Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Igama Elalithetha Lukhulu!

Igama Elalithetha Lukhulu!

“MFAZI.” UYesu wayedla ngokuwabiza ngolo hlobo amabhinqa. Ngokomzekelo, xa wayephilisa ibhinqa elalineminyaka eyi-18 ligogekile, wathi: “Mfazindini, ukhululiwe kubuthathaka bakho.” (Luka 13:10-13) Ukubiza amabhinqa ngale ndlela kwakuqhelekile ibe kubonisa imbeko ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, kangangokuba uYesu wayembiza ngolu hlobo nonina. (Yoh. 19:26; 20:13) Kodwa lalikho nelinye igama elalingapheleli nje ekuboniseni imbeko.

IBhayibhile isebenzisa igama elibonisa ububele nokuthantamisa ngokukhethekileyo xa ibhekisela kubafazi abathile. UYesu wasebenzisa lona xa wayethetha nomfazi owayenethombo legazi iminyaka eyi-12. UMthetho kaThixo wawungamvumeli ukuba aye kuYesu kuba wawusithi akahlambulukanga ngenxa yesigulo sakhe. Abanye basenokuthi wayengamele abe phakathi kwabantu ngenxa yokugula kwakhe. (Lev. 15:19-27) Kodwa wayefuna nyhani ukuphila. Kaloku, “wayeviswe iintlungu ngoogqirha abaninzi, kwaye wachitha bonke ubuncwane bakhe kodwa engangenelwa, kunoko, imeko yakhe yayisiba mbi ngakumbi.”​—Marko 5:25, 26.

Lo mfazi wachwechwa phakathi kwabantu, esithi gqi ngasemva koYesu, wabamba umphetho wesambatho sakhe. Ngoko nangoko laphela ithombo legazi! Wayecinga ukuba akazukubhaqwa, kodwa uYesu wathi: “Ngubani na lo undichukumisileyo?” (Luka 8:45-47) Engcangcazela luloyiko, lo mfazi wawa phambi kukaYesu waza “wamxelela yonke inyaniso.”​—Marko 5:33.

Emehlis’ ixhala, uYesu ngobubele wathi: “Yomelela, ntombi!” (Mat. 9:22) Abaphengululi beBhayibhile bathi igama lesiHebhere nelesiGrike elithi “ntombi” linokusetyenziswa njengesafobe sokubonisa “ububele nokuthantamisa.” UYesu walehlisa nangakumbi ixhala lalo mfazi ngokuthi: “Ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uze uphile kwisifo sakho esibuhlungu.”​—Marko 5:34.

“Ntombi.” UmMowabhikazi uRute wabizwa ngolo hlobo nguBhohazi, indoda efumileyo yakwaSirayeli. Naye wayenesizathu sokoyika kuba wayebhikica irhasi kwintsimi yendoda angayaziyo. UBhohazi wathi: “[Mamela] ntombi yam.” Emva koko, wathi kuRute makaqhubeke ebhikica kwintsimi yakhe. URute wawa ngobuso phambi kukaBhohazi waza wabuza ukuba kutheni enobubele kangaka kumntu wasemzini. UBhohazi wamehlis’ ixhala ngokuthi: “Kunikelwe ingxelo kum ngako konke oko ukwenzele unyokozala [umhlolokazi onguNahomi] . . . Wanga uYehova angayivuza indlela owenza ngayo.”​—Rute 2:8-12

UYesu noBhohazi bayimizekelo emihle kubadala! Ngamanye amaxesha, abadala ababini banokuya kumfazi ongumKristu ofuna ukuncedwa ngeZibhalo nokukhuthazwa. Emva kokuba becele ukwalathiswa nguYehova ngomthandazo nokumamela kakuhle xa udade ethetha, abadala banokukwazi ukumehlis’ ixhala baze bamkhuthaze ngeLizwi likaThixo.​—Roma 15:4.