Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | INDLELA YOKUMELANA NAMAXHALA

Ukuxhalatyiswa Ziingozi

Ukuxhalatyiswa Ziingozi

UAlona uthi, “Xa ndisiva ingxolo yealam, ndiqalisa ukuba novalo, ndize ndibalekele kwindawo ekhuselekileyo. Kodwa nalapho ndiyaxhalaba, ingakumbi xa ndiphandle ndingenandawo yokuzimela. Ngeny’ imini, xa ndandisehla ngendlela, ndaqalisa ukulila ndingakwazi nokuphefumla. Kwandithath’ ixesha ukuthob’ izibilini. Emva koko, ialam yakhala kwakhona.”

UAlona

Asiyomfazwe kuphela eyingozi. Ngokomzekelo, ukufumanisa ukuba wena okanye umntu omthandayo unesigulo esibulalayo kunokukuxhalabisa kakhulu. Kanti abanye baxhalatyiswa kukoyika ikamva. Bekhathazekile bayazibuza, ‘Ngaba abantwana bethu, okanye abantwana babo, baza kuhlala kwilizwe elineemfazwe, ubundlobongela, ungcoliseko, ukutshintsha-tshintsha kwemozulu nezifo ezigqugqisayo?’ Singamelana njani namaxhala anjalo?

Ukwazi ukuba ezi zinto zimbi ziyenzeka, kumenza ‘onobuqili ayibone intlekele aze azifihle.’ (IMizekeliso 27:12) Yaye njengoko siye sizame ukukhusela imizimba yethu, sisenokuzama nokukhusela iingqondo neemvakalelo zethu. Ukuzonwabisa ngobundlobongela nangeendaba ezizaliswe yimifanekiso ehlasimlis’ umzimba, kongeza amaxhala kuthi nakubantwana bethu. Ukuphepha ezi zinto akuthethi kuthi sikubetha ngoyaba oko kuyinyaniso. UThixo akazenzanga iingqondo zethu ukuba zizaliswe bubungendawo. Kunoko, zimele zizaliswe ‘zizinto eziyinyaniso, ezibubulungisa, ezinyulu nezithandekayo.’ Xa kunjalo, “uThixo woxolo” uya kuzenza zibe seluxolweni iingqondo neentliziyo zethu.—Filipi 4:8, 9.

UKUBALULEKA KOMTHANDAZO

Ukholo lokwenene lusinceda simelane namaxhala. IBhayibhile isibongoza ukuba ‘sikuphaphele ukuthandaza.’ (1 Petros 4:7) Sinokucela uThixo asincede, asiphe ubulumko nenkalipho ukuze sikwazi ukumelana neemeko esikuzo, siqinisekile ukuba “uyasiva kuko konke esikucelayo.”—1 Yohane 5:15.

Ekunye nomyeni wakhe uAvi

IBhayibhile ithi asingoThixo kodwa nguSathana “umlawuli weli hlabathi,” ibe ithi “ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (Yohane 12:31; 1 Yohane 5:19) UYesu wabonisa ukuba uSathana ungumntu wokwenene xa wathi: “Sihlangule kulowo ungendawo.” (Mateyu 6:13) UAlona uthi, “Nanini na ialam ikhala, ndiye ndimcele uYehova andincede ndilawule iimvakalelo zam. Ibe umyeni wam endimthandayo uye andibize sithandaze kunye. Umthandazo unceda ngokwenene.” Kanye njengoko iBhayibhile isitsho: “Usondele uYehova kubo bonke abo bambizayo, kubo bonke abo bambiza ngenyaniso.”—INdumiso 145:18.

ITHEMBA LETHU NGEKAMVA

KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze ngale ndlela: “Mabufike ubukumkani bakho.” (Mateyu 6:10) UBukumkani bukaThixo buya kukuncothula neengcambu ngonaphakade konke ukuxhalaba. Esebenzisa uYesu, “iNkosana yoXolo,” uThixo uza ‘kuphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba.’ (Isaya 9:6; INdumiso 46:9) “Uya kunikela umgwebo phakathi kwezizwana ezininzi . . . Uhlanga aluyi kuphakamisela uhlanga ikrele, zingayi kuphinda zifunde nemfazwe kwakhona. . . . Akuyi kubakho bani ubangcangcazelisayo.” (Mika 4:3, 4) Iintsapho ezonwabileyo ‘ziya kwakha izindlu zize zihlale kuzo, zityale izidiliya zize zidle isiqhamo sazo.’ (Isaya 65:21) Kwaye “akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’”—Isaya 33:24.

Namhlanje, nokuba singazama kangakanani na, asisoloko sikwazi ukuzikhusela ‘kwisihlo esingenakubonwa kwangaphambili’ okanye ukuphepha ingozi. (INtshumayeli 9:11) Njengokuba bekunjalo kangangamakhulukhulu eminyaka, iimfazwe, ubundlobongela nezifo zisaqhubeka zibulala abantu abalungileyo. Liliphi ithemba analo loo maxhoba amsulwa?

Izigidi ezingabalekiyo, ezinani lazo laziwa nguThixo kuphela, ziza kuvuka kwakhona. Okwangoku zilele, ibe zikwinkumbulo kaThixo efezekileyo kude kufike ilixa ekuya kuthi ngalo “bonke abo bakumangcwaba enkumbulo . . . baphume.” (Yohane 5:28, 29) Xa ithetha ngovuko, iBhayibhile isiqinisekisa isithi: “Eli themba sinalo elifana neankile yomphefumlo, liqinisekile.” (Hebhere 6:19) UThixo ‘uliqinisekise ngokuthi avuse uYesu kwabafileyo.’—IZenzo 17:31.

Okwangoku, kwanabo bazama ukukholisa uThixo baza kuhlala benazo izinto ezibaxhalabisayo. UPaul, uJanet noAlona bancedwa kukusondela kuThixo ngomthandazo, nokwakha ukholo kumathemba aseBhayibhileni ukuze baphumelele ekuthomalaliseni amaxhala. ‘Ngamana nawe uThixo onika ithemba angakuzalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ngokukholwa kwakho.’—Roma 15:13.