Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | UNOKUYIFUMANA PHI INTUTHUZELO?

Indlela Asithuthuzela Ngayo UThixo

Indlela Asithuthuzela Ngayo UThixo

Umpostile uPawulos uthi uYehova * ‘nguThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu.’ (2 Korinte 1:3, 4) Ngoko iBhayibhile isenza siqiniseke ukuba uThixo unokunceda wonke umntu yaye akukho ntlungu angenakusithuthuzela kuyo.

Ukuba sifuna ukuthuthuzelwa nguThixo imele ibekho into esiyenzayo. Unokusinceda njani ugqirha singakhange siye kuye? Umprofeti uAmos unalo mbuzo: “Baya kuhamba ndawonye na ababini ngaphandle kokuba benze idinga lokuhlangana?” (Amos 3:3) IZibhalo zithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”—Yakobi 4:8.

Yintoni enokusenza siqiniseke ukuba uThixo uya kusondela kuthi? Okokuqala, usoloko esixelela ukuba ufuna ukusinceda. (Funda  ibhokisi ekweli nqaku.) Okwesibini, sinabantu esibaziyo abathuthuzelwe nguThixo, kweli xesha lethu nakwelidlulileyo.

Njengabantu abaninzi abafuna ukuncedwa nguThixo namhlanje, uKumkani uDavide wayeqhelene neentlungu. Ngenye imini wacela uYehova esithi: “Live ilizwi lokubongoza kwam xa ndikhalela uncedo kuwe.” Wenza ntoni uThixo? UDavide wathi: “Ndincediwe, ukuze intliziyo yam igcobe.”—INdumiso 28:2, 7.

UTHIXO UMSEBENZISA NJANI UYESU EKUSITHUTHUZELENI?

UThixo wayefuna noYesu athuthuzele abantu. Ezinye izinto awathi makazenze ‘yayikukubopha abantliziyo zaphukileyo nokuthuthuzela bonke abazilileyo.’ (Isaya 61:1, 2) Njengoko kwakuprofetiwe, uYesu wayebakhathalele ngokwenene abantu ‘ababulalekayo nabasindwa ngumthwalo.’—Mateyu 11:28-30.

UYesu wayethuthuzela abantu ngamacebiso akhe obulumko, ngendlela awayebaphatha ngayo, yaye ngamany’ amaxesha ngokubaphilisa xa begula. Ngenye imini umntu owayeneqhenqa wacela uYesu esithi: “Ukuba nje uyathanda, unako ukundenza ndihlambuluke.” Emsizela uYesu wathi: “Ndiyathanda. Hlambuluka.” (Marko 1:40, 41) Nyhani loo mntu waphila.

Ngoku akakho uNyana kaThixo emhlabeni ukuze asithuthuzele ngaloo ndlela. Kodwa uYise, uYehova, ‘uThixo wentuthuzelo yonke,’ usasithuthuzela. (2 Korinte 1:3) Khawufunde ngezona ndlela asithuthuzela ngazo.

  • IBhayibhile. “Zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.”—Roma 15:4.

  • Umoya Oyingcwele KaThixo. Kungekudala emva kokuba uYesu efile, ibandla lamaKristu laba seluxolweni. Kwakutheni? “Lalihamba ekoyikeni uYehova nakwintuthuzelo yomoya oyingcwele.” (IZenzo 9:31) Umoya oyingcwele osetyenziswa nguThixo unamandla. UThixo usebenzisa wona ukuze athuthuzele bonke abantu nakweyiphi na ingxaki abanayo.

  • Umthandazo. IBhayibhile ithi: “Musani ukuxhalela nantoni na.” Endaweni yoko, “ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo.”—Filipi 4:6, 7.

  • Namanye AmaKristu anokusithuthuzela ngamaxesha anzima. Umpostile uPawulos uthi ‘womelezwa’ ngamaKristu awayekhonza nawo xa ‘wayeswele futhi ebandezelekile.’—Kolose 4:11; 1 Tesalonika 3:7.

Kodwa kusenokwenzeka ukuba uyazibuza, ngaba kwenzeka nyhani oku? Makhe sive indlela uThixo aye wabathuthuzela ngayo abantu ekuthethwe ngabo kwinqaku lokuqala. Njengabo, uya kufumanisa ukuba uThixo usasigcinile isithembiso sakhe esithi: “Njengonyana ohlala ethuthuzelwa ngunina, ngokunjalo nam ndiya kuhlala ndinithuthuzela.”—Isaya 66:13.

^ isiqe. 3 IBhayibhile ithi igama likaThixo nguYehova.