Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Simele Sibe Ngcwele Kuyo Yonke Ihambo Yethu

Simele Sibe Ngcwele Kuyo Yonke Ihambo Yethu

“Yibani ngcwele nani kuyo yonke ihambo yenu.”—1 PET. 1:15.

1, 2. (a) Yintoni elindelekileyo kubantu bakaThixo ngokuphathelele ihambo? (b) Yiyiphi imibuzo eza kuphendulwa kweli nqaku?

UYEHOVA waphefumlela uPetros ukuba agxininise ukuba ubungcwele ekuthethwa ngabo kwiLevitikus buyadibana nehambo engcwele efunekayo kuthi maKristu. (Funda eyoku-1 kaPetros 1:14-16.) “Lowo Ungcwele,” uYehova, ulindele ukuba abathanjiswa “nezinye izimvu” benze konke okusemandleni abo ukuze babe ngcwele kuyo yonke ihambo yabo—bangakhethi izinto ezithile.Yoh. 10:16.

2 Ukuhlolisisa obuny’ ubuncwane obufumaneka kwiLevitikus kuya kusinceda kakhulu, ibe ukusebenzisa oko sikufundayo kuya kusinceda sibe ngcwele kuyo yonk’ ihambo yethu. Siza kuphendula le mibuzo: Sifanele sikujonge njani ukulalanisa? ILevitikus isifundisa ntoni ngokuxhasa ukongama kukaYehova? Sinokufunda ntoni ngokunikelwa kwamadini?

KULUMKELE UKULALANISA

3, 4. (a) Kutheni amaKristu emele angalalanisi kwimithetho nemigaqo yeBhayibhile? (b) Kutheni singamele siziphindezele okanye sibe nenqala?

3 Ukuze simkholise uYehova, simele sithobele imithetho nemigaqo yakhe, sikuphephe ukungabi ngcwele ngenxa  yokulalanisa. Nangona singekho phantsi koMthetho kaMoses, usinceda siqonde izinto ezamkelekileyo nezingamkelekanga kuThixo. Ngokomzekelo, amaSirayeli ayalelwa oku: “Uze ungaphindezeli okanye ube nenqala koonyana babantu bakowenu; yaye uze ulithande idlelane lakho njengawe siqu. NdinguYehova.”—Lev. 19:18.

4 UYehova ulindele ukuba singaziphindezeli, ibe ufuna singabi nenqala. (Roma 12:19) Ukuba besinokungayithobeli imithetho nemigaqo kaThixo, uMtyholi ebeya kuncuma yedwa, size sibangele ukuba uYehova agculelwe. Kwanaxa siye sachukelwa ngomny’ umntu, masingavumi ukuba zizitya ezithwele ingqumbo. UThixo usinike ilungelo lokuba sibe ‘zizitya zodongwe’ ezithwele ubuncwane—ubulungiseleli. (2 Kor. 4:1, 7) Ingqumbo ayilungi kwizitya ezinjalo!

5. Yintoni esinokuyifunda kwinto eyenzeka ku-Aron noonyana bakhe? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

5 KwiLevitikus 10:1-11 siva ngento ebuhlungu eyehlela intsapho ka-Aron. Imele ukuba yayixheleke nyhani xa uNadabhi noAbhihu ababengoonyana baka-Aron batshiswa ngumlilo ovela ezulwini besemnqubeni. Le nto yaluvavanya kakhulu ukholo luka-Aron nentsapho yakhe kuba yayingamele ibazilele. Ngaba wena ungcwele kumba wokunxulumana namalungu entsapho nabany’ abantu abasusiweyo kubudlelane?—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 5:11.

6, 7. (a) Xa sicinga ngokuba nenxaxheba kumtshato oqhutyelwa ecaweni, ziziphi iingongoma ezibalulekileyo esimele siziqwalasele? (Jonga umbhalo osemazantsi.) (b) Sinokuqiqa njani nesalamane esingeloNgqina ngokuphathelele ukuba nenxaxheba kumtshato oqhutyelwa ecaweni?

