Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | UNOKUYIFUMANA PHI INTUTHUZELO?

Sonke Siyafuna Ukuthuthuzelwa

Sonke Siyafuna Ukuthuthuzelwa

Usazikhumbula usiwa ngoxa wawusemncinci? Mhlawumbi wasikeka esandleni okanye wagruzuka idolo. Usayikhumbula indlela awakuthuthuzela ngayo umama wakho? Mhlawumbi wacoca elo nxeba waza walibopha. Wawulila, kodwa wakugona, ethetha amazwi amnandi, waza wathula. Ngelo xesha, wayehlala ekho umntu okuthuthuzelayo xa kukho into ekukhathazayo.

Njegoko sikhula, ubomi buya busiba nzima. Kufika ingxaki emva kwenye, kwaye banqabile nabantu bokusithuthuzela. Kubuhlungu ukuthi, iingxaki zabantu abadala azinakuconjululwa lula njengokubotshwa inxeba nokugonwa ngumama. Nantsi imizekelo embalwa.

  • Wakha wayifumana intlungu yokuphelelwa ngumsebenzi? UJulian uthi ukugxothwa kwakhe emsebenzini kwamothusa kakhulu kangangokuba wazibuza, ‘Ndiza kuyinyamekela njani intsapho yam? Emva kweminyaka ndisebenzela le nkampani, kutheni ingasandifuni nje ngoku?’

  • Mhlawumbi usentlungwini yokuphelelwa ngu- mtshato. URaquel uthi: “Ndaba buhlungu nyhani xa ndashiywa ngumyeni ndingacinganga kwiinyanga eziyi-18 ezidlulileyo. Intliziyo yayilihlwili.”

  • Kuthekani ukuba ugula kakhulu kwaye awude uchache. Ngamany’ amaxesha usenokufana nosolusapho uYobhi owathi: “Ndibugatyile [ubomi bam]; andiyi kuphila ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Yobhi 7:16) Mhlawumbi uziva njengoLuis, indoda ekhulileyo ekwiminyaka yoo-80 eyathi, “Ngamany’ amaxesha iba ngathi sendilinde ukufa.”

  • Masithi ufuna ukuthuthuzelwa ngenxa yokuba uswelekelwe ngumntu omthandayo. URobert uthi: “Xa unyana wam wasweleka kwingozi yenqwelo-moya ndandisithi kuyaxokwa. Emva koko, zabuya iingqondo. Intlungu endandikuyo yayingathetheki.”—Luka 2:35.

URobert, uLuis, uRaquel, noJulian bathuthuzelwa kwezo ntlungu zingathethekiyo. Bathuthuzelwa ngoyena mntu ukwaziyo ukuthuthuzela, uThixo uSomandla. Uthuthuzela njani? Ngaba nawe uya kukuthuthuzela xa usentlungwini?