Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Phulaphulani Nize Nifumane Intsingiselo’

‘Phulaphulani Nize Nifumane Intsingiselo’

“Phulaphulani kum, nonke, nize nifumane intsingiselo.”—MARKO 7:14.

1, 2. Kwakutheni ukuze abaninzi bangakuqondi oko kwakuthethwa nguYesu?

UMNTU usenokusiva isandi selizwi lomntu othethayo. Usenokude ayiphawule nethoni yelo lizwi. Kodwa oko bekuya kunceda ngantoni ukuba ebengayiqondi intsingiselo yoko kuthethwayo? (1 Kor. 14:9) Ngendlela efanayo, amawaka abantu akuva oko uYesu wakutshoyo. Wade wasebenzisa ulwimi abalwaziyo. Sekunjalo, asingabo bonke abayiqondayo intsingiselo yamazwi akhe. Ngenxa yoko, uYesu wathi: “Phulaphulani kum, nonke, nize nifumane intsingiselo.”—Marko 7:14.

2 Kwakutheni ukuze abaninzi bangakuqondi oko kwakuthethwa nguYesu? Abanye babesabambelele kwiimbono zabo yaye abanye beneentshukumisa ezimbi. UYesu wathi kubo: “Ninobuchule bokuwubekela bucala umyalelo kaThixo ukuze nigcine isithethe senu.” (Marko 7:9) Abo bantu babengazami kwaukuzama ukuqonda oko kwakuthethwa nguYesu. Babengazimiselanga kwaphela ukutshintsha iindlela neembono zabo. Zazivulekile iindlebe zabo, kodwa iintliziyo zona bezivale ngci! (Funda uMateyu 13:13-15.) Ngoko, singaqiniseka njani ukuba thina siyazivula iintliziyo zethu size singenelwe kwiimfundiso zikaYesu?

INDLELA ESINOKUNGENELWA NGAYO KWIIMFUNDISO ZIKAYESU

3. Yintoni eyenza abafundi bakaYesu baziqonda iimfundiso zakhe?

3 Simele silandele umzekelo wabafundi bakaYesu abathobekileyo. Wathi kubo: “Anoyolo amehlo enu ngenxa yokuba ayabona, neendlebe zenu ngenxa yokuba ziyeva.” (Mat. 13:16) Yintoni eyayibenza baziqonde ezi mfundiso ekubeni kwakunzima kwabanye? Okokuqala, babekulungele ukubuza nokuphanda ngeyona ntsingiselo yamazwi kaYesu. (Mat. 13:36; Marko 7:17) Okwesibini, babekulungele ukwakhela phezu kwezinto ababesele bezamkele ezintliziyweni zabo. (Funda uMateyu 13:11, 12.) Okwesithathu, babezimisele ukusebenzisa izinto abazifundileyo, kungekhona nje ebomini babo, kodwa nasekuncedeni abanye.—Mat. 13:51, 52.

4. Ziziphi izinto ezintathu ekufuneka sizenze ukuze siqonde imizekeliso kaYesu?

4 Ukuze siqonde imizekeliso kaYesu, simele silandele emanyathelweni abafundi bakhe abathembekileyo. Oku kubandakanya izinto ezintathu. Okokuqala, kufuneka siziphe ixesha lokufunda nokucamngca ngoko kwakuthethwa nguYesu, siphande size sibuze imibuzo efanelekileyo. Oku kukhokelela kulwazi. (IMize. 2:4, 5) Emva koko, kufuneka sibone ukuba olu lwazi ludibana njani noko sele sikwazi, size sibone indlela olusinceda ngayo. Oko kuya kuphumela ekuqondeni. (IMize. 2:2, 3) Okokugqibela, simele sikwenze oko sikufundileyo. Loo nto iya kubonisa ukuba sinobulumko.IMize. 2:6, 7.

5. Yenza umzekelo obonisa umahluko phakathi kolwazi, ukuqonda nobulumko.

5 Yintoni umahluko phakathi kolwazi, ukuqonda nobulumko? Masiyizekelise ngolu hlobo le nto: Masithi umi phakathi endleleni, suke kuthi gqi ibhasi isiza ngakuwe. Okokuqala, uyabona ukuba yibhasi le—lulwazi ke olo. Okwesibini, uyaqonda ukuba, ukuba awusuki apho, iza kukutshayisa ibhasi—kukuqonda ke oko! Emva koko, wenza owenkawu uphepha loo bhasi—bubulumko ke obo! Yiloo nto kanye iBhayibhile isithi ‘masilondoloze ubulumko bobuqili,’ kuba buya kusindisa ubomi bethu!—IMize. 3:21, 22; 1 Tim. 4:16.

