Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ithini IBhayibhile?

Ithini IBhayibhile?

Ngubani okanye yintoni uMtyholi?

NGABA UNGATHI uMtyholi . . .

  • Sisidalwa esingumoya?

  • Bububi obungaphakathi emntwini?

  • Akakho, ntonje ngabantu abacinga ukuba ukho?

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

UMtyholi wathetha noYesu waza ‘wamhenda.’ (Mateyu 4:1-4) Ngoko uMtyholi akangomntu wasentsomini, okanye ububi. Sisidalwa somoya esinobubi.

ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI

  • UMtyholi wayeyingelosi engcwele, kodwa akazange ‘eme enyanisweni.’ (Yohane 8:44) Waba lixoki elavukela uThixo.

  • Nezinye iingelosi zayingena le mvukelo kaSathana.—ISityhilelo 12:9.

  • UMtyholi umfamekisa abantu abaninzi ukuze bacinge ukuba akakho.—2 Korinte 4:4.

Ngaba uMtyholi unokubalawula abantu?

ABANYE ABANTU BATHI yintsom’ emini into yokuba uMtyholi ulawula abantu, ngoxa abanye besoyika ukungenwa yimimoya emdaka. Ucinga ntoni wena?

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

“Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (1 Yohane 5:19) UMtyholi unempembelelo enkulu ebantwini, kodwa akalawuli bonke abantu.

ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI

  • UMtyholi usebenzisa amaqhinga ukuze abe nempembelelo engakumbi.—2 Korinte 11:14.

  • Imimoya emdaka inokubalawula abantu kwezinye iimeko.—Mateyu 12:22.

  • UThixo unokukunceda ukwazi ‘ukumchasa uMtyholi.’—Yakobi 4:7.