Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuba Nombulelo Ngobubele Obungasifanelanga BukaThixo

Ukuba Nombulelo Ngobubele Obungasifanelanga BukaThixo

“Sonke samkela, ububele obungasifanelanga phezu kobubele obungasifanelanga.”—YOH. 1:16.

IINGOMA: 95, 13

1, 2. (a) Chaza umzekeliso kaYesu womnini wesidiliya. (b) Lo mzekeliso uzibonisa njani iimpawu ezifana nesisa kunye nobubele obungasifanelanga?

NGENYE intsasa, umvelisi wewayini waya kwindawo yemarike eye kuqesha amadoda okusebenza kwisidiliya sakhe. Amadoda awawafumanayo, awuvuma umvuzo awayesithi uza kuwanika wona, aza aya kuqalisa ukusebenza. Kodwa umnini wesidiliya wayesadinga abasebenzi abangakumbi, ngoko ebudeni bemini, waquqa ebuyelela emarikeni efuna amadoda angakumbi, yaye ewathembisa umvuzo olingana nowabanye, nkqu nalawo awayewaqeshe ngasekupheleni kosuku. Ekupheleni kosuku, wabaqokelela abasebenzi ukuze abanike umvuzo wabo, waza wanika ngamnye kubo umvuzo olinganayo, enoba babesebenze iiyure ezininzi okanye iyure nje enye. Xa abo babeqeshwe kuqala bakubonayo oku, bakhalaza. Umvelisi wewayini waphendula wathi: ‘Ngaba akuzange uvumelane nam ngomvuzo ebendikuthembise wona? Ngaba andinalungelo lokunika bonke abasebenzi bam loo nto ndifuna ukubanika yona? Ngaba unomona kuba ndinesisa?’—Mat. 20:1-15.

2 Umzekeliso kaYesu usikhumbuza olunye lweempawu zikaYehova ekuthethwa ngazo izihlandlo ezininzi eBhayibhileni—‘ububele bakhe obungasifanelanga.’ (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 6:1.) Abasebenzi ababesebenze iyure yanye babengawufanelanga umvuzo wosuku olupheleleyo, kodwa umvelisi wewayini wabenzela ububele obukhulu. Ngokuphathelele eli gama lithi, “ububele obungasifanelanga,” eliguqulelwa ngokuthi “inceba” kwiiBhayibhile ezininzi, omnye umphengululi wabhala wathi: “Eyona ngcamango idluliselwa leli gama sisipho esingasifanelanga, okanye into ephiwa umntu engayisebenzelanga yaye engayifanelanga.”

ISIPHO SIKAYEHOVA SOBUBELE

3, 4. Kutheni uYehova ebonakalise ububele obungasifanelanga kulo lonke uluntu, yaye oko ukwenze njani?

3 IZibhalo zithetha ‘ngesipho sesisa sobubele obungasifanelanga bukaThixo.’ (Efe. 3:7) Kutheni uYehova esibabala ngesi sipho “sesisa,” yaye uyenza njani loo nto? Ukuba besiyithobela ngokugqibeleleyo yonke imithetho kaYehova, ububele bakhe bothando bebuya kusifanela. Kodwa asikwazi ukwenza njalo. Yiloo nto uKumkani uSolomon osisilumko wabhala wathi: “Akukho mntu ulilungisa emhlabeni oqhubeka esenza okulungileyo angoni.” (INtshu. 7:20) Nompostile uPawulos wathi: “Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo,” waza waphinda wathi “umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa.” (Roma 3:23; 6:23a) Yiloo nto kanye esifaneleyo.

4 Sekunjalo, uYehova walubonakalisa uthando lwakhe kuluntu olunesono ngeyona ndlela ingenakuthelekiswa nanto, nto leyo esisenzo sobubele obungasifanelenga. Wathumela ‘uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo’ emhlabeni ukuba asifele. Esi sesona sipho sizogqitha zonke. (Yoh. 3:16) Ngoko uPawulos wabhala ngokuphathelele uYesu wathi, ‘uthweswe uzuko nembeko ngenxa yokubandezeleka ekufeni, ukuze ngobubele obungasifanelanga bukaThixo angcamle ukufa ngenxa yabantu bonke.’ (Heb. 2:9) Ewe, “umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa, kodwa isipho uThixo asinikayo bubomi obungunaphakade ngoKristu Yesu iNkosi yethu.”—Roma 6:23b.

5, 6. Uba yintoni umphumo xa silawulwa (a) sisono? (b) bububele obungasifanelanga?

