Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Umsebenzi Mkhulu”

“Umsebenzi Mkhulu”

LIXESHA lentlanganiso ebaluleke kakhulu eYerusalem. UKumkani uDavide ubize zonke iinkosana, amagosa enkundla namadoda anamandla. Bavuyiswa kakhulu kukuva isaziso esikhethekileyo. UYehova uthume unyana kaDavide, uSolomon, ukuba akhe isakhiwo esingaqhelekanga sokunqulela uThixo wenene. UDavide, osele ekhulile ufumene iplani ngokuphefumlelwa waza wayinika uSolomon. Uthi: “Umsebenzi mkhulu; kuba inqaba le asiyamntu, kodwa yekaYehova uThixo.”​—1 Kron. 28:1, 2, 6, 11, 12; 29:1.

Emva koko uDavide ubuza lo mbuzo: “Ngubani okhoyo ozinikela ngokuzithandela ukuba azalise namhlanje isandla sakhe ngesipho sikaYehova?” (1 Kron. 29:5) Ukuba wawulapho, wawuya kuphendula uthini? Ngewawuwuxhasile lo msebenzi mkhulu kangaka? AmaSirayeli awazange alibazise. Enyanisweni aba “nemihlali ngokwenza umnikelo wokuzithandela kuYehova.”—1 Kron. 29:9.

Kwiinkulungwane kamva, uYehova wasungula into enkulu lee kunetempile. Waqalisa itempile enkulu yokomoya, ilungiselelo lokuba abantu bamnqule ngokusekelwe kwidini likaYesu. (Heb. 9:11, 12) UYehova ubanceda njani abantu baxolelaniswe naye namhlanje? Ngomsebenzi wethu wokwenza abafundi. (Mat. 28:19, 20) Ngenxa yalo msebenzi, nyaka ngamnye izigidi ngezigidi zezifundo zeBhayibhile ziyaqhutywa, inyambalala yabafundi iyabhaptizwa, namakhulukhulu amabandla ayasekwa.

Ulwando olungako lubangela ukuba kushicilelwe iiBhayibhile ezininzi, kwakhiwe kuze kulungiswe iiHolo zoBukumkani, kwaye kuthengwe iziza zeeholo zendibano. Ngaba awuvumi ukuba umsebenzi wethu wokusasaza iindaba ezilungileyo mkhulu kwaye unomvuzo?​—Mat. 24:14.

Ukuthanda uThixo nommelwane nokungxamiseka komsebenzi wokushumayela ngoBukumkani zibangela abantu bakaThixo ‘bazalise izandla zabo ngesipho sikaYehova’ ngeminikelo yokuzithandela. Kuvuyisa kakhulu ‘ukubeka uYehova ngezinto zethu zexabiso’ nokubona indlela loo minikelo esetyenziswa ngokuthembeka nangokuqonda ngayo ukuze kwenziwe owona msebenzi mkhulu kwimbali yoluntu!​—IMize. 3:9.