Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Yayiyintoni engaqhelekanga ngendlela uYesu awayebaphatha ngayo abaneqhenqa?

AmaYuda amandulo ayeloyika iqhenqa elalixhaphakile ngamaxesha eBhayibhile. Esi sifo soyikekayo sasinokuhlasela imithambo-luvo size senze umonakalo ongenakulungiseka nkqu nakwimbonakalo. Kwakungekho chiza lokunyanga iqhenqa. Kunoko, abo babenalo babehlaliswa bodwa yaye babemele babalumkise abanye ngesigulo sabo.—Levitikus 13:45, 46.

Iinkokeli zonqulo zamaYuda zabeka imithetho ebaxiweyo eyayigqitha oko kwakuseZibhalweni, eyayisenza ubomi babantu abaneqhenqa bube nzima ngokungeyomfuneko. Ngokomzekelo, imithetho yoorabhi yayisithi umntu akafanele asondele kumgama ongaphantsi kweemitha ezimbini emntwini oneqhenqa. Kodwa xa kubhudla umoya, wayengamele asondele kumgama ongaphantsi kweemitha eziyi-45. Abanye oorabhi bomthetho wonqulo lwamaYuda baguqulela umthetho weZibhalo othi, abaneqhenqa bafanele baphile “ngaphandle kwenkampu” njengothi bafanele bangaphili kwizixeko ezibiyelweyo. Ngenxa yoko, xa omnye urabhi ebona umntu oneqhenqa esixekweni, wayedla ngokumgibisela ngamatye athi: “Yiya endaweni yakho, ungangcolisi abanye abantu.”

UYesu wayehluke kwaphela yena! Endaweni yokubagxotha abo baneqhenqa, wayebachukumisa de abaphilise.—Mateyu 8:3.

Ziziphi izizathu zokuqhawula umtshato ezazisamkelwa ziinkokeli zonqulo zamaYuda?

Isatifiketi soqhawulo-mtshato sango-71/72 C.E.

Iinkokeli zonqulo ngenkulungwane yokuqala zazithanda ukuphikisana ngoqhawulo-mtshato. Ngoko, ngesinye isihlandlo, abanye abaFarisi bavavanya uYesu ngalo mbuzo: “Kusemthethweni na ukuba indoda iqhawule umtshato nomfazi wayo nangasiphi na isizathu?”—Mateyu 19:3.

UMthetho kaMoses wawuyivumela indoda ukuba iqhawule umtshato nomfazi wayo ukuba “ifumene okuthile okungandilisekanga kuye.” (Duteronomi 24:1) Ngexesha likaYesu, kwakukho izikolo zoorabhi ezibini ezazingakuboni ngasonye okwakuthethwa ngulo mthetho. IShammai, isikolo esasingqongqo, yathi lo mthetho wawusithi ekuphela kwesizathu esamkelekilyo sokuqhawula umtshato “kukungabi nyulu” okuthetha ukukrexeza. Kwelinye icala, sona iSikolo seHillel, sasisithi indoda ingawuqhawula umtshato ngokusemthethweni nangasiphi na isizathu sokungavisisani emtshatweni, nokuba sesisincinci kangakanani na. Ngokutsho kwesi sikolo, indoda yayinokuqhawula umtshato nomfazi wayo ngenxa yokutshisa ukutya kwayo okanye kuba ibone ibhinqa ecinga ukuba lihle kunomkayo.

Ngoko uYesu wabaphendula njani abaFarisi? Wavele wathi: “Nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe, ngaphandle kwangesizathu sohenyuzo, aze atshate nomnye uyakrexeza.”—Mateyu 19:6, 9.