Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UKUNCOKOLA NOMMELWANE

Baqalisa Nini Ukulawula UBukumkani BukaThixo? (Inxalenye Yesi-2)

Baqalisa Nini Ukulawula UBukumkani BukaThixo? (Inxalenye Yesi-2)

Le yincoko ekuqhelekileyo ukuba iNgqina likaYehova libe nayo nommelwane. Masithi iNgqina elinguCameron libuyela kumfo ekuthiwa nguJon.

UKUZIKHUMBUZA NGEPHUPHA LIKANEBHUKADENETSARE

Cameron: Ndiyavuy’ ukukubona kwakhona Jon. Ndiyazithanda iincoko zeBhayibhile esiba nazo iveki neveki. * Unjani kodwa?

Jon: Hay’ noko kusekuhle mfo kabawo.

Cameron: Ndiyavuya xa uphila. Ukugqibelana kwethu sasithethe ngesizathu sokuba amaNgqina kaYehova esithi uBukumkani bukaThixo baqalisa ukulawula ngo-1914. * Siye safumana ubungqina obubalulekileyo kwisahluko 4 sencwadi kaDaniyeli. Ngaba uyakhumbula ukuba ithini?

Jon: Ithetha ngoKumkani uNebhukadenetsare owaphupha ngomthi omkhulu.

Cameron: Kunjalo kanye. Kwelo phupha uNebhukadenetsare wabona umthi omkhulu ofikelela ezulwini. Weva umlindi kaThixo esithi loo mthi mawugawulwe, kodwa sona isiphunzi neengcambu zawo zishiywe emhlabeni. Emva ‘kwamaxesha asixhenxe,’ loo mthi wawuza kuphinda ukhule. * Siye sathetha nangesizathu sokuba eso siprofeto sineenxalenye ezimbini. Ngaba uyasikhumbula ukuba sazaliseka nini okokuqala?

Jon: Senzeka kuNebhukadenetsare ngokwakhe andithi? Waphambana iminyaka esixhenxe.

Cameron: Uchan’ ucwethe. Xa waba ligeza, ulawulo lwakhe lwaphazamiseka. Kodwa xa sizaliseka okwesibini esi siprofeto, ulawulo lukaThixo lwaluza kuphazamiseka ngandlel’ ithile kangangamaxesha asixhenxe. Njengoko besesifundile, amaxesha asixhenxe aqalisa xa kwatshatyalaliswa iYerusalem ngonyaka ka-607 ngaphambi kwexesha likaKristu. Ukususela ngoko, akuzange kuphinde kubekho kumkani umela uYehova uThixo emhlabeni. Noko ke, ekupheleni kwamaxesha asixhenxe, uThixo wayeza kumisela uMlawuli omtsha wabantu bakhe—umlawuli osuka ezulwini. Ngamany’ amazwi, amaxesha asixhenxe ayeza kuphela xa uBukumkani bukaThixo basezulwini buqalisa ukulawula. Ngoku, sele sivile ukuba aqalisa nini amaxesha asixhenxe. Ukuba singazi ukuba athatha ixesha elingakanani, siya kutsho sazi ukuba baqalisa nini ukulawula uBukumkani bukaThixo. Sisekunye?

Jon: Ewe, nditsho ndakhumbula ke ngoku.

Cameron: Hay’ ke masiqhube. Makhe sithethe ngobude bamaxesha asixhenxe. Ndikhe ndafunda ngale nto ukuze ndizikhumbuze ngezi ngongoma zibalulekileyo. Ndiza kuzama ukuzicacisa kangangoko ndinako.

Jon: Qhuba.

 AMAXESHA ASIXHENXE AYAPHELA—KUQALISA IMIHLA YOKUGQABELA

Cameron: Xa esi siprofeto sazaliseka okokuqala kuNebhukadenetsare, amaxesha asixhenxe aba yiminyaka esixhenxe yokoqobo. Kodwa kwinzaliseko yesi siprofeto engoBukumkani bukaThixo, la maxesha asixhenxe made lee kuneminyaka esixhenxe yokoqobo.

Jon: Kutheni usitsho nje?

Cameron: Khumbula kaloku ukuba amaxesha asixhenxe aqalisa xa kwatshatyalaliswa iYerusalem ngonyaka ka-607 ngaphambi kwexesha likaKristu. Xa sibala ukususela kuloo nyaka, iminyaka esixhenxe yokoqobo ingasisa kunyaka ka-600. Kodwa akho nto ibalulekileyo yenzekayo ngaloo nyaka kulawulo lukaThixo. Njengoko sikhe safunda ngaphambili, kangangamakhulu eminyaka kamva xa uYesu wayelapha emhlabeni, wabonisa ukuba amaxesha asixhenxe ayengekapheli.

Jon: Oo ewe, ndiyakhumbula ke ngoku.

Cameron: Ngoko, la maxesha awayominyaka eqhelekileyo, amaxesha asixhenxe afanele ukuba lixesha elide.

Jon: Lixesha elide kangakanani?

