Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Uze Umthande UYehova UThixo Wakho”

“Uze Umthande UYehova UThixo Wakho”

“Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.”MAT. 22:37.

1. Yintoni eyenza uThixo noNyana wakhe bathandana ngakumbi?

UYESU Kristu uNyana kaYehova wathi: “Ndiyamthanda uBawo.” (Yoh. 14:31) Wakwathi: “UYise unomsa kuNyana.” (Yoh. 5:20) Ayimele isothuse loo nto. Kaloku, kangangeminyaka ngaphambi kokuza kwakhe emhlabeni, uYesu ‘wayengumsebénzi onobuchule’ kaThixo. (IMize. 8:30) Njengoko babesebenza kunye, uYesu wafunda okuninzi ngeempawu zikaYise ibe waba nezizathu ezininzi zokumthanda. Ukuhlala kwabo ndawonye kwabenza bathandana ngakumbi.

2. (a) Lubandakanya ntoni uthando? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

2 Uthando lubandakanya imvakalelo enzulu ngomnye umntu. Umdumisi uDavide wathi: “Ndiya kuba nomsa kuwe, Yehova mandla am.” (INdu. 18:1) Nathi simele sivakalelwe ngaloo ndlela ngoThixo, kuba naye unomsa ngathi. Ukuba siyamthobela uYehova, uya kusithanda. (Funda iDuteronomi 7:12, 13.) Kodwa ekubeni singenakumbona uThixo, ngaba sinako ngokwenene ukumthanda? Kuthetha ukuthini ukuthanda uYehova? Kutheni simele simthande? Ibe sinokubonisa njani ukuba siyamthanda?

 SINAKO UKUMTHANDA UTHIXO

3, 4. Kutheni sinokumthanda uYehova?

3 “UThixo unguMoya,” ngoko asinakumbona. (Yoh. 4:24) Nakuba kunjalo, sinako ukumthanda, ibe neZibhalo zisiyalela ukuba siyibonakalise indlela esimthanda ngayo. Ngokomzekelo, uMoses wathi kumaSirayeli: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke nangamandla akho onke.”Dut. 6:5.

4 Kutheni sinokumthanda ngokunzulu uThixo? Kuba wasidala sanomnqweno wokumkhonza ibe wasenza sakwazi nokubonakalisa uthando. Xa loo mnqweno siwufezekisa, siye simthande ngakumbi uYehova, nto leyo esenza sonwabe. UYesu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya, kuba ubukumkani bamazulu bobabo.” (Mat. 5:3) Kwincwadi yakhe ethi Man Does Not Stand Alone, uA. C. Morrison wathi kuyamangalisa ukubona ukuba abantu bebesoloko bemfuna uThixo ukuze bamnqule. Njengalo mbhali, abaninzi bayaqonda ukuba abantu bazalwa benomnqweno wokwazi uThixo.

5. Sazi njani ukuba akulolize ukufuna uThixo?

5 Ngaba kulilize ukufuna uThixo? Nakanye, kuba ufuna simfumane. Umpostile uPawulos wakwenza kwacaca oku xa wayenikela ubungqina kwiqela labantu elalihlanganisene eAreyopago. Oku kwenzeka kufuphi neParthenon—itempile ka-Athena, uthixokazi waseAthene mandulo. Khawuzibone ulapho njengoko uPawulos ethetha ngoThixo “owenza ihlabathi nazo zonke izinto ezikulo,” aze athi “akahlali zitempileni zenziwe ngazandla.” Lo mpostile wongezelela athi uThixo “wazenza ngokuphuma kumntu omnye zonke iintlanga zabantu, ukuba zihlale phezu komhlaba uphela, waza wamisa amaxesha amisiweyo nemida emiselweyo yokuhlala kwabantu, ukuze bona bafune uThixo, ukuba bangamphuthaphutha baze ngokwenene bamfumane, nangona, enyanisweni, engekude kuye ngamnye wethu.” (IZe. 17:24-27) Abantu banako ukumfumana uThixo. Angaphezu kwezigidi ezisixhenxe nesiqingatha amaNgqina kaYehova ‘amfumeneyo’ namthanda ngokwenene.

OKO KUTHETHWA KUKUTHANDA UTHIXO

6. UYesu wathi nguwuphi “owona myalelo mkhulu nowokuqala”?

6 Simele simthande ngokusuka entliziyweni uYehova. UYesu wakwenza kwacaca oku xa omnye umFarisi wambuza: “Mfundisi, nguwuphi owona myalelo mkhulu eMthethweni?” UYesu wamphendula wathi: “‘Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.’ Lo ngowona myalelo mkhulu nowokuqala.”Mat. 22:34-38.

