Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Indlela Onxiba Ngayo Iyamzukisa UThixo?

Ngaba Indlela Onxiba Ngayo Iyamzukisa UThixo?

“Zonke izinto zenzeleni uzuko lukaThixo.”—1 KOR. 10:31.

IINGOMA: 34, 61

1, 2. Kutheni amaNgqina kaYehova ephila ngemilinganiselo efanelekileyo yendlela yokunxiba? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

IPHEPHANDABA lesiDatshi lathi xa lichaza enye intlanganiso eyayikhona yabafundisi: “Ubona abantu abanxibe iimpahla zokuphola, ngakumbi xa kushushu. Awusoze uyibone into enjalo kwindibano yamaNgqina kaYehova. . . . Abafana namadoda banxiba iqhina nebhatyi, ngoxa wona amantombazana namabhinqa enxiba iilokhwe ezinobude . . . obufanelekileyo, kodwa zibe zizezale mihla.” Liyinyaniso lona elokuba, amaNgqina kaYehova asoloko enconywa ngokuzihombisa kwawo “ngesinxibo esilungiswe kakuhle, ngokuthozama nangengqondo ephilileyo . . . ngendlela efanele [abo] bazibanga behlonela uThixo.” (1 Tim. 2:9, 10) Umpostile uPawulos wayebhekisela kubafazi, kodwa lo mgaqo uyasebenza nakumadoda angamaKristu.

2 Imilinganiselo efanelekileyo yendlela yokunxiba ibalulekile kuthi bantu bakaYehova, ibalulekile nakuThixo wethu esimkhonzayo. (Gen. 3:21) Oko kutshiwo ziZibhalo ngendlela yokunxiba nokuzilungisa, kusenza singayithandabuzi nakancinane into yokuba, uMongami wendalo yonke unemilinganiselo efanelekileyo yendlela abafanele banxibe ngayo abakhonzi bakhe. Ngoko ke, xa sikhetha indlela emasinxibe size sizilungise ngayo, asimele sicinge ngoko kufunwa sithi kuphela. Sikwamele sicinge nangoko kufunwa yiNkosi enguMongami, uYehova.

3. Sifunda ntoni ngesinxibo kuMthetho kaThixo awawunika amaSirayeli?

3 Ngokomzekelo, uMthetho kaThixo wawukhusela amaSirayeli ukuba angafani neentlanga ezaziphila ubomi bukavula-zibhuqe, ziziphethe kakubi. UMthetho wachaza indlela uYehova ayicaphukela ngayo impahla eyenza umntu angagqibeki enoba uyindoda okanye ibhinqa xa eyinxibile. (Funda iDuteronomi 22:5.) Xa sijonga imiyalelo kaThixo yendlela yokunxiba, sibona ngokucacileyo ukuba akazithandi iindlela zokunxiba ezenza amadoda abe ngathi ngamabhinqa, nezenza amabhinqa abe ngoonongayindoda, okanye ezenza kube nzima nokubona umahluko phakathi kwendoda nebhinqa.

4. Yintoni enokuwanceda amaKristu agqibe ngendlela efanelekileyo yokunxiba?

4 ILizwi likaThixo linemigaqo enokunceda amaKristu agqibe ngendlela efanelekileyo yokunxiba. Inokubanceda nokuba ahlala phi, zithini izithethe zawo, okanye imozulu injani. Asidingi kuba noluhlu lwemithetho esixelela ukuba ngeziphi iimpahla emasizinxibe nemasingazinxibi. Kunoko, silawulwa yimigaqo esivumela ukuba sizikhethele. Makhe sithethe ngemigaqo yeBhayibhile enokusinceda sibone “ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo” xa sigqiba ngento emasiyinxibe.—Roma 12:1, 2.

“SIYAZINCOMELA NJENGABALUNGISELELI BAKATHIXO”

5, 6. Indlela esinxiba ngayo imele ibe naliphi ifuthe kwabanye?

