Yintoni UBukumkani BukaThixo?
Yintoni UBukumkani BukaThixo?
ABANYE ABANTU BATHI lulawulo lukaThixo olusentliziyweni yomntu; abanye bacinga ukuba yimiphumo yemigudu yabantu yokuzisa uxolo emhlabeni. Uthini wena?
OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE
“UThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. . . . Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani.” (Daniyeli 2:44) UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wokwenyani.
ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI
UBukumkani bukaThixo bulawula busezulwini.—Mateyu 10:7; Luka 10:9.
UThixo usebenzisa uBukumkani ukuze kwenzeke ukuthanda kwakhe ezulwini nasemhlabeni.—Mateyu 6:10.
Buza kufika nini obu Bukumkani?
UBUYA KUTHINI?
Akukho mntu waziyo
Kungekudala
Soze bufike
OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE
“Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo, kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) Xa sele zishunyayelwe ngokupheleleyo, uBukumkani buya kuyiphelisa le nkqubo ingendawo.
ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI
Akakho umntu emhlabeni owaziyo owona mhla buza kufika ngawo uBukumkani bukaThixo.—Mateyu 24:36.
Isiprofeto seBhayibhile sibonisa ukuba uBukumkani bukaThixo buza kufika kungekudala.—Mateyu 24:3, 7, 12.