyaka ka-2011. Njengoko nawe ubona, umhlaba uselapha.

  • OOSIYAZI bathi banobuchule bokukwazi ukubona ikamva. UEdgar Cayce noJeane Dixon bazichaza ngokuchanileyo iziganeko ezininzi zeminyaka yee-1900. Kodwa bobabini baye babhideka izihlandlo ezininzi. Ngokomzekelo, uDixon wathi kwakuza kubakho iMfazwe Yehlabathi III ngo-1958, ibe yena uCayce wathi iNew York yayiza kuzika elwandle ngeminyaka yee-1970.

Ngaba ikhona ke eyona ndlela onokulazi ngayo ikamva lakho? Ngumbuzo obalulekileyo lowo. Ukuba ubunokuzibona kwangaphambili iziganeko ezizayo, ubomi bakho ngebungenje.