5 Umpostile uPawulos wagxininisa ukubaluleka komgaqo okweye-2 yabaseKorinte 6:4. (Yifunde.) Indlela esibukeka ngayo ithetha lukhulu ngathi. Abantu abaninzi badla ngokugqiba ngathi baze basichaze ngoko “kubonakala emehlweni.” (1 Sam. 16:7) Ngenxa yoko, abalungiseleli bakaThixo bayaqonda ukuba abamele bakhethe isinxibo kuba nje besithi bayasithanda. Imigaqo eseLizwini likaThixo imele isenze sikuphephe ukunxiba impahla epitsayo, eveza umzimba nevuselela inkanuko. Oku kuya kuquka ukuphepha ukunxiba impahla eveza nezoba amalungu ethu esini. Akukho mntu umele abe neentloni okanye ajonge ecaleni ngenxa yendlela esinxibe ngayo.

6 Ukuba siyafaneleka, sicocekile, sindilisekile, ibe sinxiba kakuhle, abantu bayakusihlonela njengabalungiseleli beNkosi enguMongami, uYehova. Basenokude babe nomdla wokumazi uThixo. Ukongezelela, indlela esinxiba ngayo iya kuyimela kakuhle intlangano esikuyo. Oko kunokuphumela ekubeni abanye bawumamele umyalezo wethu osindisa ubomi.

7, 8. Leliphi elona xesha kubalulekileyo ukuba sinxibe ngokufanelekileyo?

7 Simele nakanjani sinxibe ngendlela eza kumzukisa uThixo wethu, engayi kubakhubekisa abazalwana esikhonza nabo nabantu esishumayela kubo. Sikwamele sinxibe nangendlela eza kuwunika isidima umsebenzi wethu ozukisa uYehova. (Roma 13:8-10) Kubaluleke ngakumbi ukwenza oku xa sisenza imisebenzi yamaKristu, enjengokuya ezintlanganisweni okanye ukushumayela. Simele sinxibe “ngendlela efanele [abo] bazibanga behlonela uThixo.” (1 Tim. 2:10) Siyavuma kona ukuba, isinxibo esithile sisenokwamkeleka kwenye indawo, kodwa kwenye singamkeleki. Yiloo nto abantu bakaYehova emhlabeni wonke bezihlonela izithethe zasekuhlaleni ukuze bangakhubekisi abanye.

Ngaba indlela onxiba ngayo iza kumenza ahlonelwe uThixo wakho? (Jonga isiqendu 7, 8)

8 Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 10:31. Xa sisiya kwiindibano simele sinxibe ngendlela efanelekileyo nendilisekileyo kunokuba sinxibe ngendlela ebaxekileyo yehlabathi. Nkqu naxa sifika naxa sihamba kwiihotele, xa sizipholele ngaphambi nasemva kwendibano, sifuna ukukuphepha ukunxiba impahla engandilisekanga. Ukuba senza ngolo hlobo, asisayi kuba neentloni ukuzichaza ukuba singamaNgqina kaYehova. Kunjalo nje, siya kushumayela ngokukhululekileyo xa sivelelwa lithuba.

9, 10. Kutheni eyabaseFilipi 2:4 imele isenze sicinge ngezinto esizinxibayo?

9 Funda abaseFilipi 2:4. Kutheni kufuneka amaKristu acingele abo akhonza nawo xa egqiba ngento yokunxiba? Esinye isizathu kukuba, abantu bakaThixo basebenza nzima ukuze bathobele esi sibongozo seBhayibhile: “Bhubhisani, ke ngoko, amalungu enu omzimba asemhlabeni, uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini.” (Kol. 3:2, 5) Asifuni kubenza basithobele nzima abazalwana bethu eso sibongozo. Abazalwana noodade ababekhe baphila ubomi bokuziphatha kakubi basenokuba basalwa nobuthathaka benyama. (1 Kor. 6:9, 10) Asingethandi ukuxaba endleleni yabo, akunjalo?

10 Xa sikunye nabazalwana noodade, indlela esinxiba ngayo sifuna yenze ibandla libe yindawo engcwele nekhuselekileyo. Simele sinxibe ngaloo ndlela enoba sisezintlanganisweni okanye sizipholele kunye nabazalwana. Sinenkululeko yokunxiba loo nto siyithandayo. Sekunjalo, kulindeleke ukuba sonke sinxibe impahla engayi kubahenda, kodwa eza kubenza bahlale benyulu baze bacinge, bathethe yaye benze ngokuvumelana nemilinganiselo kaThixo engcwele. (1 Pet. 1:15, 16) Uthando lokwenene “aluziphathi ngokungandilisekanga, alufuni ezalo izilangazelelo.”—1 Kor. 13:4, 5.

