Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba ‘Uyabulondoloza Ubulumko Bobuqili’?

Ngaba ‘Uyabulondoloza Ubulumko Bobuqili’?

NGOKUTSHO kwelinye ibali, kukho inkwenkwana eyayihlala kwidolophana esemagqagaleni, bengathathi ntweni kowayo. Abantu bale dolophana babethanda ukuyihleka, becinga ukuba azithanga dadobawo apha kuyo. Xa kufike iindwendwe, abanye abantu bale dolophana babehlekisa ngayo phambi kwabahlobo babo. Babeye bakhuphe iingqekembe zemali ezimbini bayibonise, enkulu yayiyeyesilivere kwaye encinane iyeyegolide kwaye inexabiso eliliphinda kabini elengqekembe yesilivere. Babeye bathi: “Khetha, ufun’ eyiphi?” Unkabi ke wayeye akhethe eyesilivere aze aphel’ emehlweni.

Ngaminazana ithile, olunye undwendwe lwayibuza le nkwenkwana, “Uyazi phofu ukuba ingqekembe yegolide inexabiso eliphezulu kunale yesilivere?” Unkabi wancuma yedwa waza wathi, “Ewe, ndiyazi.” Undwendwe lwabuza, “Kutheni ke uthatha eyesilivere? Kaloku xa uthatha eyegolide, uza kufumana imali ephindwe kabini!” Le nkwenkwana yathi, “Kodwa ukuba ndithatha eyegolide, abantu baza kuyeka ukudlala nam. Uyazi phofu ukuba zingaphi iingqekembe zesilivere endiziqokeleleyo?” Le nkwenkwana kuthethwa ngayo kweli bali yayinento enokubanceda abantu abadala—ukukwazi ukusebenzisa ubulumko.

IBhayibhile ithi: “Londoloza ubulumko bobuqili [ukukwazi ukusebenzisa ubulumko] namandla okucinga, ngaloo ndlela uya kuhamba ngonqabiseko endleleni yakho, nonyawo lwakho aluyi kubetheka kuyo nantoni na.” (IMize. 3:21, 23) Ngoko ukwazi ukuba yintoni “ubulumko bobuqili” nendlela yokubusebenzisa kunento yokwenza nokhuseleko lwethu. Kusinceda singonakalisi ubuhlobo bethu noYehova, “nonyawo” lwethu luzinze.

BUYINTONI KE?

Ukusebenzisa ubulumko kwahlukile ekubeni nolwazi nokuqonda. Umntu onolwazi sukube eqokelele inkcazelo okanye izibakala. Oqondayo yena sukube esazi indlela izinto ezinxibelelana ngayo. Isilumko ngumntu odibanisa into ayaziyo kunye nayiqondayo aze azisebenzise.

Ngokomzekelo, umntu unokukhawuleza akwazi ukuziqonda izinto azifunda kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Unokuphendula ngendlela echanileyo xa eqhutyelwa isifundo. Unokuqalisa ukuya kwiintlanganiso zebandla kwaye agqabaze kamnandi. Zonke ezi zinto zibonisa ukuba wenza inkqubela, kodwa ngaba zithetha ukuba unobulumko? Kusenokuba akunjalo. Kusenokwenzeka ukuba ungumntu okrelekrele indalo. Kodwa ke, uba sisilumko xa eyisebenzisa inyaniso, elusebenzisa ngendlela eyiyo ulwazi nokuqonda akufumeneyo. Xa izigqibo azenzayo ziphumelela, yaye zibonisa ukuba uye wacinga ngaphambi kokwenza, kuye kucace ukuba uyakwazi ukusebenzisa ubulumko.

KuMateyu 7:24-27 siva ngamadoda amabini awazakhela izindlu. Enye yala madoda kuthiwa ‘iyingqondi.’ Icinga ngento eyayinokwenzeka, yakha indlu yayo phezu kolwalwa. Yayikwazi ukubona into ingekenzeki ize ithathe amanyathelo. Ayizange icinge ukuba kuza kubiza imali encinci kwaye kukhawuleze ukwakha indlu yayo phezu kwentlabathi. Yayisisilumko kuba yacinga ngemiphumo yexesha elide eyayinokubangelwa zizenzo zayo. Kwathi kwakugaleleka imvula, indlu yayo yakhuseleka. Nanku ke umbuzo, Sinokwenza njani ukuze sifumane ubulumko kwaye sibulondoloze?

