Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | UNOKUYIFUMANA PHI INTUTHUZELO?

Ukuthuthuzelwa Ngamaxesha Anzima

Ukuthuthuzelwa Ngamaxesha Anzima

Iingxaki azifani. Asikwazi ukuthetha ngazo zonke iingxaki kweli nqaku, kodwa makhe sithethe ngemizekelo emine ekuthethwe ngayo kwinqaku elisekuqaleni. Khawuve indlela abantu abebeneengxaki ezahlukeneyo abaye bathuthuzelwa ngayo nguThixo.

XA UPHELELWE NGUMSEBENZI

“Ndaqonda ukuba ndimele ndithathe nokuba ngumsebenzi onjani, saza sayeka ukuthsafaza ngemali.”—UJonathan

USeth * uthi: “Mna nomkam saphelelwa ngumsebenzi ngexesha elinye. Iminyaka emibini sasincedwa zizalamane zethu nakukwenza amatorho okanye izingxungxo. Ngenxa yoko umkam, uPriscilla, wakhathazeka kangangokuba kwakungasekho nto imnandi kuye yaye kwakungathi akukho yam.

“Yintoni eyasinceda sanyamezela? UPriscilla wayesoloko ezikhumbuza ngamazwi kaYesu akuMateyu 6:34. Wathi masingabi naxhala ngoko kuza kwenzeka ngomso kuba usuku ngalunye lunamaxhala alo. Okunye okwamncedayo kukuthandaza ephalaza imbilini yakhe. Mna ndathuthuzelwa yiNdumiso 55:22. Njengomdumisi ndalahlela umthwalo wam kuYehova yaye wandixhasa. Ndiyaphangela ngoku, kodwa asijonganga bunewunewu, sinezinto nje ezisigcina siphila. Silandela icebiso likaYesu elikuMateyu 6:20-22. Ngaphezu kwako konke sisondelelene noThixo, nathi sisondelelene.”

UJonathan uthi: “Xa ishishini lethu latshonayo, ndandinexhala ndizibuza ukuba siza kuphila njani? Ngenxa yokuwohloka kwezoqoqosho, umsebenzi wethu weminyaka engama-20 waba lilize. Mna nomkam saqalis’ ukulwa ngemali. Sasisoyika nokusebenzisa ikhadi lebhanki kuba sicinga ukuba alinamali.

“Sancedwa liLizwi likaThixo nomoya wakhe ukuze sazi ukuba siza kwenza njani. Ndaqonda ukuba ndimele ndithathe nokuba ngumsebenzi onjani, saza sayeka ukuthsafaza ngemali. Sasixhaswa nangamanye amaNgqina kaYehova. Asenza saphinda saziva singabantu yaye ayesoloko esinceda xa kunzima.”

XA UMTSHATO UPHELA

URaquel uthi: “Xa ndashiywa ngumyeni wam ndingacinganga, intliziyo yaba lihlwili yaye ndandinomsindo. Ndandisoloko ndilusizana. Kodwa ndasondela kuThixo, ibe wandithuthuzela. Ndathandaza kuye yonke imihla waza wandenza ndaziva ndiseluxolweni. Waba ngathi ubophe loo ntliziyo yam yaphukileyo.

“ILizwi lakhe iBhayibhile landinceda ndayeka ukuba nomsindo nokuba nenzondo. Ndandisoloko ndicinga ngamazwi kampostile uPawulos akumaRoma 12:21 athi: ‘Musa ukuzivumela woyiswe bububi, kodwa hlala uboyisa ububi ngokulungileyo.’

“Kuye kufuneke siyamkele imeko esikuyo. . . . Ngoku ndinezinye izinto endijonge ukuzenza ebomini.”—URaquel

“Omnye umhlobo wam wandinceda ndabona ukuba akuzukundinceda ukuhlala ndicinga ngale nto. Wandifundisa iNtshumayeli 3:6 waza wathi kuye kufuneke siyamkele imeko esikuyo. Kwakungekho lula ukwenza loo nto, kodwa kwakuza kufuneka ndiyenze. Ngoku ndinezinye izinto endijonge ukuzenza ebomini.”

UElizabeth uthi: “Xa umtshato uphela, uyabafuna abantu. Omnye umhlobo wam wayesoloko ekunye nam. Wayekhala nam, endithuthuzela futhi wandenza ndazibona ndithandwa kunokuziva ndilahliwe. Ndiqinisekile ukuba wayesetyenziswa nguYehova.”