6 Sisenokungavavanywa qatha njengoAron nentsapho yakhe. Kodwa besiya kuthini ukuba besinokumenywa ukuba sibekho size sibe nenxaxheba kumtshato oqhutywa ecaweni wesalamane esingeloNgqina? Asikho iSibhalo esithi masingayi, kodwa ngaba ikho imigaqo yeBhayibhile ebandakanyekileyo ekwenzeni isigqibo esinjalo? *

7 Ukuzimisela kwethu ukuba ngcwele kuYehova ngokuphathelele ezi meko sisandul’ ukuthetha ngazo kunokuzibhida izalamane ezingengomaNgqina. (1 Pet. 4:3, 4) Kakade ke, siyazama ukungazikhubekisi, kodwa kudla ngokuba kuhle ukuzicacisela ngobubele, kodwa singqale. Mhlawumbi le nto singayenza kusekude ngaphambi komsitho. Sinokuzibulela ngenyhweba ezisinike yona yokuba sibe nenxaxheba kuloo mtshato. Emva koko sinokuzixelela ukuba ngenxa yonqulo lwethu, ukuba nenxaxheba kunokuphazamisana nolonwabo kuze kuzihlazise ebantwini abezileyo. Le yeny’ indlela esingenza ngayo ukuze sikuphephe ukulalanisa kwizinto esizikholelwayo.

XHASA UKONGAMA KUKAYEHOVA

8. ILevitikus ikubalaselisa njani ukongama kukaYehova?

8 ILevitikus ibalaselisa ukuba uYehova wongamile. Izihlandlo ezingaphezu kweziyi-30, sifunda ukuba imithetho efumaneka kuyo ivela kuYehova. UMoses wayivuma loo nto ibe wenza kanye oko wayekuyalelwa nguYehova. (Lev. 8:4, 5) Nathi simele sihlale sisenza oko uMongami wethu, uYehova, afuna sikwenze. Kulo mbandela, intlangano kaThixo iyasixhasa. Kodwa sinokuvavanywa xa sisedwa, kanye njengokuba kwenzekayo kuYesu entlango. (Luka 4:1-13) Ukuba siyayixhasa into yokuba uThixo wongamile ibe sithembele kuye, akukho mntu unokusenza silalanise size sichanabeke ngenxa yobugwala.—IMize. 29:25.

9. Kutheni abantu bakaThixo bethiywe kangaka?

 9 Ekubeni singabalandeli bakaKristu namaNgqina kaYehova, siyatshutshiswa ziintlanga emhlabeni wonke. Phofu ke, le nto ilindelekile, kuba uYesu wathi: ‘Abantu baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale, nithiywe ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.’ (Mat. 24:9) Noko ke, nakuba sithiyiwe, siyaqhubeka sishumayela ngoBukumkani ibe siseza kuhlala singcwele kuYehova. Kutheni sithiywe kangaka nangona sinyanisekile, sicocekile yaye siyithobela imithetho yelizwe? (Roma 13:1-7) Kungenxa yokuba senze uYehova waba yiNkosi yethu enguMongami! Sinikela inkonzo engcwele ‘kuye yedwa’ ibe asiyi kuze silalanise kwimithetho nemigaqo yakhe elungileyo.—Mat. 4:10.

