Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGOOBANI AMANGQINA KAYEHOVA?

Uxhaswa Njani Umsebenzi Wethu?

Uxhaswa Njani Umsebenzi Wethu?

Nyaka ngamnye, siprinta size sisasaze amakhulu ezigidi zeeBhayibhile neencwadi ezicacisa iBhayibhile. Sakha iiofisi zamasebe zokuprinta ehlabathini jikelele. Amashumi amawaka amabandla ahlanganisana kwiindawo ezingenabuqheleqhele kodwa ezinomtsalane ezibizwa ngokuba ziiHolo zoBukumkani. Ngubani ohlawula zonke ezi ndleko?

Umsebenzi wethu wonke uxhaswa ngeminikelo yokuzithandela. (2 Korinte 9:7) Ngo-1879, IMboniselo yesibini ukuphuma yathi: “Sikholelwa kwelokuba i-‘Zion’s Watch Tower’ [njengokuba yayibizwa njalo le magazini ngelo xesha], ixhaswa nguYEHOVA, yaye ekubeni oku kunjalo ayisayi kungqiba okanye icele abantu bayixhase.” Asikahexi kuloo mazwi.

Iminikelo ithunyelwa kwenye yeeofisi zethu okanye ifakwe kwibhokisi yomnikelo ekwiHolo yoBukumkani. Asiziceli izishumi, inkongozelo okanye sibize imali ngomsebenzi esiwenzayo okanye ngeencwadi zethu. Asihlawulwa ngokwenza umsebenzi wokushumayela, okanye ngokwakha iindawo zonqulo. Ngapha koko uYesu wathi: “Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.” (Mateyu 10:8) Bonke abo basebenza kwiiofisi zethu zamasebe nakwikomkhulu lethu lehlabathi, kuquka nabo bakwiQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, abahlawulwa.

“Ekubeni yonke imisebenzi yamaNgqina kaYehova isenziwa ngokuzithandela, neminikelo yonqulo yenziwa ngokuzithandela, ngamnye wenza isigqibo semali aza kunikela ngayo nesihlandlo aza kunikela ngaso ‘iminikelo.’”—Inkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu, ngo-2011

Iminikelo ikwasetyenziselwa amaxesha entlekele. AmaKristu okuqala ayevuyiswa kukunceda amaxhoba entlekele. (Roma 15:26) Nathi sinceda amaxhoba ngokuwakhela amakhaya neendawo zokunqula, siwabonelele ngokutya, impahla namayeza.