7. Kutheth’ ukuthini ukuthanda uThixo (a) ‘ngentliziyo yethu iphela’? (b) ‘ngomphefumlo wethu uphela’? (c) ‘ngengqondo yethu iphela’?

7 Wayetheth’ ukuthini uYesu xa wathi simele sithande uThixo ‘ngentliziyo yethu iphela’? Wayethetha ukuthi simele sithande uYehova ngayo yonke intliziyo yethu yokomfuziselo, equka iminqweno neemvakalelo zethu. Simele simthande ‘nangomphefumlo wethu uphela,’ okanye ubomi bethu. Sikwamele simthande uThixo ‘ngengqondo yethu iphela,’ okanye iingcinga zethu. Iyonke le nto itheth’ ukuba simele simthande ngokupheleleyo uYehova ngaphandle kwamathandabuzo.

8. Ukuthanda uThixo ngokupheleleyo kuya kusishukumisela ukuba senze ntoni?

8 Ukuba uThixo simthanda ngentliziyo, umphefumlo, nengqondo yethu iphela, siya kulifunda rhoqo iLizwi lakhe, simthobele size sithethe nabanye ngoBukumkani. (Mat. 24:14; Roma 12:1, 2) Xa simthanda ngokusuka entliziyweni uYehova, siya kusondela ngakumbi kuye. (Yak. 4:8)  Kakade ke, asinakuzibhala phantsi zonke izizathu zokuba simele sithande uThixo. Nakuba kunjalo, siza kukhe sithethe ngezinye zazo.

ISIZATHU SOKUBA SIMELE SIMTHANDE UYEHOVA

9. Kutheni umthanda uYehova njengoMdali noMlungiseleli wethu?

9 UYehova nguMdali noMlungiseleli wethu. UPawulos wathi: “Ngaye sinobomi siyashukuma yaye sikho.” (IZe. 17:28) UYehova wasinika lo mhlaba mhle waba likhaya lethu. (INdu. 115:16) Usinika ukutya nezinye izinto eziyimfuneko ukuze siphile. Ngenxa yoko uPawulos wakwazi ukuxelela abantu baseListra ukuba ‘uThixo ophilayo akazange azishiye yena ngokwakhe ngaphandle kobungqina, ngokuba wenza okulungileyo, eninika iimvula ezivela ezulwini namaxesha emveliso, ezizalisa iintliziyo zenu ngokutya nangokuchwayita.’ (IZe. 14:15-17) Ayisosizathu saneleyo na esi sokuthanda uMdali wethu Ozukileyo noMlungiseleli wethu?INtshu. 12:1.

10. Uvakalelwa njani ngentlawulelo?

10 UThixo uza kususa isono nokufa esasizuza ilifa kuAdam. (Roma 5:12) IBhayibhile ithi: “UThixo ubonakalisa uthando lwakhe kuthi ngokuthi, ngoxa sasisengaboni, uKristu asifele.” (Roma 5:8) Ukuba siguquka ngokunyanisekileyo ibe sinokholo kwidini lentlawulelo, uThixo uya kuzixolela iziphoso zethu. Simbulela ngokwenene uYehova ngokusithanda kwakhe de wathumela uNyana wakhe ukuba asifele.Yoh. 3:16.

11, 12. UYehova usinike liphi ithemba?

11 UYehova ‘usinika ithemba elisizalisa ngovuyo noxolo.’ (Roma 15:13) Ithemba esilinikwe nguThixo lisinceda sinyamezele iimvavanyo. AmaKristu athanjisiweyo ‘aye azingqina ethembekile de kwasa ekufeni, aya kunikwa isithsaba sobomi.’ (ISityhi. 2:10) Abo bagcina ingqibelelo nabanethemba lokuphila emhlabeni baya kunandipha iintsikelelo eParadesi ngonaphakade. (Luka 23:43) Sivakalelwa njani ngeli themba? Ngaba asizaliswa luvuyo, uxolo nothando ngoMniki waso “sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo”?Yak. 1:17.

12 UThixo usinike ithemba lovuko. (IZe. 24:15) Siba buhlungu xa sifelwe ngumhlobo okanye isalamane, kodwa ngenxa yokuba sinethemba lovuko, ‘asibi lusizi njengabo bangenathemba.’ (1 Tes. 4:13) Ngenxa yothando, uYehova uThixo ulangazelela ukuvusa abafileyo, ngakumbi abafe bethembekile, njengoYobhi. (Yobhi 14:15) Yiba nombono waloo ntswahla xa sisamkela izalamane zethu ezivusiweyo. Simthanda ngentliziyo yethu yonke uBawo wethu wasezulwini, osinike eli themba limangalisayo lovuko!

