Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUNCOKOLA NOMMELWANE

Ngaba AmaNgqina KaYehova Ayakholelwa KuYesu?

Ngaba AmaNgqina KaYehova Ayakholelwa KuYesu?

Le yincoko ekuqhelekileyo ukuba iNgqina likaYehova libe nayo nommelwane. Masithi iNgqina elinguAnthony lindwendwele umfo onguTim.

UKUKHOLELWA KUYESU KUBALULEKILE

Anthony: Molo Tim. Ndiyavuya siphinde sabonana.

Tim: Nam mfondini.

Anthony: Ndikuphathele IMboniselo noVukani! wale nyanga. Ndiyathemba ukuba uza kukuvuyela ukufunda ezi magazini.

Tim: Enkosi. Yazi ndiyavuya ufikile, ngoba kukho into endifuna undicacisele yona.

Anthony: Oh, yintoni leyo?

Tim: Ngeny’ imini bendincokola nomny’ umfo pha emsebenzini. Bendimbalisela ngendlela ezimnandi ngayo ezaa magazini wawundinike zona. Kodwa uye wathi mandingazifundi kuba nina maNgqina kaYehova anikholelwa kuYesu. Unyanisile? Phofu ndiye ndamxelela ukuba ndiza kukubuza xa siphinda sidibana.

Anthony: Tim ndiyavuya undibuzile. Ivakala kakuhle into xa uyibuza kumniniyo.

Tim: Nam bendicinga loo nto.

Anthony: Inyaniso kukuba, amaNgqina kaYehova akholelwa kakhulu kuYesu. Eneneni, siyaqonda ukuba ukukholelwa kuYesu kubalulekile ukuze sisindiswe.

Tim: Ibikho into etshoyo kum, qha xa lo mfo etshilo ukuba anikholelwa kuYesu, ndiye ndanomdla wokuyiqonda ukuba injalo na. Ingathi asizange sakhe sancokola ngayo.

Anthony: Ndicela ukukufundela iivesi zeBhayibhile ezibonisa ukubaluleka kokukholelwa kuYesu. AmaNgqina kaYehova adla ngokuzisebenzisa xa eshumayela ebantwini.

Tim: Masizifunde.

Anthony: Masiqale ngokufunda amazwi kaYesu akuYohane 14:6. Kule vesi uYesu wayencokola nomnye wabapostile bakhe. Xa siyifunda ithi: “UYesu wathi kuye: ‘Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.’” Le vesi ithi singaya njani kuBawo?

Tim: NgoYesu.

Anthony: Unyanisile. Ibe namaNgqina kaYehova akukholelwa kakhulu oko. Makhe ndibuze: Kwizinto ozaziyo ngoThixo, kanene umntu xa ethandaza umele athandaze egameni likabani?

Tim: Egameni likaYesu.

Anthony: Injalo loo nto. Yiloo nto xa ndithandaza ndisithi, egameni likaYesu. Injalo yonke imithandazo yamaNgqina kaYehova.

Tim: OK ndiyabona.

Anthony: Makhe sifunde noYohane 3:16. Le vesi ibaluleke ngeyona ndlela kangangokuba ibizwa ngokuba iyiVangeli iyodwa nje. Oku kuthetha ukuba, xa ubunokushwankathela ngevesi enye yonke into ebhaliweyo ngobomi bukaYesu xa wayelapha emhlabeni, loo vesi ibinokuba ngulo Yohane 3:16. Ndicela uyifunde ke le vesi.

Tim: OK. Ithi: “Kuba uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”

Anthony: Ufunde kamnandi. Ubuyazi le vesi?

Tim: Ewe, kushunyayelwa ngayo qho ecaweni.

Anthony: Le vesi iqhelekile kakhulu. Makhe siyihlalutye, uYesu uthi abantu bamele benze ntoni ukuze uThixo onothando abanike ubomi obungunaphakade?

Tim: Bamele babe nokholo.

Anthony: Unyanisile. Ngokukodwa ukuba nokholo kuNyana okuphela kozelweyo, uYesu Kristu. Kanye le nto sithetha ngayo yokuba nokholo kuYesu oyindlela yobomi obungunaphakade, ibhalwe kwiphepha 2 lale magazini ndikuphathele yona. Xa lichaza injongo yeMboniselo lithi, le magazini “ifundisa abantu ukuze babe nokholo kuYesu Kristu owafayo ukuze sifumane ubomi obungunaphakade, ngoku onguKumkani woBukumkani bukaThixo.”

Tim: Nantso ke. Ngqo kwimagazini yenu kukho ubungqina bokuba amaNgqina kaYehova ayakholelwa kuYesu.

Anthony: Heke! Injalo loo nto.

Tim: Ke ngoku, kutheni abantu besithi anikholelwa kuYesu?

Anthony: Mhlawumbi banezizathu ezininzi zokutsho. Ngamany’ amaxesha benziwa kuba nje beve abanye besitsho. Okanye basenokuba bakuve kumfundisi wabo oko.

Tim: Ndicinga nokuba mhlawumbi besitsho nje kungenxa yokuba nithi ningamaNgqina kaYehova kunokuba nithi ningamaNgqina kaYesu.