6. Yiyiphi imibuzo emine esiza kuyibuza njengoko sihlolisisa imizekeliso kaYesu? (Funda  ibhokisi yeli nqaku.)

6 Kweli nqaku nakwelilandelayo, siza kuthetha ngemizekeliso esixhenxe eyenziwa nguYesu. Kumzekeliso ngamnye, siza kubuza le mibuzo: Uthetha ukuthini lo mzekeliso? (Oku kusinika ulwazi.) Kwakutheni ukuze uYesu enze lo mzekeliso? (Oku kusenza siqonde.) Singayisebenzisa njani loo nkcazelo ukuze sincede thina nabanye? (Bubulumko ke obo.) Okokugqibela, isifundisa ntoni loo nto ngoYehova nangoYesu?

UKHOZO LWEMOSTADE

7. Yintoni intsingiselo yomzekeliso wokhozo lwemostade?

7 Funda uMateyu 13:31, 32. Yintoni intsingiselo yomzekeliso kaYesu wokhozo lwemostade? Ukhozo lumela isigidimi soBukumkani kunye nemiphumo yokushunyayelwa kwaso—ibandla lamaKristu. Njengokuba ukhozo lwemostade ‘luyeyona incinane kunazo zonke iimbewu,’ nebandla lamaKristu laqala liliqaqobana nje ngo-33 C.E. Noko ke, kumashumi nje eminyaka, elo bandla lakhula ngendlela engummangaliso. (Kol. 1:23) Oku kukhula kwakuyingenelo kuba uYesu uthi “iintaka zezulu” zatsho zakwazi ‘ukwakhela emasebeni alo.’ Ezi ntaka zifuzisela abo bantliziyo zifanelekileyo abafumana ukutya kokomoya, umthunzi nekhusi kwibandla lamaKristu.—Thelekisa uHezekile 17:23.

8. Kwakutheni ukuze uYesu enze umzekeliso wokhozo lwemostade?

8 Kwakutheni ukuze uYesu enze lo mzekeliso? Wazekelisa ngendlela engummangaliso olukhula ngayo ukhozo lwemostade ukuze abonise ukuba uBukumkani bukaThixo bunamandla okukhula, okukhusela nawokoyisa yonke imiqobo. Ukususela ngo-1914, inxalenye ebonakalayo yentlangano kaThixo ibikhula ngesantya esingummangaliso! (Isa. 60:22) Abo banxulamana nale ntlangano baye bakhuseleka ukuze bahlale besondele kuYehova. (IMize. 2:7; Isa. 32:1, 2) Akukho mqobo ubunokuxaba phambi kokukhula kwebandla.—Isa. 54:17.

9. (a) Sinokufunda ntoni kumzekeliso wokhozo lwemostade? (b) Usifundisa ntoni ngoYehova nangoYesu?

9 Sinokufunda ntoni kumzekeliso wokhozo lwemostade? Kusenokwenzeka ukuba sihlala kummandla apho amaNgqina embalwa okanye kwindawo apho singaboni nkqubela kumsebenzi wethu wokushumayela. Sekunjalo, xa sikhumbula ukuba uBukumkani bunokoyisa yonke imiqobo, siya kutsho sikwazi ukunyamezela. Ngokomzekelo, xa uMzalwana uEdwin Skinner wayefika eIndiya ngo-1926, kwakukho imbinana nje yamaNgqina kwelo lizwe. Ekuqaleni, kwakungekho nkqubela ingako, nomsebenzi “wawunzima” kuba wawucotha. Kodwa waqhubeka eshumayela waza wazibonela ngokwakhe isigidimi soBukumkani sisoyisa imiqobo emikhulu. Ngoku angaphezu kwe-37 000 amaNgqina eIndiya, ibe abangaphezu kwe-108 000 bebeze eSikhumbuzweni kunyaka ophelileyo. Cinga nangendlela obu Bukumkani obuye bakhula ngayo. Kanye ngaloo nyaka uMzalwan’ uSkinner wayefika ngawo eIndiya, umsebenzi wawusandul’ ukuqalisa eZambiya. Ngoku bangaphezu kwe-170 000 abavakalisi abashumayela apho, ibe abayi-763 915 bebeze eSikhumbuzweni ngo-2013. Loo nto ithetha ukuba kweza umntu omnye kwabayi-18 eZambiya. Imangalisa ngokwenene indlela elikhule ngayo elo nani!