5 Abantu bayizuza njani imeko yesono neyokufa egqugqise kuthi sonke? IBhayibhile icacisa ithi: “Ngesigqitho somntu omnye ukufa kwalawula njengokumkani” kwinzala ka-Adam. (Roma 5:12, 14, 17) Okuvuyisayo kukuba, sinokukhetha ukungabi salawulwa okanye songanyelwe sisono. Ngokubonisa ukholo kwidini lentlawulelo likaKristu, sivumela ukulawulwa bububele obungasifanelanga bukaYehova. Njani? “Sithe sakwanda isono, baphuphuma kwanangakumbi ububele obungasifanelanga. Ukuze kuthini? Ukuze, kanye njengokuba isono salawula njengokumkani ngokufa, ngokunjalo nabo ububele obungasifanelanga bulawule njengokumkani ngobulungisa ngokubhekisele kubomi obungunaphakade ngoYesu Kristu.”—Roma 5:20, 21.

6 Nangona sisengaboni, asimele sinikezele kwisono ukuze silawule ubomi bethu. Xa sithe sawela esonweni, siyakucela uYehova ukuba asixolele. UPawulos wawalumkisa amaKristu wathi: “Isono simele singabi yinkosi phezu kwenu, ekubeni ningekho phantsi komthetho kodwa niphantsi kobubele obungasifanelanga.” (Roma 6:14) Ngoko silawulwa bububele obungasifanelanga. Uba yintoni umphumo? UPawulos wathi: “Ububele obungasifanelanga bukaThixo . . . busiyalela ukuba sizilumle kuko ukungabi nabuthixo nakwiminqweno yehlabathi size siphile ngengqondo ephilileyo nangobulungisa nangozinikelo lobuthixo phakathi kwale nkqubo yezinto yangoku.”—Tito 2:11, 12.

UBUBELE OBUNGASIFANELANGA “OBUBONAKALISWA NGEENDLELA EZAHLUKAHLUKENEYO”

7, 8. Kuthetha ukuthini ukuthi ububele obungasifanelanga bukaYehova “bubonakaliswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo”? (Jonga imifanekiso esekuqaleni.)

7 Umpostile uPetros wabhala wathi: “Njengoko ngamnye wenu wasamkelayo isiphiwo, lungiselelanani ngaso njengamagosa amahle obubele obungasifanelanga bukaThixo obubonakaliswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo.” (1 Pet. 4:10) Kuthetha ukuthini oko? Kuthetha ukuba, enoba sinokujamelana naziphi na izilingo, uYehova unako ukusinceda sikwazi ukumelana nazo. (1 Pet. 1:6) Ngenxa yobubele bakhe, uya kusoloko esinika uncedo olulingene isilingo ngasinye.

8 Ngokuqinisekileyo, ububele obungasifanelanga bukaYehova bubonakaliswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Umpostile uYohane wabhala wathi: “Kuko ukuzala kwakhe sonke samkela ububele obungasifanelanga phezu kobubele obungasifanelanga.” (Yoh. 1:16) Iindlela ezahlukahlukeneyo uYehova abonise ngazo ububele zisenza sifumane iintsikelelo ezininzi. Ziziphi ezinye zazo?

9. Singenelwa njani kububele obungasifanelanga bukaYehova, yaye sinokuwubonisa njani umbulelo wethu ngabo?

9 Ukuxolelwa kwezono zethu. Ngenxa yobubele obungasifanelanga bukaYehova, siyakwazi ukuxolelwa izono zethu, ukuba siyaguquka size siqhubeke sisilwa nzima notyekelo lwethu lesono. (Funda eyoku-1 kaYohane 1:8, 9.) Inceba kaThixo imele isenze sibe nombulelo size simzukise. Ebhalela amanye amaKristu athanjisiweyo, uPawulos wathi: “[UYehova] wasihlangula kwigunya lobumnyama waza wasifudusela kubukumkani boNyana wothando lwakhe, ekuthe ngaye sakukhululwa ngentlawulelo, saxolelwa izono zethu.” (Kol. 1:13, 14) Ukuxolelwa kwezono zethu, kusivulela ithuba lokuba sifumane nezinye iintsikelelo ezimangalisayo.