NDINOKUBUFUMANA NJANI?

Okokuqala, phawula ukuba uMika 6:9 uthi: “Umntu onobulumko bobuqili uya kuloyika igama [likaThixo].” Ukoyika igama likaYehova kuthetha ukumhlonela. Kuthetha ukuhlonela ngokunzulu oko igama lakhe likumelayo, kuquka nemilinganiselo yakhe. Ukuze uhlonele umntu, kufuneka wazi indlela acinga ngayo. Emva koko unokumthemba uze ufunde kuye, uxelise izenzo zakhe eziye zamenza waphumelela. Ukuba sisoloko sicinga ngendlela izenzo zethu eziya kumphatha ngayo uYehova, kwaye sicinga ngemilinganiselo yakhe xa sisenza izigqibo, siyabusebenzisa ubulumko.

Okwesibini, iMizekeliso 18:1 ithi: “Ozahlulayo uya kufuna ulangazelelo lwakhe lokuzingca; uya kuphambuka kubo bonke ubulumko bobuqili.” Ukuba asilumkanga, sinokuchasela kuYehova nakubantu bakhe. Ukuze singazahluli, kufuneka sichithe ixesha nabantu abaloyikayo igama lakhe nabayihlonelayo imilinganiselo yakhe. Kufuneka siye ngokoqobo kwiHolo yoBukumkani xa sikwazi, sinxulumane nebandla lamaKristu. Xa sikwiintlanganiso, kufuneka sizivule iingqondo neentliziyo zethu kwaye sivumele izinto ezithethwayo ukuba zisitshintshe.

Ukongezelela koko, ukuba siyayiphalaza imbilini yethu kuYehova xa sithandaza, siya kusondela kuye. (IMize. 3:5, 6) Ukuba sivula iingqondo neentliziyo zethu xa sifunda iBhayibhile neencwadi esizilungiselelwe yintlangano kaYehova, sitsho sibone ukuba uya kuba yintoni umphumo wezenzo zethu, size sithathe amanyathelo afanelekileyo. Kufuneka sivule iintliziyo zethu naxa sicetyiswa ngabazalwana abaqolileyo. (IMize. 19:20) Xa sisenjenjalo, siya kufumana ubulumko obungakumbi kunokuba ‘siphambuke kubo bonke ubulumko bobuqili.’

BUZA KUYINCEDA NJANI INTSAPHO YAM?

Ukusebenzisa ubulumko kunokuzilondoloza iintsapho. Ngokomzekelo, iBhayibhile ibongoza umfazi ukuba abe “nentlonelo enzulu” ngomyeni wakhe. (Efe. 5:33) Unokwenza njani umyeni ukuze ahlonelwe ngale ndlela? Ukuba uyifuna ngenkani okanye ungqwabalala, iya kuba yeyomzuzwana. Inkosikazi yakhe inokumhlonela ngolo hlotyana ke xa ekho. Kodwa ngaba iya kumhlonela na xa engekho phambi kwayo? Ayinakufane yenzeke loo nto. Kufuneka umyeni angajongi apha phambi kwenyawo zakhe. Umele ayisebenzele intlonelo ngokuba nesiqhamo somoya esiluthando nobubele, ibe inkosikazi yakhe iya kumhlonela. Kodwa ke, nenkosikazi engumKristu ifanele imhlonele umyeni wayo kungakhathaliseki ukuba uyayifanelekela okanye akunjalo.—Gal. 5:22, 23.