IGWELE

10. Yintoni intsingiselo yomzekeliso wegwele?

10 Funda uMateyu 13:33. Yintoni intsingiselo yomzekeliso wegwele? Lo mzekeliso ubhekisela kwisigidimi soBukumkani nendlela esibutshintsha ngayo ubomi babantu. “Intlama iphela” imela zonke iintlanga, kwaye ukubila kwayo kubonisa indlela isigidimi soBukumkani esiye sasasazeka ngayo. Ngoxa ukukhula kokhozo lwemostade kubonakala ngokucacileyo, ukusasazeka kwegwele kusenokungabonakali ekuqaleni. Kuqale kudlule ixesha ngaphambi kokuba imiphumo yokubila kwalo ibonakale.

11. Kwakutheni ukuze uYesu enze umzekeliso wegwele?

11 Kwakutheni ukuze uYesu enze lo mzekeliso? Wayebonisa indlela isigidimi soBukumkani esisasazeka nesibutshintsha ngayo ubomi babantu. Siye safikelela “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZe. 1:8) Noko ke, utshintsho olubangelwa sisigidimi soBukumkani alusoloko lubonakala kwasekuqaleni. Olu tshintsho aluphelelanga nje ekwandeni kwabantu, kodwa kutshintsha nobuntu babo basamkelayo esi sigidimi.—Roma 12:2; Efe. 4:22, 23.

12, 13. Chaza imizekelo ebonisa indlela umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani oye wakhula ngayo njengoko kuboniswe kumzekeliso wegwele.

12 Imiphumo yokushumayela kwethu idla ngokubonakala emva kweminyaka. Ngokomzekelo, uFranz noMargit, ngoku abakhonza kwiofisi yesebe yelinye ilizwe, babekweyaseBrazil ngo-1982. Babeshumayela kwenye idolophu esemaphandleni. Bafundis’ iBhayibhile komnye umama onabantwana abane. Inkwenkwana endala, eyayineminyaka eyi-12, yayineentloni kakhulu ibe isolok’ izimela xa kuza kuqhutywa isifundo. Esi sibini satshintshelwa kwesinye isabelo, sabe siyaphela ke isifundo. Savuya gqitha xa sasityelele le dolophu emva kweminyaka eyi-25. Savuyiswa yintoni? Kukubon’ ibandla sele linabavakalisi abayi-69, oovulindlela abathe ngxi abayi-13 neHolo yoBukumkani. Yaphelela phi laa nkwenkwana yayineentloni? Yaba ngumnxibelelanisi wequmrhu labadala! Kanye njengegwele elikumzekeliso kaYesu, isigidimi soBukumkani siye sakhula saza satshintsha ubomi babaninzi!

13 Amandla angabonakaliyo esigidimi soBukumkani aye acaca ngokutshintsha ubomi babantu kumazwe apho umsebenzi wokushumayela ubekelwe imiqathango. Kunzima ukwazi ukuba isigidimi sisasazeke kangakanani kuloo mazwe, ibe sisoloko simangaliswa yimiphumo. Ngokomzekelo, cinga ngelizwe laseCuba. Isigidimi soBukumkani safika ngo-1910 kwelo lizwe, waza uMzalwan’ uRussell watyelel’ apho ngo-1913. Noko ke, kwakungekho nkqubela ingako ekuqaleni. Ingakanani ngoku? Bangaphezu kwe-96 000 abavakalisi abakhoyo, yaye bebeyi-229 726 abantu abebeze eSikhumbuzweni ngo-2013—nto leyo etheth’ ukuba ngumntu omnye kubemi abayi-48 beso siqithi obezile. Kwanakumazwe apho umsebenzi ungavalwanga, isigidimi soBukumkani sinokufikelela nakwimimandla ebekungalindelekanga ukuba singafikelela kuyo. *INtshu. 8:7; 11:5.

14, 15. (a) Sinokufunda ntoni kulo mzekeliso wegwele? (b) Usifundisa ntoni ngoYehova nangoYesu?

14 Sinokufunda ntoni kumzekeliso kaYesu wegwele? Xa sicamngca ngentsingiselo yalo mzekeliso, sitsho siqonde ukuba akuyomfuneko ukuba sizixhalabise ngendlela isigidimi soBukumkani esiya kufika ngayo kwabo bangekasiva. Ngumsebenzi kaYehova lowo. Nguwuphi owethu umsebenzi? ILizwi likaThixo liyaphendula: “Hlwayela imbewu yakho, yaye ungasiphumzi isandla sakho de kube ngokuhlwa; kuba akuyazi indawo oya kuphumelela kuyo, enoba kulapha okanye phaya, okanye enoba ziya kulunga zombini ngokufanayo.” (INtshu. 11:6) Sekunjalo, simele sihlale simcela uYehova ukuba awusikelele umsebenzi wokushumayela, ngakumbi kumazwe apho ubekelwe imiqathango.—Efe. 6:18-20.