10. Yintoni esiyinandiphayo ngenxa yobubele obungasifanelanga bukaThixo?

10 Ukuba seluxolweni noThixo. Ngenxa yesono, kwasekuzalweni kwethu sasiziintshaba noThixo. Wakuvuma oku uPawulos wathi: “Xa sasiziintshaba, saxolelaniswa noThixo ngokufa koNyana wakhe.” (Roma 5:10) Oku kuxolelaniswa kusinceda sibe seluxolweni noYehova. UPawulos wathi oko kubonisa ububele obungasifanelanga bukaYehova, xa wabhala wathi: “Ekubeni ngoku [thina bazalwana bakaKristu abathanjisiweyo] sivakaliswe singamalungisa ngenxa yokholo, masinandiphe uxolo noThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, esithe ngaye sazuza ububele obungasifanelanga ngokholo.” (Roma 5:1, 2) Oku kuyintsikelelo ngokwenene!

Iindlela uThixo abonakalisa ngazo ububele obungasifanelanga: Ilungelo lokuva iindaba ezilungileyo (Jonga isiqendu 11)

11. Abathanjiswa bazinceda njani ‘ezinye izimvu’ ukuba zibe ngamalungisa?

11 Ukwenziwa amalungisa. Sonke asizalwanga singamalungisa. Kodwa umprofeti uDaniyeli wachaza kwangaphambili ukuba ngexesha lesiphelo, ‘abo banengqiqo,’ intsalela yabathanjiswa, ‘baya kukhokelela abaninzi ebulungiseni.’ (Funda uDaniyeli 12:3.) Ngomsebenzi wokushumayela nowokufundisa, baye banceda izigidi ‘zezinye izimvu’ ukuba zibe ngamalungisa phambi kukaYehova. (Yoh. 10:16) Kodwa oku kuye kwenzeka ngenxa yobubele obungasifanelanga bukaYehova. UPawulos wathi: “Kunjengesipho sesisa ukuvakaliswa kwabo bengamalungisa ngobubele bakhe [uThixo] obungasifanelanga ngako ukukhululwa ngentlawulelo ngoKristu Yesu.”—Roma 3:23, 24.

Intsikelelo yomthandazo (Jonga isiqendu 12)

12. Umthandazo unxulumene njani nobubele obungasifanelanga bukaThixo?

12 Ukusondela kwitrone kaThixo ngomthandazo. UYehova, ngobubele bakhe bothando, usinika intsikelelo yokusondela kwitrone yakhe yasezulwini ngomthandazo. Enyanisweni, uPawulos ubiza itrone kaYehova ngokuthi ‘yitrone yobubele obungasifanelanga,’ yaye usikhuthaza ukuba sisondele kuyo “sinenkululeko yokuthetha.” (Heb. 4:16a) UYehova uye wasijizeka eli lungelo ngoNyana wakhe, “esithe ngaye saba nale nkululeko yokuthetha nokusondela ngentembelo ngalo ukholo lwethu kuye.” (Efe. 3:12) Ukusivumela kukaYehova ukuba sithethe ngokukhululekileyo naye ngomthandazo, ngokuqinisekileyo yindlela entle abonakalisa ngayo kuthi ububele bakhe obungasifanelanga.

Uncedo ngexesha elifanelekileyo (Jonga isiqendu 13)

13. Ububele obungasifanelanga bungasinceda njani “ngexesha elifanelekileyo”?

13 Ukufumana uncedo ngexesha elifanelekileyo. UPawulos wasikhuthaza ukuba sisondele ngokukhululekileyo kuYehova ngomthandazo, ukuze “sifumane ububele obungasifanelanga noncedo ngexesha elifanelekileyo.” (Heb. 4:16b) Nanini na sisonganyelwa zizilingo okanye sididekile, sinokukhalela uncedo kuYehova onenceba. Nakubeni singakufanelanga ukuncedwa nguye, uyaziphendula izicelo zethu, amaxesha amaninzi esebenzisa amaKristu esikhonza kunye nawo, ukuze “somelele kakhulu size sithi: ‘UYehova ungumncedi wam; andiyi koyika. Angandenza ntoni na umntu?’”—Heb. 13:6.

14. Buzinceda njani iintliziyo zethu ububele obungasifanelanga bukaYehova?

14 Ukufumana intuthuzelo. Intsikelelo enkulu esiyifumana ngenxa yobubele obungasifanelanga bukaYehova, kukuthuthuzelwa kweentliziyo ezikhathazekileyo. (INdu. 51:17) UPawulos wabhalela amaKristu aseTesalonika awayetshutshiswa wathi: “INkosi yethu uYesu Kristu ngokwayo noThixo uBawo wethu, owasithandayo waza wasinika intuthuzelo engunaphakade nethemba elilungileyo ngobubele obungasifanelanga, wanga angazithuthuzela iintliziyo zenu aze aniqinise.” (2 Tes. 2:16, 17) Kuthuthuzela ngenene ukwazi ukuba uYehova usinyamekela ngothando ngenxa yobubele bakhe obukhulu!

