Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Buvela phi ubungendawo?

Ngubani owazama ukwenza uYesu enze into embi?—Mateyu 4:8-10

Ngokuqhelekileyo abantu bafuna ukuba noxolo, ukunyaniseka nokuba nobubele. Kutheni ke sisoloko sibona ubundlobongela, ukungabikho kobulungisa, nenkohlakalo? Iindaba ezihlasimlis’ umzimba yinto eqhelekileyo. Ngaba kukho umntu owenza abantu benze izinto ezimbi?—Funda eyoku-1 kuYohane 5:19.

Ngaba uThixo wabadala abantu baneengcinga ezimbi? Akunjalo, uYehova uThixo wabadala abantu ngokomfanekiso wakhe, ukuze bamxelise ekuboniseni uthando. (Genesis 1:27; Yobhi 34:10) Kodwa kwangaxeshanye wabanika inkululeko yokuzikhethela. Xa abazali bethu bokuqala bakhetha ukwenza okubi, bayeka ukuxelisa uThixo, baza banesono. Nathi sosulelwa sisono sabo.—Funda iDuteronomi 32:4, 5.

Ngaba siya kuhlala sibona ubungendawo?

UThixo ufuna sizilwe iingcinga ezimbi. (IMizekeliso 27:11) Ngoko usifundisa indlela yokuphepha ukwenza izinto ezingafanelekanga neyokufumana ulonwabo lokwenene. Okwangoku, asinakukwazi ukuxelisa uthando lukaThixo ngokupheleleyo.—Funda iNdumiso 32:8.

Nakuba ubungendawo buxhaphakile ngoku, uThixo ubuvumele ixesha elilinganiselweyo ukuze sibone iintlungu obuza nazo. (2 Petros 3:7-9) Kodwa, kungekudala umhlaba uza kuzaliswa ngabantu abonwabileyo nabathobela uThixo.—Funda iNdumiso 37:9-11.