Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Niya Kuba Ngamangqina Am”

“Niya Kuba Ngamangqina Am”

“[UYesu] wathi kubo: ‘. . . Niya kuba ngamangqina am . . . kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.’”—IZE. 1:7, 8.

1, 2. (a) Ngubani elona ngqina liphambili likaYehova? (b) Lithetha ukuthini igama elithi Yesu, ibe uNyana kaThixo waphila njani ngokuvisisana nalo?

“NDIZALELWE oku, yaye ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso.” (Funda uYohane 18:33-37.) Xa wayesenkundleni ephendula kwisimangalo abekwa sona, uYesu Kristu wathetha la mazwi kwirhuluneli yakwaYuda engumRoma. UYesu wayesandul’ ukuzichaza ukuba ungukumkani. Kwiminyaka kamva, umpostile uPawulos wathetha ngalo mzekelo ukhuthazayo kaYesu, “owathi njengengqina wenza uvumo oluhle lwasesidlangalaleni phambi koPontiyo Pilato.” (1 Tim. 6:13) Maxa wambi kufuna isibindi ukuba ‘lingqina elithembekileyo neliyinyaniso’ kweli hlabathi likaSathana likhohlakeleyo!—ISityhi. 3:14.

2 Ekubeni wayengumYuda, uYesu wazalwa elingqina likaYehova. (Isa. 43:10) Waba lelona ngqina likhulu kuwo onke amangqina kaThixo. UYesu waphila ngokwentsingiselo yegama alithiywe nguThixo. Xa ingelosi yaxelela uyise owakhulisa uYesu, uYosefu, ukuba uMariya ukhawule ngomoya oyingcwele, yaqhubeka yathi: “Uya kuzala unyana, uze umbize ngokuba nguYesu igama lakhe, kuba uya kusindisa abantu bakowabo ezonweni zabo.” (Mat. 1:20, 21) Abaphengululi beBhayibhile abaninzi bayavuma ukuba igama elithi Yesu livela kwelesiHebhere, uYeshuwa, elithetha ukuthi “UYehova  Ulusindiso.” UYesu wenza ngokuvisisana nentsingiselo yegama lakhe ngokuthi ancede ‘izimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli’ ukuba ziguquke kwizono zazo ukuze uYehova aphinde akholiswe zizo. (Mat. 10:6; 15:24; Luka 19:10) UYesu wayenenzondelelo ekushumayeleni ngoBukumkani bukaThixo. Umbhali weVangeli uMarko wathi: “UYesu waya eGalili, eshumayela iindaba ezilungileyo zikaThixo esithi: ‘Lizalisekile ixesha elimisiweyo, yaye ubukumkani bukaThixo busondele. Guqukani, nikholwe kwiindaba ezilungileyo.’” (Marko 1:14, 15) UYesu wayezibhenca ngokuphandle iinkokeli zonqulo zamaYuda, nto leyo eyaba sesinye sezizathu zokuba zimbulale.—Marko 11:17, 18; 15:1-15.

“IZINTO ZOBUNGANGAMELA ZIKATHIXO”

3. Kwenzeka ntoni ngosuku lwesithathu emva kokuba uYesu efile?

3 Kwenzeka ummangaliso! Ngosuku lwesithathu emva kokufa kukaYesu, uYehova wamvusa, engengomntu, kodwa esisidalwa somoya esingafiyo. (1 Pet. 3:18) Ukuze azingqine ukuba uyaphila, uYesu wazambathisa umzimba wenyama. Kanye ngosuku lokuvuswa kwakhe, ubuncinane wabonakala kahlanu kubafundi bakhe abahlukahlukeneyo.—Mat. 28:8-10; Luka 24:13-16, 30-36; Yoh. 20:11-18.

4. Ngosuku lokuvuswa kwakhe, uYesu waqhuba yiphi intlanganiso, ibe wathi yintoni abamele bayenze abafundi bakhe?

4 Kwisihlandlo sesihlanu, uYesu wabonakala kubapostile bakhe nakubanye ababehlanganisene nabo. Ngeso sihlandlo, wabafundisa iLizwi likaThixo. “Wazivula ngokupheleleyo iingqondo zabo ukuba zicacelwe yintsingiselo yeZibhalo.” Batsho baqonda ukuba ukubulawa kwakhe ziintshaba zikaThixo nokuvuswa ngokungummangaliso kwakuchazwe kwangaphambili eZibhalweni. Ekupheleni kwaloo ntlanganiso, uYesu wabaxelela into ababemele bayenze. Wathi “egameni lakhe kwakuya kushunyayelwa inguquko yoxolelo lwezono kuzo zonke iintlanga—kuqalela eYerusalem.” Wongezelela ngokuthi: “Nimele nibe ngamangqina ezi zinto.”Luka 24:44-48.

