Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo Yebhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo Yebhayibhile

Ngaba ngokwenene uYesu wabavusa abantu?

UYesu wavusa uLazaro, ekwakusele kudlule iintsuku ezine efile

IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba uYesu wavusa abantu ekufeni. Ezo ngxelo aziyontsomi, zibhaliwe iindawo ezenzeka kuzo namaxesha ezenzeka ngawo. Ngokomzekelo, ngohlobo lwangonyaka ka-31, isihlwele sabantu sahamba noYesu sisuka eKapernahum sisiya eNayin. Xa safikayo, sadibana nesinye isihlwele. Unokuyithemba ingxelo yovuko eyalandelayo ngenxa yokuba ifumaneka kwiLizwi likaThixo iBhayibhile yaye yenzeka phambi kwaloo mangqina.—Funda uLuka 7:11-15.

UYesu wavusa nomhlobo wakhe uLazaro, owayesele eneentsuku ezine efile. Ungayithemba nale into eyenziwa nguYesu ngaloo mini kuba yabonwa ngabantu abaninzi.—Funda uYohane 11:39-45

Kwakutheni ukuze uYesu avuse abantu?

UYesu wabavusa abantu kuba wasikwa yimfesane. Wayefuna nokubonisa ukuba uYise, uMdali wobomi, wamnika amandla okoyisa ukufa.—Funda uYohane 5:21, 28, 29.

Imimangaliso yokuvusa kukaYesu abantu abafileyo iyasiqinisekisa ukuba zonke izithembiso azenzileyo ngekamva ziza kuzaliseka. Uza kuvusa inyambalala yabantu, nabantu abangalunganga, ababengazi nto ngoThixo. Baza kutsho bafundiswe ngaye, baze bamthande uYehova uThixo.—Funda iZenzo 24:15.