Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Yayingubani uyise kaYosefu?

UYosefu, umchweli waseNazarete, yindoda eyakhulisa uYesu njengonyana wayo. Kodwa yayingubani uyise kaYosefu? Umlibo wokuzalwa kaYesu kwincwadi yeVangeli kaMateyu uthetha ngoYakobi othile, ngoxa okaLuka wona usithi uYosefu ‘ngunyana kaHeli.’ Kutheni ingathi ziyaphikisana nje?—Luka 3:23; Mateyu 1:16.

Ingxelo kaMateyu ithi: “UYakobi wazala uYosefu,” isebenzisa igama lesiGrike elibonisa ngokucacileyo ukuba nguYakobi uyise kaYosefu. Ngoko uMateyu wayelanda umnombo kaYosefu, umnombo wookumkani ababephuma kuDavide, owawubonisa ukuba ngokusemthethweni ilungelo lokuhlala etroneni lalimele lidluliselwe kuYesu owayekhuliswe nguYosefu njengonyana wakhe.

Kwelinye icala, ingxelo kaLuka yona ithi: ‘UYosefu, unyana kaHeli.’ Ibinzana elithi, “unyana ka-,” linokuqondwa njengelithetha “umkhwenyana ka-.” Le nto iyafana noko kubhalwe kuLuka 3:27, apho uShelatiyeli, oyise wakhe inguYekoniya, echazwa ‘njengonyana kaNeri.’ (1 Kronike 3:17; Mateyu 1:12) Kusenokwenzeka ukuba uShelatiyeli wayetshate nentombi kaNeri, waza waba ngumkhwenyana wakhe. NoYosefu ke ‘wayengunyana’ kaHeli, kuba wayetshate intombi kaHeli enguMariya. Ngoko uLuka ulanda umnombo kaYesu “ngokwasenyameni,” esebenzisa unina, uMariya. (Roma 1:3) Ngenxa yoko iBhayibhile isinika iminombo emibini kaYesu esincedayo.

Ngawaphi amalaphu needayi ezazikho ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile?

Uboya obudayiweyo obafunyanwa kumqolomba okufuphi noLwandle Olufileyo, obususela ngaphambi ko-135 C.E.

Mandulo eMbindi-Mpuma kwakusetyenziswa kakhulu uboya begusha, obebhokhwe nobenkamela ukuze kwenziwe amalaphu. Awona malaphu ayexhaphakile yayingawoboya begusha, kwaye iBhayibhile idla ngokuthetha ngeegusha, ukucheba iigusha, nempahla yoboya begusha. (1 Samuweli 25:2; 2 Kumkani 3:4; Yobhi 31:20) Iflakisi, ekwakuveliswa ngayo ilinen, yayilinywa eYiputa nakwaSirayeli. (Genesis 41:42; Yoshuwa 2:6) AmaSirayeli amaxesha okubhalwa kweBhayibhile kusenokwenzeka ukuba ayengawulimi umqhaphu, kodwa iZibhalo zibonisa ukuba wawusetyenziswa ePersi. (Estere 1:6) Isilika yayibiza kakhulu yaye ililaphu lodidi, ekusenokwenzeka ukuba yayithengwa kuphela ngabarhwebi ababehamba baye kufika kwiMpuma Ekude.—ISityhilelo 18:11, 12.

Incwadi ethi Jesus and His World ithi: “Uboya babuyimibala eyahlukeneyo yemvelo, ukusuka kobumhlophe qhwa ukuya kobumdaka ngebala.” Ukongezelela, obu boya babudla ngokudaywa. Idayi emfusa ebiza kakhulu yayidla ngokufunyanwa koonokrwece abathile ibe kwakusetyenziswa iintlobo ngeentlobo zezityalo, iingcambu, amagqabi, nezinambuzane ukuze kuveliswe idayi ebomvu, emthubi, ebhlowu nemnyama.