Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO

Kutheni UYesu Waphathwa Kakubi Waza Wabulawa?

Kutheni UYesu Waphathwa Kakubi Waza Wabulawa?

“Isono sangena ngamntu mnye [uAdam] ehlabathini nokufa ngaso isono.”—Roma 5:12

Ubunokuthini ukuba ubunokubuzwa lo mbuzo, “Uyafuna na ukuphila ngonaphakade?” Abantu abaninzi bebeya kuthi bayafuna kodwa bavakalelwe kukuba yinto engenakwenzeka leyo. Bathi ukufa yinto eqhelekileyo ebomini, into yemvelo ebonisa ukuba siyaphila.

Kodwa ke, masithi lo mbuzo ubuye wajikwa waza wabuzwa ukuba, “Ukulungele na ukufa?” Ngokuqhelekileyo, abantu abaninzi bebeya kuphendula ngokuthi hayi. Yintoni ingongoma esifuna ukuyiveza? Ngokwemvelo sinqwenela ukuphila, kungakhathaliseki ukuba sinaziphi iingxaki okanye sithwele buphi ubunzima. IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo wadala abantu banqwenela ukuphila. Ide ithi “kwanexesha elingenammiselo ulibeke ezintliziyweni zabo.”—INtshumayeli 3:11.

Inyaniso kukuba abantu abaphili ngonaphakade. Konakele phi ke? Okungakumbi, ngaba uThixo akenzanga nto ukuze alungise le meko? Iimpendulo eziseBhayibhileni ziyakhuthaza, yaye zinento yokwenza nesizathu sokuba uYesu angcungcutheke aze afe.

KONAKELE PHI?

Izahluko ezithathu zokuqala zencwadi yeGenesis zisixelela ukuba uThixo wathembisa abantu bokuqala, uAdam noEva, ubomi obungenasiphelo waza wabaxelela oko babefanele bakwenze ukuze babufumane. Emva koko le ngxelo ibalisa ngendlela abaye abamthobela ngayo uThixo baza baphulukana nelo themba. Eli bali libaliswe ngendlela elula—elula kangangokuba abanye abantu bathi yintsomi. Kodwa iGenesis, njengeeNcwadi zeVangeli, iyacaca ukuba iyincwadi ethetha izinto eziyinyaniso nezenzekayo. *

Waba yintoni umphumo wokungathobeli kuka-Adam? IBhayibhile iphendula ithi: “Isono sangena ngamntu mnye [uAdam] ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” (Roma 5:12) Ngokungamthobeli uThixo, uAdam wona. Ngenxa yoko waphulukana nethemba lokuphila ubomi obungenasiphelo waza ekugqibeleni wafa. Ekubeni siyinzala yakhe, siye sazuza isono njengelifa. Ngenxa yoko siyagula, saluphale size sife. Le ngcaciso yokuba kutheni sisifa iyavumelana nento esiyaziyo namhlanje ngemfuza. Ngaba uThixo akenzanga nto ukuze alungise le meko?

OKO UTHIXO AKWENZILEYO

Ewe, uThixo walungiselela ukuba kuhlawulelwe, okanye kuthengwe, oko inzala kaAdam yayilahlekelwe kuko, ubomi obungenasiphelo. Wayenza njani uThixo loo nto?

IBhayibhile kumaRoma 6:23 ithi: “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa.” Oku kuthetha ukuba ukufa kubangelwe sisono. UAdam wona, ngenxa yoko wafa. Ngendlela efanayo, nathi siyona size sifumane umvuzo wesono, ukufa. Kodwa nangona singenatyala, siye sazalelwa esonweni. Ngenxa yokuba esithanda uThixo wathumela uNyana wakhe, uYesu, ukuze afumane ‘umvuzo wesono’ ngenxa yethu. Yenzeka njani le nto?

Ukufa kukaYesu kuvula indlela eya kubomi obonwabisayo nobungenasiphelo

Ekubeni umntu omnye, indoda eyayifezekile uAdam, wasizisela isono nokufa ngenxa yokungathobeli, kwakudingeka umntu ofezekileyo othobela kude kuse ekufeni ukuze sothulwe loo mthwalo. IBhayibhile iyicacisa ngale ndlela le nto: “Kanye njengokuba ngokungathobeli komntu omnye abaninzi benziwa aboni, ngokunjalo kwanangentobelo yomntu omnye abaninzi baya kwenziwa amalungisa.” (Roma 5:19) Loo “mntu mnye” yayinguYesu. Washiya izulu, waba ngumntu ofezekileyo, * waza wasifela. Ngenxa yoko, siyakwazi ukuba ngamalungisa emehlweni kaThixo size sibe nethemba lobomi obungenasiphelo.

