Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Abadala nezicaka zolungiselelo bamiselwa njani kwibandla ngalinye?

Ngenkulungwane yokuqala yexesha lethu, umpostile uPawulos wathi kubadala ababekhonza e-Efese: “Zilumkeleni nina nawo wonke umhlambi, ekuthe phakathi kwawo umoya oyingcwele wanimisela nangabaveleli, ukuba nilaluse ibandla likaThixo, elo walithenga ngegazi lowakhe uNyana.” (IZe. 20:28) Umoya oyingcwele udlala yiphi indima ekumiselweni kwabadala nezicaka zolungiselelo namhlanje?

Okokuqala, umoya oyingcwele wenza ukuba ababhali beBhayibhile bazibhale iimfaneleko zabadala nezicaka zolungiselelo. Kweyoku-1 kuTimoti 3:1-7, kudweliswe iimfaneleko eziyi-16. Ezinye iimfaneleko zibhalwe kuTito 1:5-9 nakuYakobi 3:17, 18. Iimfaneleko zezicaka zolungiselelo zibhalwe kweyoku-1 kuTimoti 3:8-10, 12, 13. Okwesibini, abo bancomela nabamisela loo madoda bathandazela ukuba umoya kaYehova ubakhokele njengoko behlola enoba umzalwana uyafaneleka kusini na ngokweZibhalo ngendlela esengqiqweni. Okwesithathu, loo mzalwana unconyelwayo kufuneka abonakalise isiqhamo somoya kaThixo ebomini bakhe. (Gal. 5:22, 23) Ngoko umoya kaThixo usebenza kuzo zonke iinkalo zokumiselwa komzalwana.

Kodwa ngubani kanye kanye omisela aba bazalwana? Ukuza kuthi ga ngoku, ingxelo yabazalwana abanconyelwa njengabadala nezicaka zolungiselelo ibithunyelwa kwiofisi yesebe. Apho, abazalwana abamiselwe liQumrhu Elilawulayo bebehlola loo ngxelo baze babamisele xa befaneleka. Emva koko, iofisi yesebe ibisazisa iqumrhu labadala. Abadala bona bebesazisa loo madoda amiselweyo, bewabuza ukuba akulungele yaye ayakufanelekela na ukwamkela eso sabelo. Ekugqibeleni, bekusenziwa isaziso ebandleni.

Kodwa ayemiselwa njani amadoda ngenkulungwane yokuqala? Maxa wambi, abapostile babemisela amadoda ngenjongo ekhethekileyo, njengaxa bamisela amadoda asixhenxe ukuba ajongane nokwabelwa kwabahlolokazi ukutya mihla le. (IZe. 6:1-6) Noko ke, kusenokwenzeka ukuba loo madoda ayesele engabadala kwangaphambi kokuba anikwe eso sabelo.

Nangona iZibhalo zingasicaciseli ngokweenkcukacha ngendlela ababemiselwa ngayo abazalwana ngaloo mihla, sinayo ingxelo esikrobisayo. Siva ukuba xa uPawulos noBharnabhas babegoduka besuka kuhambo lwabo lokuqala  njengabathunywa bevangeli, “bamisela amadoda amakhulu kwibandla ngalinye baza, ngokuthandaza nokuzila ukutya, bawanikela kuYehova awayengamakholwa kuye.” (IZe. 14:23) Kwiminyaka kamva, uPawulos wabhalela ugxa wakhe uTito, esithi: “Ndakushiya eKrete ngenjongo yokuba umise izinto ngendlela efanelekileyo, umisele namadoda amakhulu kwizixeko ngezixeko, njengoko ndakuyalelayo.” (Tito 1:5) Ngendlela efanayo, kubonakala ukuba uTimoti, owahamba kakhulu nompostile uPawulos, naye wanikwa igunya elifanayo. (1 Tim. 5:22) Kuyacaca ke ukuba, ngabaveleli abahambahambayo ababemisela la madoda, kungekhona abapostile namadoda amakhulu aseYerusalem.

Ngenxa yalo mzekelo useBhayibhileni, iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova liye lenza utshintsho kwindlela abamiselwa ngayo abadala nezicaka zolungiselelo. Ukususela ngoSeptemba 1, 2014, baza kumiselwa ngale ndlela: Umveleli wesiphaluka ngamnye uza kuhlolisisa ingxelo yabazalwana abanconyelweyo kwisiphaluka sakhe. Xa etyelele amabandla, uza kuzama ukuqhelana nabo banconyelweyo, aze ukuba kunokwenzeka asebenze nabo entsimini. Emva kokubonisana nabadala belo bandla ngala madoda anconyelweyo, umveleli wesiphaluka unembopheleleko yokumisela abadala nezicaka zolungiselelo kumabandla esiphaluka sakhe. Ngaloo ndlela, eli lungiselelo liza kusondela kwindlela ekwakusenziwa ngayo ngenkulungwane yokuqala.

