Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ITetragrammaton, igama elingcwele likaThixo, uYehova, ngoonobumba besiHebhere, lifunde ukusuka ekunene

Isiqinisekiso Esisifumana Koyena Nobumba WesiHebhere Mncinci

Isiqinisekiso Esisifumana Koyena Nobumba WesiHebhere Mncinci

Ngaba sinokuqiniseka ukuba ziza kwenzeka zonke izinto esizithenjiswa nguThixo? Yena uYesu wayeqinisekile, ibe neemfundiso zakhe zazisenza abantu abamphulaphuleyo babe nokholo. Khawucinge ngalo mzekeliso ukuMateyu 5:18 awawenza kwiNtshumayelo yakhe Yasentabeni: “Kuba inene ndithi kuni, kungade kudlule izulu nomhlaba kunokuba kudlule namnye unobumba omncinci okanye nalinye isuntswana lonobumba woMthetho zingenzekanga zonke ezo zinto.”

Oyena nobumba mncinci wesiHebhere ngu-י (yod), ongunobumba wokuqala weTetragrammaton, igama elingcwele likaThixo, uYehova. * Kubabhali nabaFarisi yayingengomagama noonobumba boMthetho kaThixo kuphela ababenentsingiselo ebalulekileyo, kodwa ‘kwanesuntswana lonobumba’ lalithetha lukhulu kubo.

UYesu wayesithi kunokude kudlule izulu nomhlaba kunokuba eyona nkcukacha incinane yoMthetho ingenzeki. Kodwa zona iZibhalo zisiqinisekisa ngokuba amazulu okoqobo nomhlaba wokoqobo, zombini ziya kuhlala ngonaphakade. (INdumiso 78:69) Ngoko uYesu wayebonisa ukuba akukho nenkcukacha encinane yoMthetho eya kudlula ingenzekanga.

Ngaba zibalulekile kuYehova uThixo iinkcukacha ezincinane? Ewe. Khawucinge ngale nto: AmaSirayeli akudala axelelwa ukuba ayengamele aphule nalinye ithambo lemvu exhelelwe iPasika. (Eksodus 12:46) Mhlawumbi loo mthetho wawubonakala ungenamsebenzi. Ayesazi isizathu sokuba engafanele aphule nalinye ithambo? Mhlawumbi ayengasazi. Kodwa yena uYehova uThixo wayesazi ukuba lo mthetho wawuprofeta ngoMesiya, ukuba wayengayi kophulwa nalinye ithambo xa ebulawa kwisibonda sentuthumbo.—INdumiso 34:20; Yohane 19:31-33, 36.

Asifundisa ntoni amazwi kaYesu? Simele sizithembe zonke izinto esizithenjiswe nguYehova uThixo ukuba ziza kwenzeka, nezona nkcukacha zincinane zihamba nezo zithembiso. Ngoko sinokuqiniseka ukuba nezona nkcukacha zincinane zesiprofeto uYesu awazifanisa noyena nobumba mncinci wesiHebhere, ziza kwenzeka.

^ isiqe. 3 Oyena nobumba mncinci wesiGrike ngu-iota, ibe kuyacaca ukuba uyafana nalo wesiHebhere ungu-י (yod). Ekubeni uMthetho KaMoses wawubhalwe waza wadluliselwa ngesiHebhere, kusenokwenzeka ukuba uYesu wayebhekisela kunobumba wesiHebhere.