10. Yintoni eyenzekayo xa omny’ umzalwana walalanisayo?

10 ‘Asiyonxalenye yehlabathi.’ Ngoko, asithathi cala kwiimfazwe nakwiipolitiki zeli hlabathi. (Funda uYohane 15:18-21; uIsaya 2:4.) Abanye abazahlulele kuThixo baye balalanisa ngokuthi bathath’ icala. Abaninzi kubo baye baguquka baza baphinda baba nobuhlobo noBawo wethu onenceba. (INdu. 51:17) Abambalwa khange baguquke. Ngokomzekelo, ngexesha leMfazwe Yehlabathi II, abasemagunyeni baqokelela abazalwana abayi-160 abaneminyaka engaphantsi kweyi-45, ababevalelwe ngaphandle kwesizathu kwiintolongo zaseHungary, baza babasa kwenye idolophu. Babayalela ukuba bangene emkhosini. Abazalwana abathembekileyo zange balalanise, kodwa abasithoba kubo basenza isifungo somkhosi baza bayamkela iyunifomu yamajoni. Emva kweminyaka emibini, omnye kwabo balalanisayo wabelwa ukuba aye kubulala amaNgqina athembekileyo. Kuloo maNgqina kwakukho nomntakwabo! Noko ke, loo maNgqina athembekileyo zange ade abulawe.

NIKELA KUYEHOVA NGAKO KONKE OKUSEMANDLENI AKHO

11, 12. Indlela uYehova awayeyalele ukuba wenziwe ngayo umbingelelo kwaSirayeli mandulo ithetha ntoni kumaKristu anamhlanje?

11 UMthetho kaMoses wawufuna ukuba amaSirayeli enze amadini athile. (Lev. 9:1-4, 15-21) Loo madini kwakufuneka angabi nasiphako kuba ayefuzisela idini likaYesu elifezekileyo. Ngaphezu koko, kuhlobo ngalunye lomnikelo, okanye lwedini elenziwayo, kwakufuneka kulandelwe imiyalelo ethile. Ngokomzekelo, makhe sibone ukuba yintoni eyayifuneka kumama osandul’ ukufumana usana. ILevitikus 12:6 ithi: “Ekuzalisekeni kweentsuku zokusulungekiswa kwakhe ngonyana nokuba kungentombi wozisa kuye umbingeleli itakane legusha eliyinkunzi elimnyaka mnye lomnikelo otshiswayo, nentshontsho levukuthu okanye ihobe lasendle lomnikelo wesono, emnyango wentente yokuhlangana.” UThixo wazibeka zacaca izinto ezifunekayo, kodwa kwakulo Mthetho sibona indlela awayebacingela nawayebathanda ngayo abantu. Xa engakwazi ukuza nemvu, wayevumelekile ukuba anikele ngamahobe asendle amabini okanye amantshontsho amavukuthu amabini. (Lev. 12:8) Nakuba elihlwempu, lo mkhonzi kaThixo wayethandwa kwaye exatyiswa kanye njengomntu oza nomnikelo onexabiso. Isifundisa ntoni le nto?

12 Umpostile uPawulos wabongoza amaKristu ukuba anikele kuThixo “umbingelelo wendumiso.” (Heb. 13:15) Imilebe yethu ifanele ivakalise ekuhleni igama likaYehova elingcwele. Abazalwana noodade abazizithulu basebenzisa intetho yezandla ukuze banikele loo ndumiso kuThixo. AmaKristu angakwaziyo ukuphuma  endlwini amdumisa ngokushumayela ngeeleta, ngefowuni nangokuthetha nabantu abeze kuwanyamekela nabeze kuwabona. Umbingelelo wethu wendumiso—ukudumisa uYehova ngokwazisa igama lakhe nangokushumayela iindaba ezilungileyo—sifanele siwenze ngokwemeko yempilo namandla ethu. Simele senze konke okusemandleni ethu.—Roma 12:1; 2 Tim. 2:15.