XA UGULA OKANYE USALUPHALA

“Emva kokuba ndithethe noThixo, ndiba namandla.”—ULuis

ULuis, ekuthethwe ngaye kwinqaku lokuqala ukhathazwa yintliziyo yaye uphantse wasweleka izihlandlo ezibini. Uphefumla ngemibhobho iiyure eziyi-16 ngosuku. Uthi: “Ndithandaza kuYehova yonke imihla. Emva kokuba ndithethe naye, ndiba namandla. Umthandazo undenza ndikwazi ukuqhubeka ndiphila kuba ndinokholo kuThixo yaye ndiyazi ukuba undikhathalele.”

UPetra okwiminyaka yoo-80 uthi: “Zininzi izinto endifuna ukuzenza kodwa andikwazi. Kubuhlungu ukuzibona ndiphelelwa ngamandla. Sendinguloo mntu uxhomekeke emayezeni. Ndisoloko ndicinga indlela uYesu awayemcela ngayo uYise esithi ukuba kunokwenzeka, makabuphelise ubunzima awayekubo. UYehova wampha amandla, ibe nam uyandipha loo mandla. Iyeza lam lemihla ngemihla ngumthandazo. Emva kokuba ndithethe noThixo, ndiye ndibe bhetele kakhulu.”—Mateyu 26:39.

NoJulian, oneminyaka ephantse ibe yi-30 ehlutshwa sisifo esiqinisa imithambo (imultiple sclerosis) uthi: “Ndigqibele izinto zindihambela kakuhle, ngoku sendihleli kwisitulo esinamavili sabagulayo. Kodwa ndinokuthi ubomi bam bubhetele ngoku kuba ndibunikele ekuncedeni abanye. Ukupha kunokuzithomalalisa iintlungu, ibe uYehova akasoze asilibale isithembiso sakhe sokusomeleza ngexesha elinzima. Njengompostile uPawulos ndinokutsho ndiqinisekile ukuba: ‘Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.’”—Filipi 4:13.

XA USWELEKELWE

UAntonio uthi: “Xa utata watshayiswa yimoto waza wasweleka, zange ndikholelwe. Ndathi, kutheni kutshayiswe yena? Ebezihambela nje ngeenyawo. Kodwa kwakungekho nto ndinokuyenza. Ngaphambi kokuba asweleke, wayengekho zingqondweni iintsuku ezintlanu. Ndandiye ndizibambe ndingakhali phambi komama, kodwa xa ndindodwa, zazizehlela. Ndandisoloko ndizibuza, ‘Kutheni? Kutheni?’

“Kwezo ntsuku ndandisoloko ndimcela uYehova ukuba andincede ndizole. Ndandiye ndizole nyhani. Ndakhumbula amazwi eBhayibhile athi nabani na unokufikelwa ‘sisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.’ Ekubeni uThixo engasoze axoke, ndiqinisekile ukuba ndiza kumbona utata xa bevuswa abantu abaswelekileyo.”—INtshumayeli 9:11; Yohane 11:25; Tito 1:2.

“Nakuba unyana wethu wasweleka kwingozi yenqwelo-moya, sisakhumbula izinto ezininzi ezimnandi esasizenza naye.”—URobert

URobert ekuthethwe ngaye kwinqaku lokuqala yena uthi: “Mna nomkam, sinoxolo ekuthethwe ngalo kwabaseFilipi 4:6, 7. Olo xolo silufumene ngokuthandaza kuYehova. Lusibangele sakwazi ukuthetha noonondaba ngethemba esinalo lokuba abaswelekileyo baza kuvuswa. Nakuba unyana wethu wasweleka kwingozi yenqwelo-moya, sisakhumbula izinto ezininzi ezimnandi esasizenza naye. Sizama ukusoloko sicinga ngazo.

“Xa savela kwiTV, amanye amaNgqina ayincoma indlela esasizole ngayo. Sawaxelela ukuba sincedwe yimithandazo yabazalwana noodadewethu. Andithandabuzi ukuba nguYehova owayesixhasa ngamazwi awo entuthuzelo.”

Njengoko imizekelo esifunde ngayo ibonisa, uThixo unokubathuthuzela abantu kwiingxaki ezininzi abakuzo. Kuthekani ngawe? Nokuba uneyiphi na ingxaki, unokuthuthuzelwa. * Cela uYehova akuncede kuba nguThixo “wentuthuzelo yonke.”—2 Korinte 1:3.

^ isiqe. 5 Amanye amagama akweli nqaku atshintshiwe.

^ isiqe. 23 Ukuba ungathanda ukuncedwa usondele kuThixo ukuze akuthuthuzele, dibana namaNgqina kaYehova akwindawo ohlala kuyo okanye ubhalele iofisi yesebe ekufutshane nawe.