UKUNXIBA IMPAHLA EFANELEKILEYO NGEXESHA NAKWINDAWO EFANELEKILEYO

11, 12. Ziintoni izinto esimele sizikhumbule xa sicinga ngento esiza kuyinxiba?

11 Xa abakhonzi bakaThixo besenza izigqibo ngento abaza kuyinxiba, bayaqonda ukuba “yonke into inexesha layo elimisiweyo, nomcimbi wonke unexesha lawo.” (INtshu. 3:1, 17) Iyaqondakala kona into yokuba, indlela esinxiba ngayo ixhomekeke kwimozulu nakumaxesha onyaka. Ikwaxhomekeke nakwiimeko zokuphila zabantu ezingafaniyo. Sekunjalo, imilinganiselo kaYehova yona ayitshintshatshintshi njengemozulu.—Mal. 3:6.

12 Kusenokuba nzima xa kushushu ukuqinisekisa ukuba sinxibe impahla efanelekileyo nesenza sibe nesidima. Abazalwana noodade bavuya kakhulu xa besibona siyeka ukunxiba impahla epitsayo okanye enkulu kuthi neveza umzimba. (Yobhi 31:1) Kwakhona, xa siselwandle okanye siqubha kwenye indawo, impahla yokuqubha esiyinxibayo imele indiliseke. (IMize. 11:2, 20) Nokuba abantu abaninzi abangamkhonziyo uYehova banxiba impahla yokuqubha eveza umzimba, thina bakhonzi bakhe sifuna indlela esinxiba ngayo izukise uThixo esimthandayo.

13. Kutheni simele sisebenzise isiluleko esikweyoku-1 kwabaseKorinte 10:32, 33 xa sikhetha indlela yokunxiba?

13 Ukhona nomnye umgaqo obalulekileyo osinceda sikhethe impahla efanelekileyo. Kukucingela izazela zabazalwana noodade nezabanye. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 10:32, 33.) Simele singayithathi kancinane into yokuphepha ukukhubekisa abanye ngendlela esinxiba ngayo. UPawulos wabhala wathi: “Ngamnye wethu makakholise ummelwane wakhe koko kulungileyo ukuze akheke.” Wachaza isizathu soko: “Kuba kwanoKristu akazange azikholise yena ngokwakhe.” (Roma 15:2, 3) UYesu wakubeka kwindawo yokuqala ukunceda abanye kunokuba abeke ezakhe iimfuno, ukubanceda kwaba yeyona nto iphambili xa wayesenza ukuthanda kukaThixo. Ngoko ke, siya kuyiphepha impahla okanye indlela yokunxiba esiyithandayo kodwa esenokubenza bangabi namdla abantu esishumayela kubo.

14. Abazali banokubaqeqesha njani abantwana bazukise uThixo ngendlela abanxiba ngayo?

14 Abazali abangamaKristu banembopheleleko yokufundisa iintsapho zabo ukuba zisebenzise imigaqo yeBhayibhile. Oku kuquka ukuqinisekisa ukuba bona nabantwana benza konke okusemandleni abo ukuvuyisa uThixo, ngokunxiba nokuzilungisa ngokundilisekileyo. (IMize. 22:6; 27:11) Abazali banokufundisa abantwana ukuba bahlonele uThixo wethu, ngokuthi nabo babengumzekelo kubo, babanike nemiyalelo eluncedo. Kungakuhle kakhulu xa abazali benokufundisa abantwana ngendlela nendawo abanokuyifumana kuyo impahla efanelekileyo! Oku kuza kubanceda bangafuni impahla abayithandayo kuphela, kodwa bafune nokuxhakamfula ilungelo lokummela kakuhle uYehova uThixo.

YISEBENZISE KAKUHLE INKULULEKO YAKHO

15. Yintoni emele ikhokele indlela esinxiba ngayo?

15 ILizwi likaThixo linokhokelo olunokusinceda senze ukhetho lobulumko oluya kuzukisa uThixo. Nakubeni kunjalo, siyazikhethela ukuba masinxibe ntoni. Izinto esizithandayo azifani, kunjalo ke nangeepokotho zethu. Kodwa yona indlela esinxiba ngayo imele icoceke, indiliseke, ifanelekele isihlandlo eso, ize yamkeleke nasekuhlaleni.

