Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba uye wazifunda ngocoselelo iiMboniselo zakutshanje? Khawubone enoba ungayiphendula kusini na le mibuzo:

Ngaba kufanelekile ukutshiswa kwesidumbu somKristu?

Isigqibo sokutshiswa kwesidumbu sixhomekeke emntwini. Nangona iBhayibhile ingathethi ngokungqalileyo ngalo mbandela, kubalulekile ukuphawula ukuba isidumbu sikaKumkani uSawule nesonyana wakhe uYonatan zatshiswa zaza zangcwatywa. (1 Sam. 31:2, 8-13)—6/15, iphepha 7.

Kutheni sinokuqiniseka ukuba uThixo akabangeli ukuba kwenzeke izinto ezimbi?

Zonk’ iindlela zikaThixo zilungile. Unobulungisa, uthembekile ibe ugqibelele. Kwakhona, uYehova unomsa nenceba. (Dut. 32:4; INdu. 145:17; Yak. 5:11)—7/1, iphepha 4.

Yiyiphi imiqobo umntu anokudibana nayo xa eye kukhonza kwilizwe elidinga abavakalisi abangakumbi?

Yimiqobo emithathu, (1) ukuqhelana nendlela yokuphila, (2) ukukhumbula ekhaya (3) nokwenza abahlobo nabazalwana belo lizwe. Abaninzi abaye balwa nale miqobo baye basikelelwa kakhulu.—7/15, iphepha 4-5.

Kwakutheni ukuze abantakwaboYosefu bamjikele?

Kungenxa yokuba uYakobi wayemthanda kakhulu uYosefu, wade wamnika nomwunduzo okhethekileyo. AbantakwaboYosefu baba nomona baza bamthengisela ebukhobokeni.—8/1, iphepha 11-13.

Kutheni amaphecana amatsha eluncedo ibe kulula ukuwasebenzisa?

Onke ayafana. Iphecana ngalinye linevesi ekhethwe kakuhle ibe linemibuzo eya kumninimzi. Enoba uphendula athini, wena nje uvele uvule ngaphakathi uze umbonise oko kuthethwa yiBhayibhile. Sinokumbonisa nombuzo wokubuyela.—8/15, iphepha 13-14.

Yintoni iPeshitta yesiSiriya?

IsiSiriya, esiyelele kwisiAramiki, sasithethwa kakhulu ngeminyaka yoo-200 okanye yoo-300 C.E. Kubonakala ukuba isiSiriya lulwimi lokuqala ezaguqulelwa kulo iZibhalo ZamaKristu ZesiGrike. IBhayibhile yesiSiriya yabizwa ngokuba yiPeshitta.—9/1, iphepha 13-14.

Yintoni enokwenziwa ngabazali abangamaKristu ukuze babe ngabalusi kubantwana babo?

Kubalulekile ukubaphulaphula abantwana ukuze ubazi. Zama ukubondla ngenyaniso. Ngokomzekelo, bakhokele ngothando xa beqala ukuba namathandabuzo.—9/15, iphepha 18-21.

Phantsi koBukumkani bukaThixo, ziintoni ezingasayi kubakho?

Ukugula, ukufa, ukungaqeshwa, iimfazwe, ukungqongophala kokutya nobuhlwempu abusayi kubakho.—10/1, iphepha 6-7.

Nguwuphi umnqophiso oseBhayibhileni ovumela abanye ukuba balawule noKristu?

Emva kokuba efumene iPasika yokugqibela kunye nabapostile bakhe, uYesu wenz’ umnqophiso nabafundi bakhe abathembekileyo ekunokuthiwa ngumnqophiso woBukumkani. (Luka 22:28-30) Wawubaqinisekisa ukuba baza kulawula noYesu ezulwini.—10/15, iphepha 16-17.

Yenz’ imizekelo emibini eseBhayibhileni engqina ukuba uSathana ukho ngokwenene.

IZibhalo zithi uSathana wathetha noYesu ezama ukumhenda. Nangexesha likaYobhi, uSathana wathetha noThixo. Ezi ngxelo zingqina ukuba uSathana ukho ngokwenene.—11/1, iphepha 4-5.

Ngoobani ‘ababesisizwana segama lakhe’ awathetha ngabo uYakobi kwincwadi yeZenzo 15:14?

YayingamaKristu angamaYuda naweentlanga awakhethwa nguThixo ukuba abe sisizwe esinyuliweyo ukuze ‘sivakalise ngokubanzi iimbalasane’ zalowo wawabizayo. (1 Pet. 2:9, 10)—11/15, iphepha 24-25.

Yayiphi iTimgad, ibe babecinga njani abanye babantu balapho?

ITimgad yayisixeko esikhulu samaRoma eMntla Afrika (ngoku oyiAlgeria). Ubonisa izinto ababekholelwa kuzo abanye babantu balapho, umkrolo owembiwayo uthi: “Ukuzingela, Ukuhlamba, Ukudlala, Ukuhleka—Nabo Ke Ubomi!” Le mbono ifana naleyo ikweyoku-1 kwabaseKorinte 15:32.—12/1, iphepha 8-10.