Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Eyona Ndlela Ifanelekileyo Yokuthelekisa Onokuze Uyenze

Eyona Ndlela Ifanelekileyo Yokuthelekisa Onokuze Uyenze

NGABA uthi ungumKristu? Ukuba utsho, ungomnye wabantu abangaphezu kweebhiliyoni ezimbini emhlabeni—umntu omnye kwabathathu—abathi bangabalandeli bakaKristu. Namhlanje, kukho iimvaba ezininzi zabantu abazibiza ngokuba ngamaKristu, kodwa zifundisa izinto ezahlukeneyo yaye aziboni ngasonye. Ngoko iinkolelo zakho zinokwahluka kakhulu kwezabanye abazibiza ngokuba ngamaKristu. Ngaba ibalulekile into oyikholelwayo? Ewe—ukuba ufuna ukuphila ngendlela yobuKristu efundiswa yiBhayibhile.

Abalandeli bokuqala bakaYesu Kristu babesaziwa ngokuba “ngamaKristu.” (IZenzo 11:26) Kwakungekho mfuneko yokuba baziwe ngamanye amagama, ekubeni yayinye inkolo yamaKristu. AmaKristu alandela ngokumanyeneyo iimfundiso nemiyalelo yoMseki wobuKristu, uYesu Kristu. Kuthekani ngale yakho icawa? Ngaba uyakholelwa ukuba ifundisa oko kwakufundiswa nguKristu noko babekukholelwa abalandeli bakhe bokuqala? Ungaqiniseka njani? Inye kuphela indlela yokuqiniseka—kukusebenzisa iBhayibhile.

Cinga ngoku: UYesu Kristu wayezihlonela kakhulu iZibhalo, ezijonga njengeLizwi likaThixo. Wayebachasile abo babezidelela iimfundiso zeBhayibhile ngokuthi babeke kuqala izithethe zabantu. (Marko 7:9-13) Sinokuqiniseka ke ngoko ukuba abalandeli bokwenene bakaYesu bazisekela eBhayibhileni iimfundiso zabo. Yiyo loo nto mKristu ngamnye kufuneka azibuze oku, ‘Ngaba iimfundiso zecawa yam aziphikisani neBhayibhile?’ Ukuze ukwazi ukuphendula lo mbuzo, kutheni ungathelekisi oko kufundiswa ecaweni yakho kunye noko kufundiswa yiBhayibhile?

UYesu wathi simele simkhonze ngenyaniso uThixo—inyaniso efumaneka eBhayibhileni. (Yohane 4:24; 17:17) Kwanompostile uPawulos wathi ukuze sisinde kufuneka sifumane ‘ulwazi oluchanileyo lwenyaniso.’ (1 Timoti 2:4) Ngoko kubalulekile ukuba zisekelwe ngokuchanileyo eBhayibhileni iinkolelo zethu. Kaloku, loo nto ibalulekile ukuze sisinde!

INDLELA YOKUTHELEKISA IINKOLELO ZETHU NEBHAYIBHILE

Sicela ufunde le mibuzo mithandathu ilandelayo, uze uqaphele ukuba iBhayibhile iyiphendula njani. Jonga eBhayibhileni yakho iZibhalo ezicatshuliweyo, uze ucingisise ngeempendulo. Emva koko zibuze, ‘Ngaba iimfundiso zecawa yam ziyavumelana noko kufundiswa yiBhayibhile?’

Le mibuzo imbalwa ingakunceda uthelekise kakuhle. Ngaba uyafuna ukuthelekisa iimfundiso zecawa yakho noko kuthethwa yiBhayibhile? AmaNgqina kaYehova angakuvuyela ukukunceda uhlolisise inyaniso ecacileyo yeBhayibhile. Kutheni ungaceli isifundo seBhayibhile sasimahla kwiNgqina likaYehova? Okanye ungaya kwiwebhsayithi yethu u-jw.org/xh.