16. Kutheni ukwenza umgudu wokunxiba kakuhle kunomvuzo?

16 Asinakuyiphika into yokuba, akusoloko kulula ukuthatha isigqibo esifanelekileyo nesisekelwe kuzo zonke izibakala. Iivenkile ezininzi zineempahla zefashoni ezithandwayo, ngenxa yoko, kusenokuthatha ixesha kufune nomgudu ukuze ufumane ilokhwe, iblawuzi okanye isuti neblukhwe engapitsiyo. Abazalwana noodade baya kuvuyiswa kukubona imigudu yethu yokufuna impahla efanelekileyo nenomtsalane. Elo xesha silincamayo, naloo mgudu siwenzayo kuba sifuna ukunxiba ngendlela ezukisa uBawo wethu wasezulwini onothando, aziyonto xa zithelekiswa novuyo lokwenene esiba nalo ngokumzukisa.

17. Ziintoni umzalwana amele azijonge ukuze abone enoba umele abe nayo intshebe okanye angabi nayo?

17 Ngaba kufanelekile ngabazalwana ukuba nentshebe? UMthetho kaMoses wawufuna amadoda abe nentshebe. Sekunjalo, amaKristu awakho phantsi koMthetho kaMoses yaye akunyanzelekanga ukuba awuthobele. (Lev. 19:27; 21:5; Gal. 3:24, 25) Kwezinye iindawo, intshebe echetywe kakuhle yamkelekile ibe imenza ahlonipheke umntu onayo, yaye ayenzi abantu bangasimameli xa sishumayela. Kanti, abanye abazalwana abamiselweyo banentshebe. Nakubeni kunjalo, abanye abazalwana basenokugqiba ekubeni bangabi nayo. (1 Kor. 8:9, 13; 10:32) Kwezinye iindawo, intshebe asiyonto iqhelekileyo ibe akwamkelekanga ukuba amaKristu abe nayo. Phofu, kwezi ndawo ukuba nayo kunokubangela umzalwana angakwazi ukuzukisa uThixo ngesinxibo nokuzilungisa kwakhe, aze ajongwe njengongafanelekanga.—Roma 15:1-3; 1 Tim. 3:2, 7.

18, 19. UMika 6:8 usinceda njani sinxibe ngendlela eza kuvuyisa uThixo?

18 Siyibulela kakhulu into yokuba uYehova engasinikanga uthotho lwemithetho yendlela emasinxibe size sizilungise ngayo. Kunoko, usivumele ukuba sizikhethele size senze izigqibo ezisekelwe kwizibakala, zigqibo ezo ezalathiswa yimigaqo yeZibhalo. Indlela esinxiba nesizilungisa ngayo inokubonisa ukuba sifuna ‘ukuthozama ekuhambeni noThixo wethu.’—Mika 6:8.

19 Ukuthozama kwethu kuquka ukuzihlolisisa size sikhangele ukuba singcwele na yaye sicocekile na njengoYehova, kuba sixhomekeke kuye ngokupheleleyo ukuba asikhokele. Kwakhona, ukuthozama kuquka ukuhlonela iimvakalelo neembono zabanye. Ngenxa yoko, ‘sihamba noThixo ngokuthozama,’ ngokuphila ngemilinganiselo ephakamileyo nangokuhlonela iimvakalelo zabanye.

20. Indlela esinxiba nesizilungisa ngayo imele ibe naliphi ifuthe kwabanye abantu?

20 Abantu abamele bayithandabuze into yokuba singabakhonzi bakaYehova xa bebona indlela esinxibe ngayo. Abazalwana noodade nabantu basekuhlaleni bamele bayibone into yokuba siyakufanelekela ukumela uThixo. Usinike imigaqo ephakamileyo, yaye siyakuvuyela ukuphila ngayo. Siyabancoma abazalwana noodade ngokuzilungisa ngendlela eza kwenza abantu babe nomdla kumyalezo weBhayibhile osindisa ubomi, nangokunxiba ngendlela emzukisayo nemvuyisayo uYehova. Ukucinga kakuhle ngezinto esiza kuzinxiba kuya kumzukisa Lowo “wambethe isidima nobungangamsha.”—INdu. 104:1, 2.