5, 6. (a) Kwakutheni ukuze uYesu athi: “Niya kuba ngamangqina am”? (b) Abafundi bakaYesu babemele baxelele abantu ngayiphi inkalo entsha yenjongo kaYehova?

5 Kwiintsuku eziyi-40 kamva, xa uYesu wabonakala okokugqibela, abapostile bakhe bamel’ ukuba baqonda ukuba wayetheth’ ukuthini xa wakhupha umyalelo othi: “Niya kuba ngamangqina am eYerusalem nakulo lonke elakwaYuda naseSamariya kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZe. 1:8) Kwakutheni ukuze uYesu athi: “Niya kuba ngamangqina am,” kungekhona akaYehova? UYesu wayesenokutsho, kodwa amaSirayeli awayethetha nawo ayesele engamangqina kaYehova.

Ekubeni singabafundi bakaYesu, sixelela abanye injongo kaYehova ngekamva (Funda isiqendu 5, 6)

6 Ngoku abafundi bakaYesu kwakuza kufuneka bavakalise inkalo entsha ngenjongo kaYehova—into eyayahluke ngokupheleleyo ekuhlangulweni kwamaSirayeli kubukhoboka baseYiputa nasekuthinjelweni eBhabhiloni. Ukubulawa nokuvuswa kukaYesu uKristu kwakuthetha ukukhululeka kolona hlobo lubuhlungu lokuthinjwa, ukukhotyokiswa sisono nakukufa. NgePentekoste ka-33 C.E., abafundi bakaYesu ababesandul’ ukuthanjiswa baxelela abantu “izinto zobungangamela zikaThixo,” ibe abaninzi baba nomdla. Ngaloo ndlela, engasekunene kukaYise ezulwini, uYesu wabona igama lakhe lisiba nentsingiselo engakumbi njengoko amawaka ayeguquka aze akholelwe ukuba wayesetyenziswa nguYehova ukuze kusinde abantu.—IZe. 2:5, 11, 37-41.

 ‘INTLAWULELO NGENXA YABANINZI’

7. Iziganeko zangePentekoste ka-33 C.E. zangqina ntoni?

7 Iziganeko zangePentekoste ka-33 C.E. zangqina ukuba uYehova walamkela ixabiso lombingelelo ofezekileyo kaYesu wokucamagushela, okanye wokugubungela izono. (Heb. 9:11, 12, 24) Njengoko uYesu wayechazile, weza, “kungekhona ukuze alungiselelwe, kodwa ukuze alungiselele nokuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mat. 20:28) ‘Abaninzi’ ababeza kuncedwa yintlawulelo kaYesu abaphelelanga kumaYuda aguqukileyo nje kuphela. Kunoko, ukuthanda kukaThixo kukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe,” kuba intlawulelo ‘isusa isono sehlabathi!’1 Tim. 2:4-6; Yoh. 1:29.

8. Abafundi bakaYesu bashumayela ngomkhamo ongakanani, ibe bawafumana phi amandla?

8 Ngaba abo bafundi bakaYesu babenesibindi esifunekayo sokuba ngamangqina akhe? Kunjalo kanye, kodwa babengaxhomekekanga kumandla abo. Bafumana amandla okuqhubeka bengamangqina kumoya oyingcwele kaYehova. (Funda iZenzo 5:30-32.) Kwiminyaka eyi-27 emva kwePentekoste ka-33 C.E., kwakunokuthiwa ‘inyaniso yeendaba ezilungileyo’ ifikelele kumaYuda nakwiiNtlanga “kwindalo yonke ephantsi kwezulu.”—Kol. 1:5, 23.