15. Ngenxa yobubele obungasifanelanga bukaThixo, liliphi ithemba esinalo?

15 Ukuba nethemba lobomi obungunaphakade. Ekubeni sinesono besifanelwe kukufa. (Funda iNdumiso 49:7, 8.) Kodwa uYehova usinike ithemba elimangalisayo. UYesu wathembisa abalandeli bakhe wathi: “Kuko oku ukuthanda kukaBawo, ukuba wonk’ ubani ombonayo uNyana aze abonise ukholo kuye, abe nobomi obungunaphakade.” (Yoh. 6:40) Ithemba lobomi obungunaphakade sisipho, yindlela emangalisayo uThixo abonise ngayo ububele obungasifanelanga. UPawulos, owayeyiqonda kakuhle loo nyaniso, wathi: “Ububele obungasifanelanga bukaThixo obuzisa usindiso kuzo zonke iintlobo zabantu buye babonakaliswa.”—Tito 2:11.

MUSA UKUBUSEBENZISA KAKUBI UBUBELE OBUNGASIFANELANGA BUKATHIXO

16. Amanye amaKristu enkulungwane yokuqala abudelela njani ububele obungasifanelanga bukaThixo?

16 Nakuba ububele obungasifanelanga bukaYehova busizisela iintsikelelo ezininzi, asimele sizithathe lula izinto size sicinge ukuba uvumela uvula-zibhuqe. Phakathi kwamaKristu enkulungwane yokuqala, kwakukho amanye ‘awayebujika ububele obungasifanelanga bukaThixo bube sisingxengxezo sehambo evakalala.’ (Yude 4) La maKristu angathembekanga ayecinga ukuba anokona, kuba nje esithi uYehova uza kuwaxolela. Okubi nangakumbi kukuba, ayelinga nabanye abazalwana ukuba bawathelele kule ndelelo yawo. Nanamhlanje, nabani na owenza loo nto, “uwucaphukisa ngendelelo umoya wobubele obungasifanelanga.”—Heb. 10:29.

17. Sisiphi isiluleko esiqatha esanikelwa nguPetros?

17 Nanamhlanje, uSathana uye walahlekisa amanye amaKristu ukuba akuthathe njengento elula ukona, kuba ecinga ukuba uThixo uza kuwenzela inceba. Nakubeni uYehova ekulungele ukubaxolela aboni abaguqukayo, ulindele ukuba silwe ngamandla ukuze singoni. Waphefumlela uPetros ukuba abhale athi: “Nina, ke ngoko, zintanda, ekubeni ninolu lwazi kwangaphambili, zilindeni ukuze ningawexulwa nani ngabantu abadelela umthetho nize niwe ekuqineni kwenu. Kunoko, qhubekani nikhula ebubeleni obungasifanelanga naselwazini lweNkosi noMsindisi wethu uYesu Kristu.”—2 Pet. 3:17, 18.

UBUBELE OBUNGASIFANELANGA BUHAMBA NEEMBOPHELELEKO

18. Ngenxa yobubele obungasifanelanga bukaYehova, ziziphi iimbopheleleko esinazo?

18 Ekubeni sinombulelo ngobubele bukaYehova, simele sizisebenzise iziphiwo zethu ukuze simzukise size sincede abanye abantu. Ngaziphi iindlela? UPawulos uphendula athi: “Ekubeni, ngoko, sineziphiwo ezahlukeneyo ngokobubele obungasifanelanga esabunikwayo . . . enoba bubulungiseleli, masibe kobo bulungiseleli; okanye lowo ufundisayo, makabe sekufundiseni kwakhe; okanye lowo ubongozayo, makabe sekubongozeni kwakhe, . . . lowo wenza inceba, makenjenjalo echwayitile.” (Roma 12:6-8) Ububele obungasifanelanga uYehova asenzela bona buyasinyanzela ukuba sizibhokoxe emsebenzini wokushumayela, sifundise abanye iBhayibhile, sikhuthaze amanye amaKristu, size sibaxolele abo basikhubekisayo.

19. Yiyiphi imbopheleleko esinayo esiza kuthetha ngayo kwinqaku elilandelayo?

19 Ekubeni sinombulelo ngobubele bukaYehova, simele sizame kangangoko sinako “ukunikela ubungqina obucokisekileyo kwiindaba ezilungileyo zobubele obungasifanelanga bukaThixo.” (IZe. 20:24) Le mbopheleleko siza kuthetha ngayo ngakumbi kwinqaku elilandelayo.