Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | IINGELOSI​—NGABA ZIKHO NYHANI? KUTHENI IBALULEKILE LOO NTO

Ithini IBhayibhile Ngeengelosi

Ithini IBhayibhile Ngeengelosi

Ngaba ungathanda ukwazi inyaniso ngeengelosi, ukuba ziingoobani, zivela phi ibe zenza ntoni? Ayikho enye indawo esinokufumana kuyo iimpendulo ezichanileyo ngaphandle kweLizwi likaThixo, iBhayibhile. (2 Timoti 3:16) Ithini ke iBhayibhile?

  • Ekubeni uThixo enguMoya, nazo iingelosi zingumoya ibe ‘azinanyama namathambo.’ Iingelosi ezithembekileyo zihlala ezulwini ibe ziyakwazi ukusondela phambi kukaThixo.​—Luka 24:39; Mateyu 18:10; Yohane 4:24.

  • Ngamanye amaxesha, iingelosi zikhe zibe njengabantu ukuze zenze imisebenzi eziyithunywe nguThixo emhlabeni, zize ziphinde zibuyele kwimizimba yazo xa ziyenzile loo misebenzi.​—ABagwebi 6:11-23; 13:15-20.

  • Nakubeni iingelosi zisoloko zibonakala njengamadoda eBhayibhileni, inyaniso kukuba akukho ngelosi iyindoda okanye umfazi. Azitshati okanye zibe nabantwana. Enye into, iingelosi zona azifani nabantu, zange ziqale zibe ngabantwana zaza zakhula. Zadalwa nguYehova, yiloo nto iBhayibhile isithi ‘ngoonyana boThixo oyinyaniso.’​—Yobhi 1:6; INdumiso 148:2, 5.

  • IBhayibhile ithetha “ngeelwimi zabantu nezeengelosi,” nto leyo ebonisa ukuba neengelosi ziyathetha okanye zinolwimi lwazo. Nakubeni uThixo eye wasebenzisa iingelosi ukuze athethe nabantu, akafuni ukuba sizinqule okanye sithandaze kuzo.​—1 Korinte 13:1; ISityhilelo 22:8, 9.

  • Kukho amashumi amawaka eengelosi ezisenokuba zide zafikelela kwiibhiliyoni. *​—Daniyeli 7:10; ISityhilelo 5:11.

  • Iingelosi ‘zomelele ngamandla,’ zinamandla ngaphezu kwabantu ibe zikrelekrele kunabo. Zinokuhamba ngesantya esiphezulu kakhulu ukogqitha nayiphi na enye into.​—INdumiso 103:20; Daniyeli 9:20-23.

  • Nakubeni zikrelekrele ibe zinamandla, zinezinto ezingakwaziyo ukuzenza nezingazaziyo.​—Mateyu 24:36; 1 Petros 1:12.

  • Iingelosi zadalwa zanobuntu neempawu ezingafaniyo nenkululeko yokuzikhethela. Ngoko, nazo njengabantu, zinokukhetha ukwenza okulungileyo okanye okubi. Okubuhlungu kukuba, ezinye iingelosi zakhetha ukungamthobeli uThixo.​—Yude 6.

^ isiqe. 8 Ishumi lamawaka yi-10 000. I-10 000 ephindwe ngo-10 000 yi-100 miliyoni. Sekunjalo, iSityhilelo sithetha “ngamashumi amawaka aphindwe ngamashumi amawaka” eengelosi. Loo nto ithetha ukuba kukho amakhulu ezigidi zeengelosi okanye iibhiliyoni!