13. Kutheni sifanele sifake ingxelo yethu yasentsimini?

13 Imibingelelo yendumiso esiyenzayo siyinikela kuThixo kuba simthanda. (Mat. 22:37, 38) Kodwa siye sacelwa ukuba sifake ingxelo yethu yasentsimini. Ngoko, sifanele silijonge njani eli lungiselelo? Ingxelo esiyifakayo nyanga nganye ibonisa uzinikelo lwethu lobuthixo. (2 Pet. 1:7) Kakade ke, akukho mntu ufanele azive enyanzelekile ukuba ashumayele iiyure ezininzi kuba nje efuna ukufaka ingxelo encumisayo. Yiloo nto umvakalisi ohlala kwikhaya elinyamekela abantu okanye ongakwazi kuzenzela nto enokubala ingxelo yakhe ngemizuzu eyi-15 kunoba abale iiyure ezipheleleyo. UYehova uyayixabisa loo mizuzu kuba loo mvakalisi wenze konke okusemandleni akhe ibe ubonisa ukuba uyamthanda kwaye uyalixabisa ilungelo elingenakuthelekiswa nanto lokuba liNgqina lakhe. Kanye njengaloo maSirayeli iimeko zawo ezazingawavumeli ukuba anikele umbingelelo onexabiso eliphezulu, abakhonzi bakaYehova abangaphilanga okanye abangenamandla banokuyifaka ingxelo. Ibe ingxelo yethu idityaniswa neyehlabathi lonke, nto leyo enceda intlangano ikwazi ukuceba kuselithuba indlela omele wenziwe ngayo umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Ngoko ke, ngaba sisicelo esinzima na esi sokuba sifake ingxelo yasentsimini?

UKUFUNDISISA NEMIBINGELELO YENDUMISO

14. Cacisa ukuba kutheni sifanele sihlolisise indlela esifundisisa ngayo.

14 Emva kokuba sifumene intwana yobuncwane beLevitikus, mhlawumbi uthi, ‘Ngoku ndiyasiqonda isizathu sokuba le ncwadi ibekho kwiLizwi likaThixo eliphefumlelweyo.’ (2 Tim. 3:16) Kumel’ ukuba ngoku uzimisele ukuba ngcwele, kungekhona nje kuba uYehova esitsho, kodwa ngenxa yokuba efanelwe yimigudu yakho yokumkholisa. Mhlawumbi izinto ozifundileyo ngeLevitikus kula manqaku mabini zikwenze wanomdla ongakumbi wokuphanda nzulu kwiZibhalo. (Funda iMizekeliso 2:1-5.) Yihlolisise kakuhle indlela ofundisisa ngayo. Ngokuqinisekileyo uyafuna ukuba imibingelelo yakho yendumiso yamkelwe nguYehova. Ngaba uvumela umabonwakude, imidlalo yevidiyo, ukudlala okanye ezinye izinto othanda ukuzenza zikuphazamise ekwenzeni inkqubela? Ukuba kunjalo, kunokukunceda ukucamngca ngoko kwathethwa nguPawulos kwincwadi yamaHebhere.

Ngaba ukufunda iBhayibhile noNqulo Lwentsapho ziyeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho? (Funda isiqendu 14)

15, 16. Kwakutheni ukuze uPawulos angqale kumaKristu angamaHebhere?

15 UPawulos akazange agwegweleze xa wayebhalela amaKristu angamaHebhere.  (Funda amaHebhere 5:7, 11-14.) Wawaxelela ukuba aye aba ‘buthuntu ekuveni.’ Kwakutheni ukuze uPawulos angqale kangaka? Wayebonisa ukuba uYehova uyawathanda ibe uwaxhalabele loo maKristu awayesazimisele ukuphila ngobisi. Ewe kona, kubalulekile ukwazi ezona mfundiso ziphambili zamaKristu. Kodwa ke, ukuze umKristu aqole, kufuneka “ukutya okuqinileyo.”

16 Kunokuba ahambele phambili ukusa kwinqanaba lokuba afundise abanye, amaHebhere kwakusafuneka afundiswe. Ngoba? Kuba ayengakufuni “ukutya okuqinileyo.” Khawuzibuze ke nawe: ‘Ngaba ndikujonga ngendlela efanelekileyo ukutya okuqinileyo? Ngaba ndiyakutya? Okanye ngaba ndiyakuphepha ukuthandaza nokufundisisa iBhayibhile? Ukuba kunjalo, ngaba asiyondlela endifunda ngayo le iyingxaki?’ Asimele sibashumayeze nje kuphela abantu, kodwa sifanele sibafundise size sibenze abafundi.—Mat. 28:19, 20.