Abadala bathetha nomveleli wesiphaluka ngeemfaneleko zomzalwana ngokusuka eZibhalweni (EMalawi)

Ngoobani abadlala yiphi indima kweli lungiselelo? Njengesiqhelo, ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ elinembopheleleko yokondla impahla yendlu. (Mat. 24:45-47) Oku kuquka ukukhangela eZibhalweni, lincediswa ngumoya oyingcwele, ukuze lisalathise ngendlela yokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile ukuze kulungelelaniswe amabandla asehlabathini lonke. Ikwalikhoboka elithembekileyo elimisela bonke abaveleli besiphaluka namalungu eKomiti Yesebe. Iofisi yesebe nganye iqinisekisa ukuba ulwalathiso luyathotyelwa. Iqumrhu labadala ngalinye linembopheleleko yokuhlola iimfaneleko zabazalwana elibancomelayo kwibandla likaThixo ngokusuka eZibhalweni. Umveleli wesiphaluka unembopheleleko yokuhlola ngomthandazo abazalwana abanconyelwe ngabadala aze amisele abo bafanelekayo.

Xa siyiqonda indlela abamiselwa ngayo abazalwana, sitsho siyiqonde nendima edlalwa ngumoya oyingcwele kweli lungiselelo. Sitsho sibathembe size sibahlonele nangakumbi abo bamiselweyo ebandleni lamaKristu.—Heb. 13:7, 17.

 Ngoobani amangqina amabini ekuthethwa ngawo kwiSityhilelo isahluko 11?

ISityhilelo 11:3 sithetha ngamangqina amabini awayeza kuprofeta iintsuku eziyi-1 260. Emva koko le ngxelo iqhubeka isithi irhamncwa laliya ‘kuwoyisa lize liwabulale.’ Kodwa emva “kweentsuku ezintathu ezinesiqingatha,” la mangqina mabini ayeza kuvuswa, nto leyo eyayiza kubamangalisa abo babukeleyo.—ISityhi. 11:7, 11.

Ngoobani la mangqina mabini? Iinkcukacha ezikule ngxelo zisinceda siwaqonde. Okokuqala, kuthiwa “afuziselwa yiminquma emibini neziphatho zezibane ezibini.” (ISityhi. 11:4) Oku kusikhumbuza ngesiphatho sesibane neminquma emibini ekuthethwa ngayo kwisiprofeto sikaZekariya. Loo mithi yomnquma mibini kwakusithiwa imela “abathanjisiweyo,” uZerubhabheli iRhuluneli noMbingeleli Omkhulu uYoshuwa, “abema ecaleni kweNkosi yomhlaba uphela.” (Zek. 4:1-3, 14) Okwesibini, la mangqina mabini kuthiwa enza imiqondiso efana naleyo yenziwa nguMoses noEliya.—Thelekisa iSityhilelo 11:5, 6 neNumeri 16:1-7, 28-35 neyoku-1 yooKumkani 17:1; 18:41-45.

Zifana ngantoni ezi ngxelo zimbini? Kwingxelo nganye, kuthethwa ngabantu abathanjiswe nguThixo ababekhokela ngamaxesha anzima. Ngoko, kwinzaliseko yeSityhilelo 11, abazalwana abathanjisiweyo ababekhokela ngexesha lokumiselwa koBukumkani bukaThixo ngo-1914 bashumayela ‘bambethe amarhonya’ kangangeminyaka emithathu enesiqingatha.

Xa kwaphela ixesha lokushumayela kwabo bambethe amarhonya, abathanjiswa kwaba ngathi babulewe xa bavalelwa entolongweni ixesha elifutshane, iintsuku ezintathu ezinesiqingatha zokomfuziselo. Kwiintshaba zabantu bakaThixo, umsebenzi wabo wawufile, zatsho zavuya.—ISityhi. 11:8-10.

Noko ke, njengokuba isiprofeto sasitshilo, ekupheleni kweentsuku ezintathu ezinesiqingatha, amangqina amabini avuswa. Akhululwa entolongweni, kodwa ke akuzange kuphelele apho. Abo bahlala bethembekile bamiselwa nguThixo esebenzisa iNkosi yabo uYesu Kristu. Ngo-1919 babephakathi kwabo bamiselwa ukuba babe ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ ukuze bondle abantu bakaThixo ngemihla yokugqibela.—Mat. 24:45-47; ISityhi. 11:11, 12.

Into ebangela umdla kukuba, iSityhilelo 11:1, 2 sidibanisa ezi ziganeko nexesha lokulinganiswa okanye ukuhlolwa kwetempile yokomoya. UMalaki 3 naye uthetha ngokuhlolwa kwetempile yokomoya, okulandelwa lixesha lokucoca. (Mal. 3:1-4) Lingakanani eli xesha lokuhlolwa nokucocwa? Laqala ngo-1914 laphela ebutsheni buka-1919. Eli xesha liquka iintsuku eziyi-1 260 (iinyanga eziyi-42) neentsuku ezintathu ezinesiqingatha zokomfuziselo ekuthethwa ngazo kwiSityhilelo 11.

Isivuyisa nyhani into yokuba uYehova elungiselele ukuba kucocwe unqulo lwakhe ukuze azihlambululele isizwana esikhethekileyo esizondelela imisebenzi emihle! (Tito 2:14) Siyawuxabisa nomzekelo wabathanjiswa abathembekileyo ababekhokela ngexesha lokuvavanywa baza baba ngamangqina amabini okomfuziselo. *