9. Njengoko kwakuchaziwe ngaphambili, kwenzeka ntoni kwibandla lamaKristu lokuqala?

9 Ngelishwa ke noko, elo bandla lamaKristu lokuqala laya lisonakala. (IZe. 20:29, 30; 2 Pet. 2:2, 3; Yude 3, 4) Njengokuba uYesu wayetshilo, olu wexuko, olwabangelwa ‘ngongendawo,’ uSathana, lwaluza kukhula luze lusithe amaKristu okwenyaniso de kube sekuphelisweni “kwenkqubo yezinto.” (Mat. 13:37-43) Emva koko, uYehova wayeza kubeka uYesu etroneni, abe nguKumkani woluntu. Oko kwenzeka ngo-Oktobha 1914, xa kwaqalisa ‘imihla yokugqibela’ yenkqubo engendawo kaSathana.—2 Tim. 3:1.

10. (a) Yiyiphi inyanga awayichaza kwangaphambili amaKristu athanjisiweyo ale mihla? (b) Kwenzeka ntoni ngo-Oktobha 1914, ibe oko kuye kwabonakala njani ngokucacileyo?

10 AmaKristu athanjisiweyo ale mihla achaza kwangaphambili ukuba uOktobha 1914 wayeza kuba yinyanga ebalulekileyo. Oku akusekela kwisiprofeto sikaDaniyeli  esithetha ngomthi omkhulu owagawulwayo waza wakhula kwakhona emva ‘kwamaxesha asixhenxe.’ (Dan. 4:16) Kwisiprofeto esasithetha ngobukho bakhe ‘nokupheliswa kwenkqubo yezinto,’ uYesu wabhekisela kweli xesha ‘njengamaxesha amisiweyo eentlanga.’ Ukususela ngaloo nyaka ka-1914, “umqondiso wobukho [bukaKristu]” enguKumkani omtsha womhlaba uye wabonakala ebantwini bonke. (Mat. 24:3, 7, 14; Luka 21:24) Ukususela ngoko, “izinto zobungangamela zikaThixo” ziye zaquka ukubekwa etroneni kukaYesu nguYehova ukuba abe nguKumkani woluntu.

11, 12. (a) UKumkani omtsha wenza ntoni emva kwemfazwe yehlabathi ngo-1919? (b) Ukususela ngo-1935, yintoni eyabonakalayo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

11 NjengoKumkani omtsha, ngokukhawuleza uYesu Kristu waqalisa ukukhulula abalandeli bakhe abathanjisiweyo kubukhoboka ‘beBhabhiloni Enkulu.’ (ISityhi. 18:2, 4) Ngo-1919, emva nje kokuphela kwemfazwe yehlabathi yokuqala, ehlabathini lonke kwanikelwa ubungqina ngokuphathelele iindlela uThixo abasindisa ngazo abantu nangeendaba ezilungileyo zokumiselwa koBukumkani. AmaKristu athanjisiweyo alixhakamfula eli thuba lokunikela ubungqina, nto leyo eyaphumela ekubeni kuhlanganiswe abathanjiswa abangakumbi abaza kuba ziindlalifa kunye noKristu.

12 Ukususela ngo-1935, yabonakala into yokuba uKristu sele eqalisile ukuqokelela izigidi ‘zezinye izimvu’ zakhe, ezaziza kuba ‘sisihlwele esikhulu,’ esiphuma kuzo zonke iintlanga. Esi sihlwele sikhulu, esikhokelwa ngabathanjiswa, silandela umzekelo kaYesu ibe sixelela abanye ukuba usindiso banokulufumana kuThixo nakuKristu. Xa aba besihlwele esikhulu beqhubeka beshumayela baze babe nokholo kwintlawulelo kaKristu, baya kusinda “embandezelweni enkulu” eya kuphelisa ihlabathi likaSathana.—Yoh. 10:16; ISityhi. 7:9, 10, 14.

