Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | AWUNGETHANDI UKUFUNDA IBHAYIBHILE?

Isifundo SeBhayibhile Somntu Wonke

Isifundo SeBhayibhile Somntu Wonke

AmaNgqina kaYehova aziwa kakhulu ngomsebenzi awenzayo wokuthetha nabantu ngeBhayibhile. Kodwa ubusazi na ukuba sikwafundisa abantu iBhayibhile emhlabeni wonke?

Ngo-2014 amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-8 000 000 akumazwe ayi-240 aye afundisa abantu abayi-9 500 000 iBhayibhile nyanga nganye. * Kubonakala ukuba inani labantu esifunda nabo iBhayibhile lide lodlule nenani labemi bamazwe athile!

Ukuze akwazi ukwenza lo msebenzi, amaNgqina kaYehova aye apapasha iiBhayibhile, iincwadi, iimagazini kunye nezinye izixhobo zokufunda iBhayibhile eziphantse zibe yibhiliyoni enesiqingatha nyaka ngamnye, ngeelwimi ezimalunga ne-700! Onke la malinge okupapasha izixhobo ezingaka enziwe ukuze mntu ngamnye afunde iBhayibhile ngolwimi aluthandayo.

IIMPENDULO ZEMIBUZO EDLA NGOKUBUZWA NGESIFUNDO SEBHAYIBHILE

Siqhutywa njani esi sifundo?

Sifunda imixholo eyahlukahlukeneyo yeBhayibhile, size sijonge iivesi zeBhayibhile ezingena kuyo. Ngokomzekelo, iBhayibhile iphendula imibuzo efana nethi: Ngubani uThixo? Unjani? Ngaba unalo igama? Uhlala phi? Singanako na ukusondela kuye? Eyona nto idla ngokuba nzima kukukhangela iimpendulo eBhayibhileni.

Ukuze sincede abantu bafumane iimpendulo, sidla ngokusebenzisa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? * Le ncwadi yenzelwe ukunceda abantu baqonde iimfundiso ezisisiseko eziseBhayibhileni. Ifundisa ngoThixo, uYesu Kristu, isizathu sokuhlupheka kwabantu, ukuvuswa kwabafileyo, umthandazo, ndibala ntoni na!

Siqhutywa nini, ibe phi?

Isifundo siqhutywa ngexesha, nakwindawo efunwa nguwe.

Siba side kangakanani?

Abantu abaninzi bazibekela ixesha elingangeyure veki nganye, kodwa asiloxesha linyanzelekileyo elo. Sihamba ngexesha onalo. Abanye bafunda nje imizuzu eyi-10 okanye eyi-15 ngeveki.

Siba yimalini?

Akuhlawuli nesenti, ibe neencwadi uzifumana simahla. Kaloku uYesu wathi kubafundi bakhe: “Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.”—Mateyu 10:8.

Umntu ufunda ixesha elingakanani?

Kuthanda wena. Incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? inezifundo eziyi-19. Ikhethwa nguwe indlela ofuna ukuzifunda ngayo.

Ndinyanzelekile ke ukuba ndibe liNgqina likaYehova emva koko?

Tu ke! Siyayiqonda, ibe siyayihlonela into yokuba mntu ngamnye unelungelo lokukhetha ukuba ufuna ukukholelwa ntoni. Xa umntu eye wafunda iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile, utsho akwazi ukwenza isigqibo esifanelekileyo.

Ndingazifumana phi iinkcukacha ezingakumbi?

Ukuze ufumane iinkcukacha ezichanileyo ngeenkolelo zethu, nezinye izinto esizenzayo, ngena kwiWebhsayithi yamaNgqina kaYehova u-jw.org/xh.

Ndingasicela njani isifundo seBhayibhile?

  • Faka isicelo ku-www.pr418.com/xh.

  •  
  • Dibana namaNgqina kaYehova kwingingqi okuyo ngokukhangela igama elithi “Jehovah’s Witnesses” kwincwadi eneenombolo zefowuni.

^ isiqe. 4 Sidla ngokufunda nomntu omnye, okanye iqela elincinane labantu.

^ isiqe. 9 Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova. Kuye kwaprintwa izigidi ezingaphezu kwe-230 zale ncwadi, ngeelwimi ezingaphezu kwe-260.