15 Ukongezelela koko, asimele sidimazeke xa ekuqaleni singayiboni imiphumo yomsebenzi esiwenzayo. Singaze siyidelele “imini yezinto ezincinane.” (Zek. 4:10) Ngokuthe ngcembe imiphumo isenokuba mikhulu ize isivuyise ngaphezu kokuba besilindele!—INdu. 40:5; Zek. 4:7.

UMRHWEBI OHAMBAHAMBAYO NOBUNCWANE OBUFIHLIWEYO

16. Yintoni intsingiselo yomzekeliso womrhwebi ohambahambayo nowobuncwane obufihliweyo?

16 Funda uMateyu 13:44-46. Yintoni intsingiselo yomzekeliso womrhwebi ohambahambayo nowobuncwane obufihliweyo? Ngemihla kaYesu abany’ abarhwebi babehamba imigama emide bade baye kufika kuLwandlekazi lwaseIndiya bekhangela ezona perile zisemgangathweni. Umrhwebi okulo mzekeliso umela abo baneentliziyo ezilungileyo abenza unako-nako ukuze bafumane inyaniso. “Iperile enye yexabiso eliphakamileyo” imela inyaniso exabisekileyo yoBukumkani. Ngenxa yokuxabiseka kwale perile, “kwangoko” umrhwebi wathengisa konke anako ukuze ayithenge. UYesu wathetha nangendoda eyathi isebenza entsimini yafumana ubuncwane ‘obufihliweyo.’ Ngokwahlukileyo kumrhwebi, le ndoda yayingakhangeli buncwane. Kodwa kanye njengomrhwebi, yathengisa zonke ‘izinto enazo’ ukuze ifumane obo buncwane.

17. Kwakutheni ukuze uYesu enze umzekeliso womrhwebi nowobuncwane obufihliweyo?

17 Kwakutheni ukuze uYesu enze le mizekeliso mibini? Wayebonisa ukuba inyaniso ifunyanwa ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Abanye benza unako-nako ukuze bayifumane. Kanti abanye bathi bebengakhangeli yona, suke bayibhaqe. Ndoda nganye ekule mizekeliso, iye yakuqonda ukuxabiseka kwento eyibhaqileyo yaza yancama izinto ezinkulu ukuze iyifumane.

18. (a) Sinokufunda ntoni kule mizekeliso mibini? (b) Isifundisa ntoni ngoYehova nangoYesu?

18 Sinokufunda ntoni kule mizekeliso mibini? (Mat. 6:19-21) Zibuze: ‘Ngaba ndicinga ngendlel’ efanayo nale yala madoda? Ngaba nam ndiyayixabisa inyaniso? Ngaba ndikulungele ukuncama okuthile ukuze ndifumane inyaniso, okanye ngaba ndivumela eziny’ izinto, ezinjengemisebenzi yemihla ngemihla, ukuba zindiphazamise?’ (Mat. 6:22-24, 33; Luka 5:27, 28; Fil. 3:8) Okukhona sikuvuyela ukufumana inyaniso, kokukhona siya kuzimisela ukuyibeka kwindawo yokuqala ebomini bethu.

19. Yintoni esiza kuyihlolisisa kwinqaku elilandelayo?

19 Ngamana singabonisa ukuba siye sayiphulaphula saza sayiqonda intsingiselo yemizekeliso yoBukumkani. Sikhumbule ke ukuba, loo nto asiyenzi ngokwazi intsingiselo nje kuphela, kodwa nangokwenza izinto esizifunda kuyo. Kwinqaku elilandelayo, siza kuhlolisisa eminy’ imizekeliso emithathu size sibone ukuba sinokufunda ntoni kuyo.

^ isiqe. 13 Kwenzeka okufanayo naseArgentina (kwiNcwadi Yonyaka ka-2001, iphepha 186); eMpuma Jamani (kwiNcwadi Yonyaka ka-1999, iphepha 83); ePapua New Guinea (kwiNcwadi Yonyaka ka-2005, iphepha 63); nakwiRobinson Crusoe Island (kwiMboniselo kaJuni 15, 2000, iphepha 9).