13. Sazi njani ukuba uThixo usikhathalele?

13 UYehova usikhathalele. (Funda iNdumiso 34:6, 18, 19; 1 Petros 5:6, 7.) Ekubeni sisazi ukuba uThixo wethu onothando usoloko ekulungele ukunceda abo banyanisekileyo kuye, siziva sikhuselekile njengenxalenye ‘yomhlambi wedlelo lakhe.’ (INdu. 79:13) Ukongezelela koko, uThixo useza kulubonakalisa uthando lwakhe ngezinto aza kuziphumeza ngoBukumkani obulawulwa nguMesiya. Emva kokuba uKumkani amnyulileyo, uYesu Kristu esuse lonke ugonyamelo, ingcinezelo nobungendawo emhlabeni, abantu abathobelayo baya kusikelelwa ngoxolo oluhlala luhleli. (INdu. 72:7, 12-14, 16) Xa sicamngca ngezi zithembiso, siya simthanda ngakumbi uThixo ngentliziyo, umphefumlo, amandla nangengqondo yethu iphela.Luka 10:27.

14. Liphi ilungelo elingenakuthelekiswa nanto esilinikwe nguThixo?

14 UYehova usinike ilungelo elingenakuthelekiswa nanto lokuba ngamaNgqina akhe. (Isa. 43:10-12) Simthanda ngokwenene uThixo kuba esinike eli lungelo lokuthethelela  ulongamo lwakhe nokuzisa ithemba lokwenene ebantwini kweli hlabathi lonakeleyo. Ukongezelela koko, sinokuthetha ngokholo nolweyiseko kuba sivakalisa iindaba ezilungileyo ezisekelwe eLizwini loThixo oyinyaniso, osoloko ezizalisekisa izithembiso zakhe. (Funda uYoshuwa 21:45; 23:14.) Sinokubhala sityatyadule ngezizathu zokuthanda uYehova. Kodwa sinokuyibonakalisa njani indlela esimthanda ngayo?

INDLELA ESINOKUBONISA NGAYO UKUBA SIYAMTHANDA UTHIXO

15. Ukufunda iLizwi likaThixo nokucamngca ngalo kunokusinceda njani?

15 Funda iLizwi likaThixo uze ulithobele. Ukwenjenjalo kubonisa ukuba siyamthanda uYehova ibe sifuna ilizwi lakhe libe ‘kukukhanya endleleni yethu.’ (INdu. 119:105) Ukuba sijamelene nengxaki sinokuthuthuzelwa zizithembiso ezinjengezi: “Intliziyo eyaphukileyo netyumkileyo, Thixo, akuyi kuyidela.” “Ububele bakho bothando, Yehova, buqhubeka bundixhasa. Xa iingcamango zam eziphazamisayo zaba ninzi ngaphakathi kwam, intuthuzelo yakho yaqalisa ukuthuthuzela umphefumlo wam.” (INdu. 51:17; 94:18, 19) UYehova unenceba kwabo babandezelekileyo ibe noYesu uyavelana nabo. (Isa. 49:13; Mat. 15:32) Xa sifunda iBhayibhile sinokubona indlela asithanda ngayo uYehova, nto leyo esenza simthande ngakumbi.

16. Ukuthandaza rhoqo kunokusinceda njani simthande ngakumbi uThixo?

16 Thandaza kuThixo rhoqo. Imithandazo yethu isisondeza ngakumbi ‘kumphulaphuli wemithandazo.’ (INdu. 65:2) Xa sibona ukuba uThixo uyayiphendula imithandazo yethu, siye simthande ngakumbi. Ngokomzekelo, mhlawumbi siye saqaphela ukuba akasiyekeli silingwe ngapha koko sinokukuthwala. (1 Kor. 10:13) Xa sinengxaki size siyithandazele kuYehova, sinokufumana “uxolo lukaThixo” olungenakuthelekiswa nanto. (Fil. 4:6, 7) Maxa wambi, sinokuthandazela entliziyweni—njengoNehemiya—size sibone ukuba uThixo uyawuphendula loo mthandazo. (Neh. 2:1-6) Ukuba siqhubeka sithandaza size sibone indlela uYehova ayiphendula ngayo imithandazo yethu, siye simthande ngakumbi uYehova. Xa  sivavanywa, siya kuqiniseka ukuba uya kusinceda.Roma 12:12.