Anthony: Kusenokwenzeka ukuba kunjalo.

Tim: Kutheni nisoloko nithetha ngoYehova?

“NDILAZISILE IGAMA LAKHO”

Anthony: Esinye isizathu kukuba, sikholelwa ukuba kubalulekile ukusebenzisa igama likaThixo, elinguYehova​—njengoko noNyana wakhe uYesu wenzayo. Yiva ukuba wathini uYesu xa wayethandaza kuYise, apha kuYohane 17:26. Ndicela uyifunde.

Tim: OK. Ithi: “Ndilazisile igama lakho kubo yaye ndiza kulazisa, ukuze uthando owandithanda ngalo lube kubo ndize nam ndimanyane nabo.”

Anthony: Enkosi. Qaphela ukuba uYesu uthi ulazisile igama likaThixo. Ucinga ukuba kutheni?

Tim: Hmm. Andiqinisekanga.

Ukukholelwa kuYesu kubalulekile

Anthony: Xa kunjalo ke, masijonge esinye isibhalo esikucacisa ngakumbi oku. Ndicinga ngeZenzo 2:21 ezithi: “Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.” Ndiqinisekile uyavuma ukuba xa kufuneka sibize egameni likaYehova ukuze sisindiswe, ngokuqinisekileyo noYesu wayeyazi loo nto.

Tim: Ewe.

Anthony: Ngoko kubalulekile ukuba abalandeli bakaYesu balazi yaye balisebenzise igama likaThixo ukuze basindiswe. Yiloo nto ke sithetha ngoYehova kangaka. Kubalulekile kuthi ukwazisa abantu ngegama likaThixo nokubanceda balisebenzise.

Tim: Ndiyakuva, kodwa ndicinga ukuba nokuba abantu abalazi igama likaThixo, bayazi ukuba bathetha ngabani xa besithi Thixo.

Anthony: Usenokunyanisa, kodwa ukusebenzisa igama likaThixo, kuya kusenza sisondele kuye.

Tim: Utheth’ ukuthini?

Anthony: Khawuyijonge ngale ndlela le nto: Kwakunganyanzelekanga ukuba silazi igama likaMoses. Ngesasuka nje samazi njengendoda eyahlukanisa uLwandle Olubomvu okanye eyanikwa iMithetho Elishumi. Kanti noNowa​—kutheni silazi igama lakhe? Bekunokuthiwa nje yindoda eyakha umkhombe yaza yasindisa intsapho yayo nezilwanyana. Nkqu noYesu Kristu, ngesimazi njengomntu othile owasuka ezulwini nowafela izono zethu. Andithi?

Tim: Ewe yhazi.

Anthony: Kodwa uThixo waqinisekisa ukuba onke la madoda siwazi ngamagama. Akhonto ibaluleke njengegama lomntu. Nangona singazange sambona uMoses, uNowa noYesu, kodwa ukwazi amagama abo kusenza sizikholelwe izinto ekuthiwa bazenza.

Tim: Ndiyakuva, yhazi andikaze ndacinga ngolo hlobo!

Anthony: Sesinye isizathu ke eso sokuba amaNgqina kaYehova elisebenzisa kangaka igama likaThixo. Sifuna ukunceda abantu babe nokholo kuYehova uThixo, bamazi njengoMntu abanokuba nobuhlobo naye. Kwangaxeshanye, sibabonisa nokuba kubalulekile ukuyazi indima kaYesu ukuze sisindiswe. Masifunde isibhalo sokugqibela ukuze kucace ngakumbi oku.

Tim: OK.

Anthony: Ekuqaleni sifunde uYohane 14:6. Ukuba ukhumbula kakuhle apho uYesu uthi ‘uyindlela nenyaniso nobomi.’ Kodwa ke khawuphawule ukuba uthini apha kuYohane 14:1. Ndicela ufunde inxalenye yokugqibela yayo.

Tim: Ithi: “Bonisani ukholo kuThixo, bonisani ukholo nakum.”

Anthony: Heke. Ucinga ukuba kubalulekile ukubonisa ukholo kuThixo? Okanye ngaba simele sikholelwe kuYesu kuphela?

Tim: Hayi, uYesu uthi apha simele sikholelwe kubo bobabini.

Anthony: Injalo loo nto. Kodwa ndiqinisekile uyavuma ukuba akwanelanga nje ukukholwa ngomlomo. Enyanisweni, ukholo lwethu lumele lubonakale ngezenzo.

Tim: Yinyaniso leyo.

Anthony: Kodwa umntu ubonisa njani ukuba uyakholwa kuThixo nakuYesu? Mhlawumbi singawuphendula lo mbuzo kwixesha elizayo. *

Tim: Ndingakuvuyela oko.

Ngaba ukho umbandela weBhayibhile owakhe wanombuzo ngawo? Ungathanda ukwazi iinkolelo zamaNgqina kaYehova? Ukuba kunjalo, ungabi mathidala ukuwabuza xa uphinda udibana nawo. Aya kuyiphendula imibuzo yakho.

^ isiqe. 60 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 12 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.