Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Ngubani kanye kanye olawula ihlabathi?

Ukuba ibinguThixo olawulayo, ngaba ngekukho iintlungu ezingaka apha emhlabeni?

Abantu abaninzi bakholelwa ukuba nguThixo oyinyaniso olawula ihlabathi. Kodwa ukuba bekunjalo, ngaba ngekukho iintlungu ezingaka apha emhlabeni? (Duteronomi 32:4, 5) IBhayibhile ithi, ihlabathi lonke lilawulwa ngumntu ongendawo.​—Funda eyoku-1 kaYohane 5:19.

Lo mntu ungendawo wenza njani ukuze alawule ihlabathi lonke? Kwiminyaka embalwa emva kokuba uAdam noEva bedaliwe, ingelosi ethile yavukela uThixo yaza yabangela ukuba bone. (Genesis 3:1-6) Bakhetha ukuthobela uSathana, waza wabalawula. UThixo uSomandla nguye kuphela uMlawuli ofanelekayo, kodwa ke ufuna abantu bazikhethele ukumkhonza kuba bemthanda. (Duteronomi 6:6; 30:16, 19) Okubuhlungu kukuba, abantu abaninzi baye balahlekiswa, nabo benza ukhetho olubi njengoAdam noEva.​—Funda iSityhilelo 12:9.

Ngubani oza kulungisa iingxaki zabantu?

Ngaba uThixo uza kusoloko emyekile uSathana elawula kakubi? Hayi! UThixo uza kusebenzisa uYesu ekulungiseni iingxaki ezibangelwe nguSathana.​—Funda eyoku-1 kaYohane 3:8.

UYesu uza kunikwa amandla nguThixo ukuze atshabalalise uSathana. (Roma 16:20) Ngoko, uThixo uza kubalawula abantu ngokwakhe abenze baphile ngolonwabo nangoxolo kanye ngalaa ndlela wayefuna ngayo.​—Funda iSityhilelo 21:3-5.