Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | UZA KUSAMKELA ISIPHO ESIKHULU SIKATHIXO?

Uza Kwenza Ntoni Ngesipho Esikhulu SikaThixo?

Uza Kwenza Ntoni Ngesipho Esikhulu SikaThixo?

“Uthando analo uKristu luyasinyanzela . . . wafela bonke ukuze abo baphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele yena lowo wabafelayo.”2 Korinte 5:14, 15.

ESI sipho simangalisayo simele sisenze sibonise umbulelo. UYesu wabonisa ukubaluleka kokubulela emva kokuphilisa amadoda alishumi awayenesifo esinganyangekiyo ngelo xesha. Enye yawo ‘yabuyela kuye, yazukisa uThixo ngelizwi elikhulu.’ UYesu wathi: “Kuhlanjululwe balishumi, akunjalo? Baphi na ke abanye abasithoba?” (Luka 17:12-17) Sifunda ntoni? Sinokuzilibala lula izinto ezintle abantu abasenzela zona.

Intlawulelo ayifani naso nasiphi na esinye isipho. Sesona sipho sibalulekileyo sakha sasifumana. Kodwa ke yintoni onokuyenza ukubonisa ukuba uyasixabisa esi sipho sikaThixo?

  • Mazi umntu okuphe sona. Intlawulelo ayivele ibenze abantu bafumane ubomi obungunaphakade. Xa wayethandaza kuThixo uYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Masithi uxelelwa ngendoda eyasindisa ubomi bakho usemncinci, ngaba ubungayi kufuna ukuyazi nesizathu esayenza yakusindisa? UYehova uThixo, osinike intlawulelo esindisa ubomi, ufuna singapheleli nje ekumazini, kodwa sisondele kuye. IBhayibhile ithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”—Yakobi 4:8.

  • Yiba nokholo kwintlawulelo. “Lowo ubonisa ukholo kuNyana unobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:36) Kuthetha ukuthini ukuba nokholo? Ukuba nokholo kwintlawulelo kuthetha ukuba kufuneka senze okuthile. (Yakobi 2:17) Sikwenza njani oko? Ukuze isipho sibe sesakho, kufuneka usamkele. Ngoko simele samkele intlawulelo. Njani? Simele sifunde ngendlela uThixo afuna siphile ngayo, size siphile ngokuvumelana noko sikufundayo. * Simele sithandazele ukuba uThixo asixolele aze asiphe isazela esicocekileyo. Sithethe naye siqinisekile ukuba xa sinokholo kwintlawulelo siza kuphila ngonaphakade siseluxolweni kwaye sikhuselekile!—Hebhere 11:1.

  • Yiya kwiSikhumbuzo sokufa kukaYesu. UYesu waqalisa esi sikhumbuzo ukuze sikhumbule intlawulelo esayifumanayo. Ukuze senziwe wathi: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” (Luka 22:19) Ngengokuhlwa yangoLwesibini, Aprili 11, 2017, amaNgqina kaYehova aza kube ekhumbula ukufa kukaYesu. Kwiyure nje enye, kuza kube kucaciswa ukubaluleka kokufa kukaYesu neentsikelelo esizifumana ngoku nakwixesha elizayo. Kunyaka ophelileyo, abantu abazizigidi eziyi-20 ehlabathini lonke bebeyile kwiSikhumbuzo. Siyakumema ukuba nawe uyokuva ngesi sipho uThixo asiphe sona.

^ isiqe. 7 Eyona ndlela yokumazi uThixo nokusondela kuye, kukufunda iLizwi lakhe, iBhayibhile. Unokwenza oku ngokubuza iNgqina likaYehova okanye ungene kwiwebhsayithi yethu, u-www.pr418.com/xh.