Cameron: Incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo, edibana kakuhle nekaDaniyeli isinceda sibone ukuba amaxesha asixhenxe lixesha elingakanani. Ithetha ngamaxesha amathathu anesiqingatha awenza iintsuku eziyi-1 260. * Ngaloo ndlela, amaxesha asixhenxe—amaxesha amathathu anesiqingatha aphindwe kabini—ebeya kulingana neentsuku eziyi-2 520. Sisekunye mos?

Jon: Ewe sikunye. Kodwa andiboni ukuba le nto idibana njani nokuba uBukumkani bukaThixo baqalisa ukulawula ngo-1914.

Cameron: Kulungile ke, makhe sibone ukuba idibana njani. Ngamanye amaxesha kwisiprofeto seBhayibhile usuku lumela unyaka. * Ukuba sithi usuku ngunyaka, amaxesha asixhenxe enza iminyaka eyi-2 520. Xa sibala ukususela ngonyaka ka-607, iminyaka eyi-2 520 iphela ngo-1914. * Sazi njalo ke ukuba amaxesha asixhenxe aphela ngo-1914, nokuba uYesu waqalisa ukuba nguKumkani woBukumkani bukaThixo ngaloo nyaka. Okona kubaluleke nangakumbi kukuba ukususela ngo-1914, kwenzeka iziganeko ezishiy’ amehlo—ezo iBhayibhile yayiprofete ukuba zaziya kwenzeka kwimihla yokugqibela.

Jon: Ziziphi ezo ziganeko?

Cameron: Khawuve oko kwathethwa nguYesu apha kuMateyu 24:7. Ngokuphathelele ixesha awayeza kuqalisa ngalo ukulawula ezulwini, uYesu wathi: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga nobukumkani buvukelane nobukumkani, yaye kuya kubakho ukunqongophala kokutya neenyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo.” Qaphela ukuba uYesu waprofeta esithi kuya kubakho ukunqongophala kokutya neenyikima zomhlaba. Ezi ngxaki ziye zasithwaxa kweli khulu leminyaka idluleyo, akunjalo?

Jon: Kunjalo.

Cameron: Kule vesi, uYesu wathetha nangeemfazwe ezaziya kubakho xa enguKumkani woBukumkani bukaThixo. Nencwadi yeSityhilelo yaprofeta ngeemfazwe eziya kuchaphazela ihlabathi lonke kwimihla yokugqibela. * Ngaba usakhumbula ukuba yaqala nini imfazwe yehlabathi yokuqala?

 Jon: Yaqala ngo-1914, kanye ngalaa nyaka uthi uYesu waqala ngawo ukulawula! Tyhini, yhazi zange ndazidibanisa ezi zinto!

Cameron: Xa uzidibanisa zonke ezi nkcukacha—isiprofeto esithetha ngamaxesha asixhenxe, nezinye iziprofeto zeBhayibhile ezithetha ngexesha lesiphelo—itsho icace yonke le nto. AmaNgqina kaYehova aqinisekile ukuba uYesu waqala ukuba nguKumkani woBukumkani bukaThixo ngo-1914, nokuba imihla yokugqibela yaqala kwangaloo nyaka. *

Jon: Ndisazama ukuyidibanisa aph’ entloko yonke le nto.

Cameron: Ungakhathazeki, ibilindelekile loo nto. Njengoko besenditshilo, nam kwandithatha ixesha ukuyazi ngokupheleleyo yonke le nto. Kodwa ke, ndinethemba lokuba le ncoko ikuncede wabona ukuba nangona unyaka ka-1914 ungaveli eBhayibhileni, amaNgqina kaYehova azifumene eBhayibhileni iinkolelo zawo ngalo nyaka.

Jon: Ewe, bendisoloko ndiyithanda indlela enizichaza ngayo izinto kuba nizikhomba esibhalweni. Anichazi nje iimbono zenu. Kodwa ndiyazibuza ukuba kutheni kunzima kangaka nje ukuyiqonda le nto. Kutheni uThixo engazange asuke abhale eBhayibhileni ukuba uYesu uza kuqalisa ukulawula ezulwini ngo-1914?

Cameron: Ngumbuz’ omhle lowo Jon. Phofu ke zininzi izinto ezingachazwanga ngokuthe ngqo eZibhalweni. Ngoko kwakutheni ukuze uThixo ayibhale iBhayibhile ngendlela eza kufuna abantu bazimisele ukuze bayiqonde? Mhlawumbi singathetha ngaloo nto kwixesha elizayo.

Jon: Ndingayivuyela loo nto.

Ngaba unombuzo weBhayibhile obusoloko uzibuza wona? Ngaba ukhe uzibuze ngeenkolelo zamaNgqina kaYehova? Ukuba kunjalo kungakunceda ukuthetha neNgqina likaYehova. Liya kukuvuyela ukuphendula imibuzo yakho.

^ isiqe. 5 AmaNgqina kaYehova afundela abantu iBhayibhile simahla.

^ isiqe. 24 Funda isicangca esinomxholo othi “Iphupha Lomthi likaNebhukadenetsare.”