Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | UTHIXO UYIJONGA NJANI IMFAZWE?

Imbono KaThixo Ngeemfazwe Ngexesha LikaYesu

Imbono KaThixo Ngeemfazwe Ngexesha LikaYesu

Abantu bakaThixo babecinezelwe. Sinokuqiniseka ukuba amaYuda exesha likaYesu awayecinezelwe ngamaRoma athandaza kaninzi kuThixo ecela awancede, njengokuba babesenza nookhokho bawo xa becinezelwe. Kwathi kusenjalo eva ngoYesu. Ngaba wayenguMesiya ekwakuprofetwe ngaye? Akothusi ukuba amaninzi athi, “besithembe ukuba lo mntu nguye owayemiselwe ukuhlangula uSirayeli” kwingcinezelo yamaRoma. (Luka 24:21) Kodwa awazange ahlangulwe. Kunoko ngonyaka ka-70, imikhosi yamaRoma yeza kutshabalalisa iYerusalem netempile yayo.

Kwenzeka ntoni? Kwakutheni ukuze uThixo angawalweli amaYuda, njengoko wayedla ngokwenza ngaphambili? Okanye kwakutheni ukuze angawayaleli ukuba alwe imfazwe ukuze akhululeke kwingcinezelo? Ngaba imbono kaThixo yayitshintshile ngeemfazwe? Nakanye. Abona bantu babetshintshe kakhulu yayingamaYuda. Amgatya uYesu uNyana kaThixo owayenguMesiya. (IZenzo 2:36) Ngenxa yoko, olu hlanga lwaphulukana nolwalamano oluxabisekileyo olwalunalo noThixo.—Mateyu 23:37, 38.

Uhlanga lwamaYuda neLizwe Lesithembiso lalingasakhuselwa nguThixo, yaye amaYuda awazange aphinde akwazi ukulwa iimfazwe ezixhaswa nguThixo. Njengoko uYesu waprofetayo, iintsikelelo ezivela kuThixo zathatyathwa kuSirayeli wemvelo zaza zanikwa uhlanga olutsha, eyathi iBhayibhile kamva ‘nguSirayeli kaThixo.’ (Galati 6:16; Mateyu 21:43) Ibandla lamaKristu athanjisiweyo linguSirayeli kaThixo. Ngexesha labapostile, laxelelwa oku: “Ngoku nisisizwana sikaThixo.”—1 Petros 2:9, 10.

Ekubeni amaKristu ‘ayengabantu bakaThixo,’ ngaba uThixo wawalwela ukuze awakhulule kwingcinezelo yamaRoma? Okanye ngaba wawayalela ukuba alwe nabo babewacinezele? Akunjalo, akazange atsho. Ngoba? Kumbandela wemfazwe, nguThixo kuphela owenza isigqibo ngexesha lokuba kuliwe imfazwe, njengokuba inqaku elandulela eli liye labonisa. UThixo akazange awalwele iimfazwe amaKristu elo xesha, engazange awagunyazise nokwenjenjalo. Kucace gca, ukuba elo yayingelo xesha lokulwa ubungendawo nengcinezelo.

Ngaloo ndlela, njengabakhonzi bakaThixo bamandulo, loo maKristu kwakuza kufuneka alinde de ibe lixesha likaThixo lokuphelisa ubungendawo nengcinezelo. Okwangoku, uThixo akawagunyazisanga ukuba alwe imfazwe neentshaba zawo. UYesu Kristu watsho ngokucacileyo kwiimfundiso zakhe. Ngokomzekelo, akazange ayalele abalandeli bakhe ukuba balwe iimfazwe, kunoko wathi ‘mabaqhubeke bezithanda iintshaba zabo baze bathandazele abo babatshutshisayo.’ (Mateyu 5:44) Eprofeta ngexesha iYerusalem eyayiza kuhlaselwa ngalo yimikhosi yamaRoma, uYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bangalwi, kunoko basabe, ibe benza kanye loo nto.—Luka 21:20, 21.

Ukongezelela, ephefumlelwe umpostile uPawulos wabhala: “Musani ukuziphindezelela, . . . kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna,’ utsho uYehova.” (Roma 12:19) UPawulos wayecaphula amazwi awayethethwe nguThixo kumakhulu eminyaka eyadlulayo kwiLevitikus 19:18 nakwiDuteronomi 32:35. Njengokuba siye sabona kwinqaku elandulela eli, enye indlela uThixo awabaphindezelela ngayo abantu bakhe bamandulo yayikukubancedisa emfazweni xa besilwa neentshaba zabo. Ngaloo ndlela, amazwi kaPawulos abonisa ukuba imbono kaThixo ngemfazwe ayitshintshanga. Xa wayelapha emhlabeni uYesu, uThixo wayeyijonga imfazwe njengendlela efanelekileyo yokuphindezelela abakhonzi bakhe nokuphelisa ingcinezelo nobungendawo. Noko ke, njengokuba kwakunjalo mandulo, nguThixo kuphela owayegqiba ngexesha lokulwa imfazwe elolo hlobo nokuba ngubani oza kulwa.

Kucacile ukuba uThixo akazange ayalele amaKristu amandulo ukuba alwe iimfazwe. Kodwa kuthekani namhlanje? Ngaba likho iqela labantu aligunyazisileyo uThixo ukuba lilwe imfazwe namhlanje? Okanye ngaba lixesha lokuba uThixo angenelele aze alwele abakhonzi bakhe? UThixo uzijonga njani iimfazwe namhlanje? Inqaku elilandelayo liphendula kanye loo mibuzo.