ISIZATHU SOKUBA UYESU ANGCUNGCUTHEKE AZE AFE

Kodwa ke kwakutheni ukuze kufuneke ukuba uYesu afe ukuze kwenzeke oku? Ngaba uThixo uSomandla wayengenakusuke nje akhuphe umyalelo wokuba inzala ka-Adam mayivunyelwe ukuba iphile ngonaphakade? Ngokuqinisekileyo unalo igunya lokwenza oko. Kodwa loo nto ibinokuthetha into yokuba uwusingela phantsi umthetho awubekileyo othi umvuzo wesono kukufa. Lo ayingomthethwana nje onokubekelwa bucala okanye utshintshwe xa umntu ethanda. Ubalulekile ukuze kugwetywe ngobulungisa.—INdumiso 37:28.

Ukuba uThixo wayeye wabenzelela ngesi sihlandlo, abantu babesenokuzibuza enoba wayengayi kwenjenjalo na nakwezinye izinto. Ngokomzekelo, ngaba wayeza kugweba ngobulungisa xa egqiba ukuba ngoobani kwinzala ka-Adam ababekufanelekela ukuphila ngonaphakade? Ngaba wayenokuthenjwa ngokugcina izithembiso zakhe? Ukungagungqi kukaThixo xa egweba ngobulungisa kusenza siqiniseke ukuba uya kuhlala esenza okufanelekileyo.

UThixo wasebenzisa idini likaYesu ukuze asivulele indlela eya kubomi obungenasiphelo kwiParadesi esemhlabeni. Jonga amazwi kaYesu abhalwe kuYohane 3:16 athi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” Ukufa kukaYesu akubonisi ukugweba ngobulungisa kukaThixo kuphela, kodwa, okubaluleke nangakumbi, kubonisa indlela abathanda kakhulu ngayo abantu.

Noko ke, kwakutheni ukuze uYesu angcungcutheke aze afe kabuhlungu kangaka njengoko kuchazwe kwiiNcwadi zeVangeli? Xa uYesu wavumayo ukuvavanywa qatha ngolu hlobo waza wahlala ethembekile, wayiphikisa ngokuphandle into eyayithethwe nguMtyholi yokuba abantu baya kumlahla uThixo xa belingwa. (Yobhi 2:4, 5) Eso sityholo sisenokuba sabonakala sichanile emva kokuba uSathana ephembelele uAdam ofezekileyo ukuba one. Kodwa uYesu—owayelingana noAdam ngokufezeka—wahlala ethobela naxa wayengcungcuthekiswa. (1 Korinte 15:45) Wabonisa ukuba noAdam ngewayemthobele uThixo ukuba wayekhethe ukwenjenjalo. Ngokunyamezela xa wayelingwa, uYesu wasibonisa indlela esinokuyenza ngayo le nto. (1 Petros 2:21) UThixo wamvuza unyana wakhe ngokuthobela ngendlela egqibeleleyo, wamnika ubomi bokungafi ezulwini.

INDLELA ONOKUNGENELWA NGAYO

UYesu wafa nyhani. Indlela eya kubomi obungenasiphelo ivuliwe. Uyafuna na ukuphila ngonaphakade? UYesu wasixelela oko simele sikwenze xa wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.

Abantu abapapashe le Mboniselo bayakumema ukuba ufunde okungakumbi ngoYehova, uThixo wenene, nangoNyana wakhe, uYesu Kristu. AmaNgqina kaYehova ekuhlaleni angakuvuyela ukukunceda. Unokufumana nenye inkcazelo engakumbi ngokungena kwiwebhsayithi yethu u-www.pr418.com/xh.

^ isiqe. 8 Bona umxholo othi “The Historical Character of Genesis,” kwi-Insight on the Scriptures, Volume 1, iphepha 922, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

^ isiqe. 13 Ukuthatha kukaThixo ubomi boNyana wakhe ezulwini abufake kwisibeleko sikaMariya kwabangela ukuba akhawule, yaye umoya oyingcwele kaThixo wakhusela uYesu ekuzuzeni ukungafezeki kuMariya.—Luka 1:31, 35.