IBhayibhile iphinde ithi indoda mayimthande umfazi wayo. (Efe. 5:28, 33) Inkosikazi inokugqiba ekubeni mayimfihlele umyeni wayo izinto ezingentle anelungelo lokuzazi, kuba ifuna ukuthandwa nguye. Kodwa ke ngaba kukusebenzisa ubulumko ukwenza loo nto? Xa eyibhaqa loo nto ebeyifihlelwa, kuza kwenzeka ntoni? Ngaba uza kuyithanda ngakumbi? Isenokuba nzima kaloku loo nto. Kwelinye icala, ukuba inkosikazi ikhetha ixesha elifanelekileyo lokuchazela umyeni izinto ezingentle ngayo, usenokuyibulela into yokuba inyaniseke. Uya kutsho ayithande nangakumbi inkosikazi yakhe.

Indlela obaqeqesha ngayo abantwana bakho ngoku iya kuchaphazela ubuhlobo benu kwixesha elizayo

Abantwana bafanele babathobele abazali babo kwaye baqeqeshwe ngendlela kaYehova. (Efe. 6:1, 4) Ngaba loo nto ithetha ukuba abazali bamele banike umntwana uludwe lwezinto amele azenze nangamele azenze? Ingqeqesho ayipheleli ekubekeni imithetho yasekhaya nasekohlwayeni umntwana xa ephum’ endleleni. Umzali osebenzisa ubulumko uyamnceda umntwana wakhe aqonde isizathu sokuba efanele athobele.

Ngokomzekelo, masithi umntwana akanambeko xa ethetha nomnye wabazali bakhe. Ukuthetha amazwi ahlabayo kuye okanye ukungxamela ukumohlwaya kunokumenza iintloni okanye kumnyanzele ukuba athule. Kodwa ke usenokuqumba entliziyweni yakhe aze aye echasela kubazali bakhe.

Abazali abasebenzisa ubulumko baya kucinga ngendlela ababaqeqesha ngayo abantwana babo, bacinge nangokuba baza kuba njani bakukhula. Abafanelanga babangxamele ngenxa yokuziva behlazekile. Mhlawumbi xa bebodwa kunye naye, banokumbonisa bezolile ukuba uYehova ulindele ukuba ahlonele abazali bakhe ukuze izinto zimhambele kakuhle. Xa umntwana ebahlonela abazali bakhe, uya kuqonda ukuba ubeka uYehova ngokwakhe. (Efe. 6:2, 3) Ukumphatha ngobubele ngolu hlobo kunokuyifikelela intliziyo yakhe. Uya kuyibona into yokuba abazali bakhe bamkhathalele, aze abahlonele nangakumbi. Loo nto iya kudala ukuba abalekele kubo xa kuvela iingxaki ezinkulu kwixesha elizayo.

Bakho ke nabazali abaye bacinge ukuba umntwana wabo uza kuva kabuhlungu xa enqandwa, bamyeke ke bangamnqandi. Kodwa ke uza kuba njani loo mntwana akukhula? Ngaba uza kumoyika uYehova aze aqonde ukuba kububulumko ukwamkela imithetho asibekele yona uThixo? Ngaba uza kuyivulela uYehova intliziyo nengqondo yakhe, okanye ngaba uza kuzahlula kuye?—IMize. 13:1; 29:21.

Umntu oyincutshe ekuxozeni izinto uye ayicebe le nto afuna ukuyenza. Akasuki axoze nje uhalala wento enethemba lokuba kuza kuphuma into entle. Abazali abasebenzisa ubulumko bachitha iiyure befunda yaye besebenzisa imithetho esiyibekelwe nguYehova, besoyika igama lakhe. Xa bengazahluli kuYehova nakwintlangano yakhe, baba nobulumko baze babusebenzise ukuze bakhe iintsapho zabo.

Mihla le, kufuneka senze izigqibo ezinokuba nemiphumo ehlala iminyaka. Kunokuba ungxame uze wenze into efike kuqala entloko, kutheni ungakhe ucinge ngaphambi kokwenza? Cinga ngengomso. Khokelwa nguYehova, uze usebenzise ubulumko bakhe. Ukuba wenjenjalo, uya kuba ulondoloza ubulumko, ibe bona buya kukunika ubomi.—IMize. 3:21, 22.