Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | XA ISIHLOBO SAKHO SISWELEKA

Abafi Baza Kuphila Kwakhona!

Abafi Baza Kuphila Kwakhona!

Mhlawumbi usamkhumbula uGail, ekuthethwe ngaye kumanqaku angaphambili, othandabuzayo ukuba angayoyisa intlungu yokufelwa ngumyeni wakhe, uRob. Sekunjalo, ukhangele phambili ekumboneni kwakhona kwihlabathi elitsha elithenjiswe nguThixo. Uthi: “Esona sibhalo ndisithandayo siSityhilelo 21:3, 4.” Sithi: “Abe nguThixo walo. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”

UGail uthi: “Esi sithembiso sicacile. Ndiyabavela abantu abafelweyo kodwa abangasaziyo esi sithembiso sokuba bangaphinda bababone abantu babo ababathandayo.” Uphila ngokweenkolelo zakhe ngokwenza umsebenzi wokushumayela ixesha elizeleyo, echazela abamelwane bakhe ngesithembiso sikaThixo sexesha elizayo apho ‘kungasayi kubakho kufa.’

UYobhi wayeqinisekile ukuba uya kuphila kwakhona

Mhlawumbi uthi ‘Andiyikholelwa loo nto!’ Kodwa khawubone umzekelo wendoda egama linguYobhi. Yayigula kakhulu. (Yobhi 2:7) Nangona yayinqwenela ukufa, yayinokholo lokuba uThixo unawo amandla okuyenza iphile kwakhona emhlabeni. Iqinisekile yathi: “Owu akwaba ubungandifihla eShiyol . . . Uya kubiza, ndisabele. Uya kuwulangazelela umsebenzi wezandla zakho.” (Yobhi 14:13, 15) Yayiqinisekile ukuba uThixo wayo wayeya kuyikhumbula aze alangazelele ukuyenza iphile kwakhona.

Kungekudala, uThixo uza kwenza kanye oko—kungekhona kuYobhi kuphela kodwa nakwinkitha yabantu—xa lo mhlaba uguquke wayiparadesi. (Luka 23:42, 43) KwiZenzo 24:15 iBhayibhile ithi: “Kuza kubakho uvuko.” UYesu usiqinisekisa athi: “Musani ukumangaliswa koku, kuba liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe baze baphume.” (Yohane 5:28, 29) UYobhi uza kusibona eso sithembiso sizaliseka. Uza kuba nethemba lokuhlala ‘enamandla obutsha’ nenyama yakhe ihlale “ihlaziyeke ngakumbi kunasebutsheni.” (Yobhi 33:24, 25) Kuza kwenzeka okufanayo kubo bonke abantu abalixabisayo ilungiselelo likaThixo lenceba lokuvusa abafi baphinde baphile emhlabeni.

Ukuba uswelekelwe ngumntu omthandayo, le nkcazelo sithethe ngayo apha isenokungayiphelisi intlungu yakho. Kodwa ukucinga ngezithembiso zikaThixo eziseBhayibhileni kunokukunika ithemba kwaye ufumane amandla okuqhubeka nobomi.—1 Tesalonika 4:13.

Ngaba ungathanda ukwazi okungakumbi ngendlela onokumelana ngayo nentlungu? Okanye ngaba unemibuzo efana nothi “Kutheni uThixo evumele ubungendawo nezinto ezibuhlungu?” Nceda uye kwiwebhsayithi yethu ethi, jw.org/xh, ukuze ubone indlela iBhayibhile enikela ngayo iimpendulo ezithuthuzelayo nezisebenzayo.