17, 18. (a) Kutheni sifanele sihlale sisitya ukutya okuqinileyo kokomoya? (b) Sifanele sikujonge njani ukusela utywala ngaphambi kokuya kwiintlanganiso?

17 Ukufunda iBhayibhile kusenokungabi lula kuthi sonke. Kakade ke, uYehova akasikhuthazi ukuba siyifunde ngokusenza sizive sinetyala. Sekunjalo, enoba sele sinexesha elide okanye elifutshane sikhonza uThixo, simele sitye ukutya okuqinileyo kokomoya. Ukwenza loo nto kubalulekile ukuze sibe ngcwele.

18 Ukuze sibe ngcwele, kufuneka sizihlolisise kakuhle iZibhalo size senze oko uThixo afuna sikwenze. Khumbula oonyana baka-Aron uNadabhi noAbhihu, ababulawa ngenxa yokuba besondeze phambi koYehova “umlilo ongekho sikweni,” mhlawumbi benxilile. (Lev. 10:1, 2) Phawula into eyathethwa nguThixo kuAron. (Funda iLevitikus 10:8-11.) Ngaba le nto ithetha ukuba asimele sisele nantoni na enotywala ngaphambi kokuba siye ezintlanganisweni? Khawucinge ngezi ngongoma: Asikho phantsi koMthetho. (Roma 10:4) Kwezinye iindawo, abavakalisi babusela ngobungcathu utywala xa besitya ngaphambi kokuba baye esifundweni. EPasikeni kwakusetyenziswa iindebe ezine zewayini. Xa wayesungula iSikhumbuzo, uYesu wanika abapostile bakhe iwayini eyayimela igazi lakhe. (Mat. 26:27) Into engafunwayo yiBhayibhile kukusela kakhulu nokunxila. (1 Kor. 6:10; 1 Tim. 3:8) Ibe amaKristu amaninzi anokuziva enyanzelekile ngenxa yezazela zawo ukuba angabuphathi kwaukubuphatha utywala ngaphambi kokwenza inkonzo engcwele. Noko ke, iimeko zamazwe ngamazwe azifani, ibe eyona nto ibalulekileyo kukuba amaKristu ‘ahlule okungcwele kokuhlambelayo’ ukuze abe nehambo engcwele emkholisayo uThixo.

19. (a) Yintoni esifanele siyenze kunqulo lwentsapho nesifundo sobuqu? (b) Yintoni ozimisele ukuyenza ukuze ube ngcwele?

19 Buninzi ubuncwane esinokubufumana xa siphanda eLizwini likaThixo. Sebenzisa izixhobo zokuphanda onazo ukuze utyebise unqulo lwentsapho nesifundo sobuqu. Yandisa ulwazi lwakho ngoYehova nangeenjongo zakhe. Sondela kuye. (Yak. 4:8) Thandaza kuThixo kanye njengomdumisi owathi: “Vula amehlo am, ukuze ndikhangele kwizinto ezimangalisayo ezisemthethweni wakho.” (INdu. 119:18) Ungaze ulalanise kwimithetho nemigaqo yeBhayibhile. Wuthobele ngokuzithandela umthetho ‘waLowo Ungcwele,’ uYehova, uze ukhuthale “kumsebenzi ongcwele weendaba ezilungileyo zikaThixo.” (1 Pet. 1:15; Roma 15:16) Yiba ngcwele kule mihla yokugqibela enamahla-ndinyuka. Ngamana sonke singaba ngcwele kwihambo yethu size sixhase ukongama kukaThixo wethu ongcwele, uYehova.

^ isiqe. 6 Funda “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo kaMeyi 15, 2002.