Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intlawulelo esayiphiwa nguThixo, sesona sipho sizodlula zonke, kuba ngenxa yaso siyakwazi ukufumana ubomi obungunaphakade

INQAKU ELINGUMXHOLO | ESONA SIPHO SIZODLULA ZONKE

Esona Sipho Sizodlula Zonke

Esona Sipho Sizodlula Zonke

“Sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo sivela phezulu, kuba sihla sivela kuYise wezikhanyiso zesibhakabhaka.” (Yakobi 1:17) Esi sibhalo sithetha ngobubele anabo uBawo wethu osezulwini, uYehova uThixo. Kodwa ke, kukho esizodlula zonke izipho uThixo azinike abantu. Sesiphi eso sipho? Amazwi kaYesu aziwa kakhulu akuYohane 3:16 athi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”

Ngoko esona sipho sizodlula zonke, sisipho soNyana kaThixo okuphela kwamzeleyo kuba ngaso siyakwazi ukukhululwa kubukhoboka besono, ukuguga nokufa. (INdumiso 51:5; Yohane 8:34) Noba besinokuzama kangakanani na, besingasoze sikwazi ukuzikhulula kobu bukhoboka. Kodwa ke, kuba esithanda uThixo usinike kanye le nto siyidingayo ukuze sikhululeke. Uye wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, uYesu Kristu, ukuba abe yintlawulelo. Loo nto yenze ukuba abo bamthobelayo uThixo babe nethemba lokuphila ngonaphakade. Kodwa ke, yintoni intlawulelo? Kutheni ifuneka? Isinceda njani?

Intlawulelo yinto obhatala ngayo into elahlekileyo okanye okhulula ngayo umntu olikhoboka. IBhayibhile isichazela ukuba abazali bethu bokuqala, uAdam noEva babedalwe bengenasono ibe babeza kuphila ubomi obungenasiphelo kunye nabantwana ababeza kuba nabo. (Genesis 1:26-28) Ngelishwa, balahlekelwa yiyo yonke loo nto kuba bakhetha ukungamthobeli uThixo baza baba ngaboni. Loo nto yaphumela entweni? IBhayibhile ithi: “Kanye njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” (Roma 5:12) Endaweni yokuba uAdam abe nabantwana abafezekileyo, abantwana bakhe baba nesono esibangela ukuba bafe.

Ukuze kwenziwe intlawulelo, le nto ubhatala ngayo kufuneka ilingane nale ibilahlekile. UAdam wakhetha ukungamthobeli uThixo, ngoko wabulahla ubomi obufezekileyo, wanesono. IBhayibhile isichazela ukuba loo nto yabangela abantwana bakhe babe nesono baze bafe. Ngoko kwafuneka omnye umntu ofezekileyo, uYesu, ancame ubomi bakhe ukuze abakhulule kweso sono. (Roma 5:19; Efese 1:7) Ngenxa yale ntlawulelo yakhutshwa nguThixo ngonyana wakhe, abantu baba nethemba lokuphila ngonaphakade kwiparadesi esemhlabeni eyalahlwa nguAdam noEva.​—ISityhilelo 21:3-5.

Ngoko akakho umntu onokuthandabuza ukuba esi sipho sikaThixo siyintlawulelo sesona sikhulu ngaphezu kwazo zonke, kuba ngenxa yaso sinethemba lobomi obungunaphakade. Kwinqaku elingaphambi kweli sithethe ngezinto ezinokusinceda siphe abanye izinto abaza kuzithanda. Ukuze siqonde indlela intlawulelo ‘esisipho esigqibelele’ ngayo, makhe sibone indlela egqwesileyo ezifikelela ngayo ezi zinto besithethe ngazo.

Sifumana into esiyinqwenelayo. Abantu badalwe banomnqweno wokuphila ngonaphakade. (INtshumayeli 3:11) Ukuba uThixo ebengakhange asiphe intlawulelo, ngesingenalo ithemba lokuphila ngonaphakade. IBhayibhile ithi: “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa, kodwa isipho uThixo asinikayo bubomi obungunaphakade.”​—Roma 6:23.

Yile nto siyidingayo. Umntu ongafezekanga ebengasoze akwazi ukusihlawulela. IBhayibhile ithi: “Ixabiso lokubakhulula lixabisekile, kangangokuba liphele ukusa kwixesha elingenammiselo.” (INdumiso 49:8) Ngoko besiludinga nyhani uncedo lukaThixo ukuze sikhululwe esonweni nasekufeni. Kodwa uThixo usinike kanye le nto siyidingayo ‘ngokusikhulula ngentlawulelo ngoKristu Yesu.’​—Roma 3:23, 24.

Sifike ngexesha elifanelekileyo. IBhayibhile ithi: ‘Ngoxa sasisengaboni, uKristu wasifela.’ (Roma 5:8) Ngenxa yokuba intlawulelo sayinikwa “ngoxa sasisengaboni,” sitsho sibone indlela uThixo asithanda ngayo nangona sinesono. Ibe ngenxa yayo sinethemba lokuba izinto ziza kulunga nangona okwangoku kusafuneka sinyamezele imiphumo yesono.

Sibonisa ukuba uyasithanda. Xa iBhayibhile ichaza isizathu sokuba uThixo anikele ngoNyana wakhe ukuze abe yintlawulelo, ithi: “Kwabonakaliswa ngale ukusithanda kukaThixo, ngokuthi uThixo athumele uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo ehlabathini ukuze sizuze ubomi ngaye. Ngoko ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo.”​—1 Yohane 4:9, 10.

Ungabonisa njani ukuba unombulelo ngesi sipho sikhulu kangaka? Khumbula amazwi akuYohane 3:16, apho uYesu athi kuza kusinda kuphela abo ‘babonisa ukholo’ kuye. IBhayibhile ithi: “Ukholo lululindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjiweyo.” (Hebhere 11:1) Ukuze uqiniseke ngolo hlobo, kufuneka ube nolwazi oluchanileyo. Ngoko sicela uziphe ixesha lokufunda ngoYehova uThixo, osiphe esi sipho sikhulu kangaka, nangento ekufuneka uyenze ukuze uphile ubomi obungunaphakade esikwazi ukubufumana ngenxa yentlawulelo kaYesu.

Yonke le mfundiso yeZibhalo ungayifumana kwiwebhsayithi ethi, www.pr418.com/xh. AmaNgqina KaYehova angathanda ukukunceda. Siqinisekile ukuba njengoko ufunda ngesi sipho sikhulu kangaka ibe sikunceda, uza kuthetha la mazwi: “Ndiyambulela uThixo ngaye uYesu Kristu iNkosi yethu!”​—Roma 7:25.