Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Yintoni eyenza abantu bacinge ngobukho boMdali?

Ngaba ubomi abumangalisi?

Malunga neminyaka eyi-3 000 eyadlulayo enye imbongi yabhala yathi: “Ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo.” (INdumiso 139:14) Xa ucinga ukuba usana luye luqale luyiseli enye, ngaba akumangaliswa? Abantu abaninzi bathi nguMdali owenze izinto eziphilayo.—Funda iNdumiso 139:13-17; Hebhere 3:4.

UMdali wendalo wenza nomhlaba ukuze kuphilwe kuwo kubekho nobomi. (INdumiso 36:9) Uye wanxibelelana noluntu waze wasixelela ngaye.—Funda uIsaya 45:18.

Ngaba savela ezilwanyaneni?

Zininzi izinto esifana ngazo nezilwanyana. Isizathu sikukuba abantu nezilwanyana uMdali wayebenzele ukuphila emhlabeni. Umntu wokuqala wamenza ngothuli akazange aphume esilwanyaneni.—Funda iGenesis 1:24; 2:7.

Abantu bohlukile kwizilwanyana ngeendlela ezimbini. Okokuqala, abantu bayakwazi ukumazi uMdali, ukumthanda nokumhlonela. Okwesibini, izilwanyana zazingenzelwanga ukuphila ngonaphakade, bona abantu babenzelwe oko. Kodwa ngoku, bonke abantu bayafa kuba umntu wokuqala walugatya ukhokelo loMdali.—Funda iGenesis 1:27; 2:15-17.