Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

SIPHAKULA KOOVIMBA BETHU

“Bavakalisi BaseBritani​—Vukani!!”

“Bavakalisi BaseBritani​—Vukani!!”

KWAHLATYWA eli khwelo: “Bavakalisi BaseBritani​—Vukani!!” (Informant, * kaDisemba 1937, uhlelo lwaseLondon) Umxholwana wongezelela wathi: “Khange Kubekho Lwando Lungako Kwiminyaka Elishumi.” Ingxelo yentsimi ka-1928 ukuya ku-1937 eyayikwiphepha lokuqala yayingqina loo nto.

NGABA BABEBANINZI KAKHULU OOVULINDLELA?

Yintoni eyayilibazisa umsebenzi eBritani? Amabandla ayebetha ngesingqi esinye. Ukongezelela, isebe lagqiba ekubeni babanele oovulindlela abayi-200 kuloo ntsimi, ibe babesebenza kwintsimi ekwanti kungekhona nebandla. Ngoko isebe lalixelela abantu ababefuna ukuba ngoovulindlela eBritani ukuba banele apho, mabaye kwamanye amazwe aseYurophu. Oovulindlela abaninzi bayishiya iBritani baya kumazwe afana neFransi, nangona babengalwazi kakuhle okanye bengalwazi kwaukulwazi ulwimi lwalapho, ibe iyancomeka into abayenzayo.

“IKHWELO”

Inqaku elalikwi-Informant ka-1937 lababekela iiyure eziyi-1 000 000 ekwakuza kufuneka basebenze nzima ukuze bazenze ngo-1938. Babenokuzenza ukuba umvakalisi ngamnye wayenokushumayela iiyure eziyi-15 ngenyanga aze uvulindlela ngamnye ashumayele eziyi-110. Bacetyiswa nokuba babe namaqela entsimi ashumayela iiyure ezintlanu ngosuku, kwenziwe amabuyelo ingakumbi ngeengokuhlwa phakathi evekini.

Oovulindlela abatsha ziintambo babeshumayela ngenkuthalo

Abaninzi bayamkela ngezandla ezishushu le nto yokuba kukhuthazwe intsimi. UHilda Padgett * wathi: “Yayilikhwelo eliphuma kwikomkhulu ibe abaninzi bethu kwakukudala belilindele yaye kungakhange kube kudala laba nemiphumo encumisayo.” UDade E. F. Wallis wathi: “Icebiso lokushumayela iiyure ezintlanu ngosuku lalisemagqabini! Yintoni enye ebinokwenza umntu avuye njengokuchitha imini yonke kumsebenzi weNkosi? . . . Sasibuya sidinwe siyimfe, kodwa uvuyo olwalupho!” UStephen Miller owayesemncinci ngoko, wabona kungxamisekile ukwenza oku waza wazenza wafumaneka. Wayefuna ukushumayela ngoxa ixesha lalisamvumela. Ukhumbula amaqela ayehamba ngeebhayisekile eshumayela imini yonke aze ngeengokuhlwa ehlotyeni adlale iintetho ezirekhodiweyo. Babekhuthele, besenza imingcelele, bephatha iiplacards yaye behambisa iimagazini esitratweni.

I-Informant yenza esi sibongozo sitsha: “Kufuneka oovulindlela abayi-1 000.” Kwabakho nendlela entsha yokusebenza intsimi, oovulindlela babeza kusebenza nebandla ngoku, balixhase kwaye balincede lenze inkqubela. UJoyce Ellis (owayengowakwaBarber engekatshati) wathi: “Abazalwana abaninzi baqonda ukuba kufuneka babe ngoovulindlela. Nangona ngelo xesha ndandineminyaka eyi-13 kuphela, ndandifuna ukuba nguvulindlela qha.” Waba nguye ngoJulayi 1940, xa wayeneminyaka eyi-15. UPeter, owatshata noJoyce kamva, waliva ikhwelo elithi “Vukani” waza “waqalisa ukucinga ngokuba nguvulindlela.” NgoJuni 1940 xa wayeneminyaka eyi-17, wahamba ngebhayisekile iikhilomitha eziyi-105 esiya kwisabelo sakhe esitsha esiya kuba nguvulindlela eScarborough.

UCyril noKitty Johnson bangumzekelo woovulindlela abatsha abancama izinto zabo. Bagqiba ekubeni bathengise indlu nezinye izinto zabo ukuze bakwazi ukuzixhasa ngoxa bekwinkonzo yexesha elizeleyo. UCyril wayeka ukuphangela yaye kungaphelanga nenyanga emva koko, babekulungele ukuba ngoovulindlela. Wathi: “Sasiqinisekile ukuba siyafuna ukukwenza oku. Sakwenza ngokuzithandela, sivuya.”

KWABAKHO AMAKHAYA OOVULINDLELA

Njengoko inani loovulindlela lalisanda ngokukhawuleza, abazalwana abakhokelayo bacinga ngeendlela ababenokubaxhasa ngazo. UJim Carr owayesisicaka secandelo (ngoku esaziwa ngokuba ngumveleli wesiphaluka) ngo-1938, wasebenzisa icebiso lokuba kubekho amakhaya oovulindlela ezixekweni. Oovulindlela bacelwa ukuba bahlale njengamaqela baze basebenze kunye ukuze kucuthwe iindleko. ESheffield, baqesha ubhazabhaza wendlu ibe kwakukho umzalwana owayeqinisekisa ukuba izinto zihamba kakuhle. Ibandla lasekuhlaleni lalinikela ngemali nangempahla yendlu. UJim wathi: “Wonk’ umntu wayesebenza nzima ukuze eli lungiselelo liphumelele. Kwakuhlala oovulindlela abalishumi ababekhuthele apho, yaye babefundisisa rhoqo. Babexubusha itekisi yosuku ntsasa nganye ngesidlo sakusasa,” yaye “oovulindlela babesiya kwintsimi ababelwe kuyo apho esixekweni suku ngalunye.”

Kwafika oovulindlela abaninzi eBritani

Abavakalisi noovulindlela baliva ikhwelo baza bazifikelela iiyure eziyi-1 000 000 ngo-1938. Iingxelo zibonisa ukuba kwabakho ulwando kuzo zonke iinkalo zentsimi. Kwiminyaka emihlanu, inani labavakalisi eBritani laphantse laphindeka kathathu. Eli phulo lokuzinikela ngakumbi entsimini labomeleza abantu bakaYehova ukuze bakwazi ukunyamezela iminyaka eyayiza kuba nzima ngexesha lemfazwe.

Kule mihla, inani loovulindlela eBritani liyanda kwakhona njengoko imfazwe kaThixo iArmagedon isemnyango. Kwiminyaka elishumi edlulileyo, inani loovulindlela liye lafikelela iincopho ezintsha, de laya kutsho ku-13 224 ngo-Oktobha 2015. Aba vulindlela bayiqonda kakuhle into yokuba inkonzo yexesha elizeleyo yenye yezona ndlela zimnandi zokuphila ubomi.

^ isiqe. 3 Kamva yabizwa ngokuba buBulungiseleli Bethu BoBukumkani.

^ isiqe. 8 Ibali lobomi likaDade Padgett likwiMboniselo kaOktobha 1, 1995, iphepha 19-24.