YIBA NESIBINDI SOKUTHETHA IINDABA EZILUNGILEYO

13. Ekubeni singamaNgqina kaYehova, yintoni esizimisele ukuyenza, ibe sinokuphumelela njani?

13 Kwanga singaqhubeka silixabisa ilungelo lethu lokuba ngamaNgqina ‘ezinto zobungangamela’ ezenziwe nguYehova uThixo nezithembiso zakhe zekamva. Yinyaniso kona ukuba, oku akusoloko kulula. Abazalwana bethu abaninzi bashumayela kwimimandla enabantu abangenamdla, abasigculelayo okanye abasitshutshisayo. Sinokulandela umzekelo wompostile uPawulos namaqabane akhe. Wathi: “UThixo wethu wasomeleza ukuze senze umzamo omkhulu wokuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo.” (1 Tes. 2:2) Masingaze sinikezele. Kunoko, masizimisele  ukuphila ngokuvisisana nokuzahlulela kwethu njengoko le nkqubo kaSathana iwohloka. (Isa. 6:11) Oku asinakukwenza ngamandla ethu, kodwa simele silandele umzekelo wamaKristu okuqala, sithandazele ukuba uYehova asincede ngomoya wakhe sibe ‘namandla angaphaya koko kuqhelekileyo.’—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 4:1, 7; Luka 11:13.

14, 15. (a) Ayephethwe njani amaKristu ngenkulungwane yokuqala, ibe umpostile uPetros wathini ngawo? (b) Simele sithini xa siphathwa kakubi ngenxa yokuba ngamaNgqina kaYehova?

14 Abantu abaninzi namhlanje bathi bangamaKristu, “kodwa bayamkhanyela [uThixo] ngemisebenzi yabo, ngoko ke bayacekiseka kuba abathobeli yaye abafanelekelanga naluphi na uhlobo lomsebenzi olungileyo.” (Tito 1:16) Kuhle sikhumbule ukuba, amaKristu okwenyaniso enkulungwane yokuqala ayethiyiwe ngabaninzi. Kungenxa yoko le nto umpostile uPetros wathi: “Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, ninoyolo, ngenxa yokuba . . . umoya kaThixo, uphumle phezu kwenu.”—1 Pet. 4:14.

15 Ngaba la mazwi aphefumlelweyo ayasebenza nakumaNgqina kaYehova anamhlanje? Kunjalo kanye, kuba sixelela abanye ukuba uYesu unguKumkani. Ngenxa yoko, ukuthiywa ngenxa yokuthwala igama likaYehova kufana nqwa ‘nokungcikivwa ngenxa yegama likaYesu Kristu,’ owathi kubachasi bakhe: “Ndize egameni likaBawo, kodwa anindamkeli.” (Yoh. 5:43) Ngoko xa uchaswa kumsebenzi wokushumayela, yomelela. Impatho enjalo ingqina ukuba uThixo uyakholiswa nguwe nokuba umoya wakhe ‘uphumle phezu kwakho.’

16, 17. (a) Yintoni eyenzekayo kwiindawo ezininzi zomhlaba? (b) Uzimisele ukwenza ntoni?

16 Khumbula nokuba, kukho ulwando olukhulu nakwiindawo ezininzi zomhlaba. Nakwimimandla esele kushunyayelwe kuyo, kusekho abantu abanomdla wokuphulaphula nesinokubaxelela iindaba ezimnandi zosindiso. Masizimisele ukubuyela kwabanomdla yaye ukuba kuyenzeka sibafundise iBhayibhile, sibancede bazahlulele baze babhaptizwe. Mhlawumbi nawe uvakalelwa njengoSarie waseMzantsi Afrika, obekhuthele ekushumayeleni kangangeminyaka engaphezu kweyi-60. Lo dade uthi, “Ndiyibulela ngokwenene intlawulelo kaYesu, kuba ngenxa yayo ndinolwalamano oluhle noYehova, uMongami wendalo yonke, ibe kuyandivuyisa nokuxelela abanye igama lakhe.” Yena nomyeni wakhe uMartinus, baye banceda abaninzi, kuquka abantwana babo abathathu, ukuba babe ngabanquli bakaYehova. USarie uqhubeka esithi: “Awukho omnye umsebenzi owanelisa ngaphezu kwalo, ibe uYehova usebenzisa umoya wakhe ukuze asinike sonke amandla esiwadingayo ukuze siqhubeke nalo msebenzi usindisa ubomi.”

17 Enoba singamaKristu abhaptiziweyo okanye sizibekele olo sukelo, simele sibe nombulelo ngelungelo lokuba ngamalungu ebandla lamaNgqina kaYehova asemhlabeni wonke. Ngoko qhubeka unikela ubungqina ngokucokisekileyo uze uzimisele ukuhlala ucocekile kweli hlabathi likaSathana lingcolileyo. Ngokwenza njalo, uya kuba uyamhlonela uBawo wethu onothando, esinelungelo lokuthwala igama lakhe elizukileyo.