17. Ukuba siyamthanda uThixo, siya kuzijonga njani iintlanganiso?

17 Kwenze isiko lakho ukuya rhoqo kwiintlanganiso nakwiindibano ezincinane nezinkulu. (Heb. 10:24, 25) AmaSirayeli ayehlanganisana ukuze aphulaphule nokuze afunde ngoYehova, akwazi ukumnqula ngentlonelo aze athobele uMthetho wakhe. (Dut. 31:12) Ukuba simthanda ngokwenene uThixo, ukwenza ukuthanda kwakhe akuyi kuba luxanduva. (Funda eyoku-1 kaYohane 5:3.) Ngoko, singaze sivumele nantoni na isenze sizithathe lula iintlanganiso. Asifuni kuphulukana nothando esasinalo ngoYehova xa sasiqala ukuva ngaye.ISityhi. 2:4.

18. Uthando lwethu ngoThixo lusishukumisela ukuba senze ntoni?

18 Thetha nabanye ‘ngenyaniso yeendaba ezilungileyo.’ (Gal. 2:5) Uthando lwethu ngoThixo lusishukumisela ukuba sithethe nabanye ngoBukumkani bukaMesiya, uNyana wakhe oza ‘kuphalisa endleleni yenyaniso’ eArmagedon. (INdu. 45:4; ISityhi. 16:14, 16) Kuyasivuyisa ukunceda abantu bafunde ngothando lukaThixo nesithembiso sakhe sehlabathi elitsha!Mat. 28:19, 20.

19. Kutheni simele silixabise ilungiselelo likaYehova lokwalusa umhlambi wakhe?

19 Bonisa ukuba uyabaxabisa abadala bebandla. (IZe. 20:28) UYehova usoloko efuna kulungelwe thina, ngoko usinike abadala bebandla. Abadala ‘banjengendawo yokuzimela umoya nendawo yokuzifihla esiphangweni, njengemisinga yamanzi kwilizwe elingumqwebedu, nanjengomthunzi wengxondorha enkulu kwilizwe elibharhileyo.’ (Isa. 32:1, 2) Ngokuqinisekileyo siyalixabisa ikhusi xa kuvuthuza umoya naxa kusina imvula, okanye kwilanga eligqats’ ubhobhoyi. Ngendlela efanayo, abadala bayasinceda baze basikhuthaze ukuze siqhubeke sikhonza uYehova phezu kwazo nje iingxaki zobomi. Xa sibathobela, sibonisa indlela esizixabisa ngayo ezi ‘zipho zingabantu’ nendlela esimthanda ngayo uThixo noKristu, oyiNtloko yebandla.Efe. 4:8; 5:23; Heb. 13:17.

UYehova usinike abalusi abazikhathaleleyo izimvu (Funda isiqendu 19)

HLALA UKHULISA UTHANDO LWAKHO NGOTHIXO

20. Ukuba uyamthanda uThixo, yintoni oza kuyenza?

20 Ukuba uyamthanda uYehova uThixo uya kuba ‘ngumenzi welizwi, ungabi ngovayo kuphela.’ (Funda uYakobi 1:22-25.) Ukuba ufuna ukuba nolwalamano olomeleleyo noYehova, kuza kufuneka ungapheleli nje ekumphulaphuleni. (INdu. 19:7-11) Kufuneka uyiphile loo nto uyifundayo. Ngokomzekelo, ekubeni umthanda uThixo, uya kwenza umgudu wokuthetha nabanye ngaye uze ugqabaze nakwiintlanganiso.

21. Imithandazo yakho esuka entliziyweni inokufaniswa nantoni?

21 Ukuthanda uYehova kuza kukwenza uthandaze kuye rhoqo. KwaSirayeli , ababingeleli babetshisa impepho kuYehova yonke imihla. Ukumkani uDavide wafanisa imithandazo yakhe nesiqhumiso xa wathi: “Ngamana umthandazo wam ungalungiselelwa njengempepho phambi kwakho, ukuphakanyiswa kwezandla zam kube njengomnikelo wokudla okuziinkozo wangokuhlwa.” (INdu. 141:2; Eks. 30:7, 8) UYehova wayiphulaphula imithandazo kaDavide. Ukuba sithandaza ngokuthobeka nangokunyaniseka sinombulelo, neyethu iya kufana nempepho ize imkholise uYehova.ISityhi. 5:8.

22. Siza kufunda ntoni kwinqaku elilandelayo?

22 UYesu wathi simele sithande uThixo nommelwane. (Mat. 22:37-39) Ukuthanda kwethu uYehova nemigaqo yakhe kuya kusinceda sithande ummelwane wethu. Kwinqaku elilandelayo siza kufunda ngoko kuthethwa kukuthanda ummelwane.